bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Genesis 7
Genesis 7
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 8 →
1
Wathi uYehova kuNowa, Ngena, wena nendlu yakho yonke, emkhombeni, ngokuba ndibona wena ilungisa phambi kwam kwesi sizukulwana.
2
Kwizinto zonke ezizitho zine ezihlambulukileyo, thabathela kuwe ngasixhenxe, ngasixhenxe, inkunzi nemazi yayo; kwizinto ezizitho zine eziziinqambi thabatha ngambini, inkunzi nemazi yayo;
3
nakwiintaka zezulu ngasixhenxe, ngasixhenxe, inkunzi nemazi, ukuze imbewu igcinakale ehlabathini lonke.
4
Kuba zisesixhenxe iintsuku, ndize ndinise imvula ehlabathini iimini zibe mashumi mane nobusuku obumashumi mane, ndiyicime into yonke emiyo endayenzayo, ingabikho phezu kwehlabathi.
5
Wenza uNowa konke uYehova awamwisela umthetho ngako.
6
UNowa waye eminyaka imakhulu mathandathu ezelwe, wabakho unogumbe wamanzi ehlabathini.
7
Wangena uNowa emkhombeni, enoonyana bakhe, nomkakhe, nabafazi boonyana bakhe, ndawonye naye, ngenxa yamanzi onogumbe.
8
Kuzo izinto ezizitho zine ezihlambulukileyo, nakuzo izinto ezizitho zine eziziinqambi, nakuzo iintaka, nakuzo zonke izinto ezinambuzelayo emhlabeni,
9
kwangena ngambini, ngambini, kuNowa emkhombeni, inkunzi nemazi, njengoko uThixo abemwisele umthetho uNowa.
10
Kwathi emva kweentsuku ezisixhenxe, amanzi onogumbe abakho ehlabathini.
11
Ngomnyaka wamakhulu omathandathu wokudla ubomi kukaNowa, ngenyanga yesibini, ngosuku lweshumi elinesixhenxe enyangeni leyo, kanye ngayo loo mini, yagqabhuka yonke imithombo yamanzi enzonzobila enkulu, iingcango zezulu zavuleka.
12
Wabakho umvumbi wemvula ehlabathini iimini ezimashumi mane nobusuku obumashumi mani.
13
Wangena emkhombeni kwangaloo mini uNowa, noShem noHam noYafete, oonyana bakaNowa, nomkaNowa, nabafazi bobathathu boonyana bakhe, ndawonye naye.
14
Bona, neento zonke eziphilileyo ngohlobo lwazo, nezinto zonke ezizitho zine ngohlobo lwazo, nezinambuzane zonke ezinambuzelayo emhlabeni ngohlobo lwazo, neentaka zonke ngohlobo lwazo, iinto zonke eziphaphazelayo, ezinamaphiko,
15
zangena kuNowa emkhombeni, ngambini, ngambini, kwinyama yonke enomoya wokuphila kuyo.
16
Zangena iinkunzi neemazi kwinyama yonke; zangena njengoko uThixo abemwisele umthetho. UYehova wamvalela ngaphakathi.
17
Yaba ngunogumbe imihla emashumi mane ehlabathini, enyuka amanzi, awufukula umkhombe, wafunquleka emhlabeni.
18
Aba namandla amanzi, enyuka kunene ehlabathini, wahamba umkhombe phezu kwamanzi.
19
Aba namandla amanzi kunene kakhulu ehlabathini, zagutyungelwa zonke iintaba eziphakamileyo kakhulu, eziphantsi kwamazulu onke.
20
Aba namandla amanzi, ada aba ziikubhite ezilishumi elinantlanu, ethabathela phezulu; zagutyungelwa ke iintaba.
21
Yaphuma umphefumlo yonke inyama enambuzelayo emhlabeni, kwiintaka, nakwizinto ezizitho zine, nakwizinto eziphilileyo, nakwinyakanyaka yonke enyakazelayo emhlabeni, nabantu bonke.
22
Iinto zonke ezikuphefumla komoya wokuphila kusemathatheni azo, kwiinto zonke ezisemhlabeni owomileyo, zafa.
23
Zabhujiswa ke izinto zonke ezimiyo, eziphezu komhlaba, kwathabathela emntwini kwesa ezintweni ezizitho zine, nasezinambuzaneni, nasezintakeni zezulu; zabhujiswa azabakho ehlabathini; kwasala uNowa yedwa, nababenaye emkhombeni.
24
Aba namandla amanzi ehlabathini imihla elikhulu elinamanci mahlanu.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
Recommended Reading
Commentary
Genesis Commentaries
→
Devotional
Genesis Devotional Guide
→
Get This Bible
Xhosa (IZIBHALO EZINGCWELE) Study Bible
→