bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Genesis 35
Genesis 35
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 34
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 36 →
1
Ke kaloku wathi uThixo kuYakobi, Suka uye eBheteli, uhlale khona, wenze khona isibingelelo kuThixo, owabonakalayo kuwe ekubalekeni kwakho ebusweni bukaEsawu, umkhuluwa wakho.
2
Wathi ke uYakobi kwindlu yakhe, nakubo bonke ababenaye, Susani izithixo zasemzini eziphakathi kwenu, nina nizihlambulule, ninxibe ngubo zimbi;
3
sisuke, sinyuke siye eBheteli, senze khona isibingelelo kuThixo, owandiphendula ngomhla wokubandezeleka kwam, obe nam endleleni endandihamba ngayo.
4
Bazinika uYakobi zonke izithixo zasemzini ebezisesandleni sabo, namajikazi abesezindlebeni zabo; uYakobi wazimbela phantsi komoki obungakwaShekem.
5
Banduluka; uqhiphulo-mbilini ngoThixo lwaba phezu kwemizi ngeenxa zonke kubo, ayabasukela oonyana bakaYakobi.
6
Wafika uYakobi eLuzi, esezweni lakwaKanan, ekwayiBheteli;yena nabo bonke abantu ababenaye.
7
Wakha khona isibingelelo, wathi loo ndawo ukuyibiza nguThixo waseBheteli; kuba kulapho uThixo wazityhilayo kuye, ekubalekeni kwakhe ebusweni bomkhuluwa wakhe.
8
Wafa uDebhora, umanyisikazi kaRebheka, angcwatywa ngasezantsi kweBheteli, phantsi kom-oki; kwathiwa igama layo nguMoki wokuLila.
9
UThixo wabuya wabonakala kuYakobi ekuveleni kwakhe ePadan-aram, wamsikelela.
10
Wathi uThixo kuye, Igama lakho nguYakobi; akuyi kuba sathiwa igama lakho nguYakobi, kuya kuthiwa igama lakho nguSirayeli; wamthiya ke igama elinguSirayeli.
11
Wathi uThixo kuye, NdinguThixo uSomandla. Qhama, wande;uhlanga nesikhungu seentlanga siya kuvela kuwe, nookumkani baphume esinqeni sakho.
12
Ilizwe endalinika uAbraham noIsake ndilinike wena;ndilinike imbewu yakho emva kwakho ilizwe elo.
13
Wenyuka uThixo, wemka kuye kuloo ndawo abethethe naye kuyo.
14
UYakobi wamisa isimiso kuloo ndawo abethethe naye kuyo, isimiso samatye; wathulula phezu kwaso umnikelo othululwayo, wagalela neoli phezu kwaso.
15
UYakobi wathi igama laloo ndawo, uThixo abethethe naye kuyo, yiBheteli.
16
Banduluka eBheteli. Kwathi, kusemganyana ukuba kufikwe e-Efrata, wazala uRakeli, kwaba nzima ukuzala kwakhe.
17
Kwathi, kwakuba nzima ukuzala kwakhe, wathi umzalisikazi kuye, Musa ukoyika, kuba nalo ngunyana wakho.
18
Kwathi ekupumeni komphefumlo wakhe, kuba wafayo, wathi nguBhenoni igama lakhe; ke yena uyise wathi nguBhenjamin.
19
Wafa ke uRakeli, wangcwatyelwa endleleni yase-Efrata eyiBhetelehem.
20
UYakobi wamisa isimiso phezu kwengcwaba lakhe; sisimiso sengcwaba likaRakeli nanamhla.
21
USirayeli wayincothula intente yakhe, waya wayitwabulula ngaphaya kweMigdoli-edere.
22
Kwathi, ekuhlaleni kukaSirayeli kwelo zwe, waya uRubhen, wamlala uBhiliha, ishweshwe likayise; weva ke uSirayeli.Oonyana bakaYakobi babelishumi elinababini.
23
Oonyana bakaLeya nguRubhen, owamazibulo kuYakobi, noSimon, noLevi, noYuda, noIsakare, noZebhulon.
24
Oonyana bakaRakeli nguYosefu noBhenjamin.
25
Oonyana bakaBhiliha, umkhonzazana kaRakeli, nguDan noNafetali.
26
Oonyana bakaZilipa, umkhonzazana kaLeya, nguGadi noAshere.Ngabo abo oonyana bakaYakobi, awabazalelwa ePadan-aram.
27
UYakobi waya kuIsake uyise kwaMamre, eKiriyati ka-Arbha, eHebron, apho babengabaphambukeli khona uAbraham noIsake.
28
Imihla kaIsake yaba yiminyaka elikhulu elinamanci asibhozo.
29
UIsake waphuma umphefumlo, wafa, wahlanganiselwa kwabakowabo, aluphele, ephelele ebudaleni. Bamngcwaba ooEsawu noYakobi, oonyana bakhe.
← Chapter 34
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 36 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50