bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Genesis 29
Genesis 29
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 28
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 30 →
1
Wesuka uYakobi, waya ezweni labasempumalanga.
2
Wakhangela, wabona iqula ezweni, nantso ikhona imihlambi emithathu yempahla emfutshane, ibuthile ngakulo; kuba imihlambi yayisezwa kwelo qula. Kukho ilitye elikhulu emlonyeni wequla.
3
Yabe ihlanganiselwa khona yonke imihlambi, baliqengqe ilitye, balisuse emlonyeni wequla, bayiseze impahla emfutshane, balibuyisele ilitye elo emlonyeni wequla endaweni yalo.
4
UYakobi wathi kubo, Bazalwana bam, nivela phi na? Bathi bona, Sivela kwaHaran.
5
Wathi kubo, Niyamazi na uLabhan, unyana kaNahore? Bathi, Siyamazi.
6
Wathi kubo, Usaphilile na? Bathi, Usaphilile; nanku noRakeli, intombi yakhe, esiza nempahla emfutshane.
7
Wathi, Yabonani, kusesemini enkulu, asilixa lakuhlanganisa impahla; yisezeni impahla emfutshane, niye kwalusa.
8
Bathi, Asinako, ide ihlanganiswe yonke imihlambi, liqengqwe ilitye, lisuke emlonyeni wequla, siyiseze ke impahla emfutshane.
9
Ke kaloku esathetha nabo, wafika uRakeli nempahla emfutshane kayise; kuba ubeyalusa.
10
Kwathi, uYakobi akumbona uRakeli intombi kaLabhan, uninalume, nempahla emfutshane kaLabhan uninalume, wasondela uYakobi, waliqengqa ilitye lesuka emlonyeni wequla, wayiseza impahla emfutshane kaLabhan uninalume.
11
UYakobi wamanga uRakeli, waliphakamisa izwi lakhe, wasitsho isililo.
12
UYakobi wamxelela uRakeli ukuba ungumzalwana kayise, nokuba ungunyana kaRebheka. Wagidima yena waxelela uyise.
13
Kwathi, uLabhan akuluva udaba lukaYakobi, unyana wodade wabo, wagidima waya kumkhawulela, wamwola, wamanga, wamngenisa endlwini yakhe. Yena wambalisela uLabhan ngezo ndawo zonke.
14
Wathi uLabhan kuye, Okunene ulithambo lam, uyinyama yam.Wahlala naye inyanga iphela.
15
Wathi uLabhan kuYakobi, Kungokuba ungumzalwana wam na, le nto undikhonza negelize? Ndixelele umvuzo wakho.
16
Ke kaloku uLabhan waye eneentombi ezimbini; igama lenkulu lalinguLeya, igama lenci lalinguRakeli.
17
Ke uLeya wayenechaphothi; uRakeli wayemhle isiqu, emhle imbonakalo.
18
UYakobi ubemthanda uRakeli, wathi, Ndokukhonza iminyaka esixhenxe egenxa kaRakeli, intombi yakho enci.
19
Wathi uLabhan Kulungile ukuba ndimnike wena, kunokuba ndimnike enye indoda; hlala nam ke.
20
UYakobi wakhonza ke iminyaka esixhenxe ngenxa kaRakeli;yanga yimihla embalwa emehlweni akhe, ngenxa yokumthanda kwakhe.
21
Wathi uYakobi kuLabhan, Ndinike umkam, kuba izalisekile imihla yam, ukuba ndimngene.
22
Wawahlanganisa uLabhan onke amadoda aloo ndawo, wenza umsitho.
23
Kwathi ngokuhlwa, wathabatha uLeya intombi yakhe, wamngenisa kuye; wamngena ke yena.
24
Intombi yakhe uLeya, uLabhan wayinika uZilipa, umkhonzazana wakhe, ukuba abe ngumkhonzazana wayo.
25
Kwathi kusasa, kwabonakala inguLeya. Wathi kuLabhan, Yintoni na le nto uyenzileyo kum? Andikukhonze ngenxa undikhohlise?
26
Wathi uLabhan, Akwenjiwa njalo kowethu, ukuthi kwendiswe enci phambi kweyamazibulo.
27
Zalisa iveki yale, waleke eminye iminyaka esixhenxe;sokunika naleyo ngenkonzo oya kundikhonza ngayo.
28
Wenjenjalo uYakobi, wayizalisa iveki yale. Wamnika ke uRakeli intombi yakhe, yangumkakhe.
29
Intombi yakhe uRakeli, uLabhan wayinika uBhiliha, umkhonzazana wakhe, ukuba abe ngumkhonzazana wayo.
30
Wamngena uRakeli, wamthanda uRakeli phezu koLeya. Wakhonza ke, waleka eminye iminyaka esixhenxe.
31
UYehova wabona ukuba uLeya uthiyiwe, wasivula isizalo sakhe; ke uRakeli ebengazali.
32
Wamitha ke uLeya wazala unyana, wamthiya igama elinguRubhen, ngokuba ebesithi, UYehova uzibonile iintsizi zam;inene, iya kundithanda ngoku indoda yam.
33
Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, UYehova uvile ukuba ndithiyiwe, wandinika nalo; wamthiya igama elinguSimon.
34
Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, Khona ngoku, iya kunamathela kum indoda yam, kuba ndiyizalele oonyana abathathu;ngenxa yoko wamthiya igama elinguLevi.
35
Wabuya wamitha, wazala unyana; wathi, Okwesi sihlandlo ndiya kumdumisa uYehova; ngenxa yonke wamthiya igama elinguYuda. Wanqamka ukuzala.
← Chapter 28
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 30 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50