bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Genesis 32
Genesis 32
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 31
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 33 →
1
UYakobi wahamba ngendlela yakhe; zaqubisana naye izithunywa zikaThixo.
2
Wathi uYakobi akuzibona, Ngumkhosi kaThixo lo; wathi igama laloo ndawo yiMahanayim.
3
Ke kaloku uYakobi wathuma abathunywa phambi kwakhe, baya kuEsawu, umkhuluwa wakhe, ezweni lakwaSehire, emhlabeni wakwaEdom.
4
Wabawisela umthetho esithi, Nothi ukuthetha enkosini yam uEsawu, Utsho umkhonzi wakho uYakobi ukuthi, Bendingumphambukeli kuLabhan, ndalibala khona kwada kwangoku;
5
ndineenkomo namaesile, nempahla emfutshane, nabakhonzi, nabakhonzazana; ndithumele ukuxelela inkosi yam, ukuze indibabale.
6
Abathunywa babuyela kuYakobi besithi, Sifikile kumkhuluwa wakho uEsawu, naye uyeza kukukhawulela, enamadoda angamakhulu omane.
7
Woyika kunene uYakobi, wabandezeleka, wabahlula abantu ababenaye, nempahla emfutshane, neenkomo, neenkamela; iimfuduka zambini.
8
Wathi, Ukuba uEsawu uthe wafika kwenye imfuduka, wayichitha, yosinda imfuduka eseleyo.
9
Wathi uYakobi, Thixo kabawo uAbraham, Thixo kabawo uIsake, Yehova, uthe kum, Buyela ezweni lakowenu, kwelokuzalwa kwakho;ndokuphatha kakuhle.
10
Andiyilingene inceba yonke, nenyaniso yonke oyenzileyo kumkhonzi wakho; kuba ndayiwela le Yordan, ndinentonga yam yodwa, kodwa ngoku ndimfuduka mbini.
11
Khawundihlangule esandleni somkhuluwa wam, esandleni sikaEsawu; ngokuba ndiyamoyika, hleze afike andibulale, unina ndawonye nabantwana.
12
Wawuthe wena, Inene, ndiya kukuphatha kakuhle, imbewu yakho nidyenze ibe njengentlabathi yolwandle, engenakubalwa ngenxa yobuninzi.
13
Ke kaloku yena walala khona ngobo busuku. Wathabatha entweni esifike kuyo isandla sakhe, yangumnikelo kuEsawu, umkhuluwa wakhe;
14
iimazi zeebhokhwe ezimakhulu mabini, neenkunzi zeebhokhwe ezimashumi mabini, neemazi neegusha ezimakhulu mabini, neenkunzi zeegusha ezimashumi mabini,
15
neenkamela ezisengwayo ezimashumi mathathu, ezinamathole azo, neemazi zeenkomo ezimashumi mane, neenkunzi zeenkomo ezilishumi, neemazi zamaesile ezimashumi mabini, namaxhamxwa alishumi.
16
Wazinikela esandleni sabakhonzi bakhe, walowo umhlambi wawodwa. Wathi kubakhonzi bakhe, Welani phambi kwam, nibeke isithuba phakathi komhlambi nomhlambi.
17
Owokuqala wamwisela umthetho, wathi, Xa athe uEsawu umkhuluwa wam waqubisana nawe, wakubuza ngokuthi, Ungokabani na? Uya phi na? Zezikabani na ezi zinto ziphambi kwakho?
18
wothi, Zezomkhonzi wakho uYakobi: ngumnikelo othunyelwe inkosi yam uEsawu; nanku ke naye ngasemva kwethu.
19
Nowesibini, nowesithathu wamwisela umthetho, nabo bonke ababeyilandela imihlambi, esithi, Nothetha ngolo hlobo kuEsawu, nakufumanana naye.
20
Kananjalo nothi, Nanko mkhonzi wakho uYakobi engasemva kwethu. Kuba wathi, Mandibucamagushe ubuso bakhe ngomnikelo ohamba phambi kwam, emveni koko ndibubone ubuso bakhe;mhlawumbi wondibuka.
21
Umnikelo lowo wahamba phambi kwakhe; ke yena walala ngobo busuku emfudukeni.
22
Wavuka ngobo busuku, wathabatha abafazi bakhe bobabini, nabakhonzanzana bakhe bobabini noonyana bakhe abalishumi elinamnye, waliwela izibuko le Yabhoki.
23
Wabathabatha ke, wabaweza emfuleni lowo, waziweza zonke izinto abenazo.
24
UYakobi wasala yedwa; kwazamana indoda naye kwada kwathi qhiphu ukusa.
25
Yakubona ukuba ayimeyisi, yachukumisa usikrobana womlenze wakhe, wancothuka usikrobana womlenze kaYakobi ngokuzamana nayo.
26
Yathi, Ndindulule ndihambe, kuba kuyasa. Wathi yena, Andiyi kukundulula umke, ukuba akuthanga undisikelele.
27
Yathi kuye, Ngubani na igama lakho? Wathi, NdinguYakobi.
28
Yathi, Igama lakho akusayi kuba sathiwa nguYakobi; kuya kuthiwa unguSirayeli, ngokuba ulwe noThixo nabantu, weyisa.
29
Wabuza uYakobi wathi, Ndixelele igama lakho. Yathi, Ulibuzelani na igama lam? Yamsikelela khona.
30
UYakobi wayithiya loo ndawo igama eliyiPeniyeli; kuba wathi, Ndibonene noThixo, wahlangulwa umphefumlo wam.
31
Lathi chapha ilanga, akudlula ePeniweli, ejingxela ngomlenze wakhe.
32
Ngenxa yoko oonyana bakaSirayeli abawudli umsipha kasikrobana ophezu kosikrobana womlenze, nanamhla; ngokuba yachukumisa usikrobana womlenze kaYakobi emsipheni kasikrobana.
← Chapter 31
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 33 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
Recommended Reading
Commentary
Genesis Commentaries
→
Devotional
Genesis Devotional Guide
→
Get This Bible
Xhosa (IZIBHALO EZINGCWELE) Study Bible
→