bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Genesis 36
Genesis 36
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 35
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 37 →
1
Yiyo le ke inzala kaEsawu, onguEdom.
2
UEsawu wabazeka abafazi bakhe ezintombini zakwaKanan: uAda, intombi kaElon umHeti, oAholibhama, intombi ka-Ana, intombi kaTsibheyon umHivi;
3
wazeka noBhasemati, intombi kaIshmayeli, udade boNebhayoti.
4
UAda wamzalela uEsawu uElifazi: uBhasemati wazala uRehuweli.
5
UAholibhama wazala uYehushe, noYalam, noKora. Ngabo abo oonyana bakaEsawu, awabazalelwayo ezweni lakwaKanan.
6
UEsawu wabathabatha abafazi bakhe, noonyana bakhe, neentombi zakhe, nabendlu yakhe yonke, nemfuyo yakhe, namaqegu akhe onke, nengqwebo yakhe yonke abeyiqebile ezweni lakwaKanan, waya kwelinye ilizwe, emka ngenxa kaYakobi umninawa wakhe.
7
Kuba ingqwebo yabo ibininzi, ukuze bangabi nakuhlala ndawonye; nelizwe lokuphambukela kwabo libe lingenakubathwala, ngenxa yemfuyo yabo.
8
Wahlala uEsawu entabeni yakwaSehire. UEsawu ke lowo nguEdom.
9
Yiyo le ke inzala kaEsawu, uyise wamaEdom, entabeni yakwaSehire.
10
Ngawo la ke amagama oonyana bakaEsawu: nguElifazi, unyana ka-Ada, umkaEsawu; nguRehuweli, unyana kaBhasemati, umkaEsawu.
11
Oonyana bakaElifazi nguTeman, no-Omare, noTsefo, noGatam, noKenazi.
12
UTimna ebelishweshwe likaElifazi, unyana kaEsawu, wamzalela uElifazi uAmaleki;
13
ngabo abo oonyana baka-Ada, umkaEsawu. Ngabo aba oonyana bakaRehuweli: uNahati, noZera, noShama, noMiza. Ngabo abo oonyana bakaBhasemati, umkaEsawu.
14
Ngabo aba oonyana baka-Aholibhama, intombi ka-Ana, intombi kaTsibheyon, umkaEsawu: wamzalela uEsawu uYehushe, noYalam, noKora.
15
Zizo ezi izikhulu zoonyana bakaEsawu: oonyana bakaElifazi, owamazibulo kuEsawu, sisikhulu esinguTeman, isikhulu esingeOmare, isikhulu esinguTsefo, isikhulu esinguKenazi, isikhulu esinguKora, isikhulu esinguGatam, isikhulu esinguAmaleki.
16
Zizo ezo izikhulu zakwaElifazi ezweni lakwaEdom; ngabo abo oonyana baka-Ada.
17
Ngabo aba oonyana bakaRehuweli, unyana kaEsawu: sisikhulu esinguNahati, isikhulu esinguZera, isikhulu esinguShama, isikhulu esinguMiza; zizo ezo izikhulu zakwaRehuweli ezweni lakwaEdom; ngabo abo oonyana bakaBhasemati, umkaEsawu.
18
Ngabo aba oonyana baka-Aholibhama, umkaEsawu: sisikhulu esinguYehushe, isikhulu esinguYalam, isikhulu esinguKora; zizo ezo izikhulu zakwa-Aholibhama, intombi ka-Ana, umkaEsawu.
19
Ngabo abo oonyana bakaEsawu, zizo ezo izikhulu; nguEdom ke lowo.
20
Ngabo abo oonyana bakaSehire umHori, ababemi kwelo zwe:uLotan, noShobhali,
21
noTsibheyon, oAna, noDishon noEtsere, noDishan; zizo ezo izikhulu zamaHori, oonyana bakaSehire, ezweni lakwaEdom.
22
Oonyana bakaLotan babengamaHori, noHemam; udade boLotan nguTimna.
23
Ngabo aba oonyana bakaShobhali: nguAlevan, noManahati, noEbhali, noShefo, no-Onam.
24
Ngabo aba oonyana bakaTsibheyon: nguAya noAna. Ngulo Ana wayifumanayo imithombo eshushu entlango, esalusa amaesile kaTsibheyon uyise.
25
Ngabo aba oonyana baka-Ana: NguDishon; uAholibhama wayeyintombi ka-Ana: nguDishon; uAholibhama wayeyintombi ka-Ana.
26
Ngabo aba oonyana bakaDishon: nguHemdan, noEshbhan, noItran, noKeran.
27
Ngabo aba oonyana bakaEtsere:
28
nguBhilehan, noZavan, noAkan. Ngabo aba oonyana bakaDishan: ngu-Utse noAran.
29
Zizo ezi izikhulu zamaHori: isikhulu esinguLotan, isikhulu esinguShobhali, isikhulu esinguTsibheyon, isikhulu esinguAna, isikhulu esinguDishon,
30
isikhulu esinguEtsere, isikhulu esinguDishan; zizo ezo izikhulu zamaHori, ngokwezikhulu zabo ezweni lakwaSehire.
31
Ngabo aba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom, kungekabikho kumkani unobukumkani kubo oonyana bakaSirayeli:
32
uBhela, unyana kaBhehore, walawula kwaEdom; igama lomzi wakhe yiDinabha.
33
Wafa uBhela, wathi uYobhabhi, unyana kaZera waseBhotsera, walawula esikhundleni sakhe.
34
Wafa uYobhabhi, wathi uHusham, wasezweni lamaTeman, walawula esikhundleni sakhe.
35
Wafa uHusham, wathi uHadadi, unyana kaBhedadi, owawatshabalalisayo amaMidiyan emhlabeni wamaMowabhi, walawula esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe yiAviti.
36
Wafa uHadadi, wathi uSamla waseMasereka walawula esikhundleni sakhe.
37
Wafa uSamla, wathi uSawule, waseRehobhoti yoMlambo, walawula esikhundleni sakhe.
38
Wafa uSawule, wathi uBhahali-hanan, unyana ka-Akebhore, walawula esikhundleni sakhe.
39
Wafa uBhahali-hanan, unyana ka-Akebhore, wathi uHadare walawula esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe yiPawu; igama lomkakhe nguMehetabheli, intombi kaMatrede, intombi kaMezahabhi.
40
Ngawo la amagama ezikhulu zakwaEsawu ngokwezizwe zazo, ngokweendawo zazo, ngamagama azo: isikhulu esinguTimna, isikhulu esinguAleva, isikhulu esinguYetete,
41
isikhulu esinguAholibhama, isikhulu esinguEla, isikhulu esinguPinon,
42
isikhulu esinguKenazi, isikhulu esinguTeman, isikhulu esinguMibhetsare,
43
isikhulu esinguMagediyeli, isikhulu esinguIram. Zizo ezo izikhulu zakwaEdom, ngokwamakhaya azo, ezweni lokuma kwazo.NguEsawu ke lowo uyise wamaEdom.
← Chapter 35
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 37 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50