bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Genesis 41
Genesis 41
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 40
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 42 →
1
Kwathi, ekupheleni kweminyaka emibini ezeleyo, uFaro waphupha emi phezu komlambo;
2
nanko kunyuka, kuphuma emlanjeni, amathokazi asixhenxe amahle, etyebile, esidla engcotyeni;
3
nanko kunyuka, kuphuma emlanjeni, amanye amathokazi asixhenxe emva kwawo, emabi, enqinile; ema ecaleni lamanye amathokazi lawo elunxwemeni lomlambo;
4
asuka amathokazi amabi, anqinileyo, awadla amathokazi asixhenxe amahle, atyebileyo. Waphaphama uFaro.
5
Walala waphupha okwesibini. Wabona izikhwebu ezisixhenxe ziphuma mcingeni mnye, zityebile, zilungile.
6
Nanzo izikhwebu ezisixhenxe ezingcakacileyo, ezitshileyo lulophu lwasempumalanga, ziphuma emva kwazo;
7
zesuka izikhwebu ezingcakacileyo zaziginya izikhwebu zosixhenxe ezityebileyo, ezichumileyo. Wavuka uFaro, O, liphupha!
8
Kwathi kusasa, umoya wakhe wangqunga; wathumela, wazibiza zonke izazi zaseYiputa, izilumko zonke zakhona. UFaro wazixelela iphupha lakhe; akwabakho bani kuzo unokuwatyhila kuFaro.
9
Wathetha umphathi wabangcamli kuFaro, esithi, Ndiyasikhumbula namhlanje isono sam.
10
UFaro wayenoburhalarhume kubakhonzi bakhe, wandinikela elugcinweni endlwini yomthetheli wabasiki, mna lo, nomphathi waboji bezonka.
11
Saphupha iphupha ngabusuku bunye, mna naye; walowo waphupha ngokutyhilwa kwephupha lakhe.
12
Kwakukho kuthi umfana ongumHebhere isicaka somthetheli wabasiki, sasixelela, sasityhilela amaphupha ethu, samtyhilela elowo ngokwephupha lakhe.
13
Kwathi, ngokoko sisityhileleyo, kwaba njalo; mna wandibuyisela endaweni yam, omnye lowo wamxhoma.
14
UFaro wathumela, wambiza uYosefu. Bamgidimisa ukumkhupha emhadini; wazicheba, wanxiba ngubo zimbi, weza kuFaro.
15
Wathi uFaro kuYosefu, Ndiphuphe iphupha, akukho bani unokulityhila; mna ndive kusithiwa ngawe, uyaliva iphupha ulityhile.
16
UYosefu wamphendula uFaro, esithi, Akunam; uThixo uya kuphendula into yokumsindisa uFaro.
17
UFaro wathetha kuYosefu, wathi, Ephupheni lam, yabona, bendimi elunxwemeni lomlambo;
18
nanko kunyuka, kuphuma emlanjeni, amathokazi asixhenxe etyebile, emahle, esidla engcotyeni;
19
nanko, kunyuka kuphuma amanye amathokazi asixhenxe emva kwawo, ebhityile, emabi kakhulu, engamarhoqorhoqo, endingazanga ndibone anjalo kulo lonke ilizwe laseYiputa, ukuba mabi kwawo;
20
amathokazi angamarhoqorhoqo, amabi, awadla awokuqala amathokazi asixhenxe atyebileyo;
21
angena embilinini wawo akwazeka ukuba angenile embilinini wawo; imbonakalo yawo yambi, njengasekuqaleni. Ndaphaphama.
22
Ndabona ephupheni lam, izikhwebu ezisixhenxe ziphuma micingeni mnye, zichumile, zilungile;
23
nanzo, izikhwebu ezisixhenxe zishwabene, zingcakacile, zitshile lulophu lwasempumalanga, zihluma emva kwazo.
24
Zesuka izikhwebu ezingcakacileyo, zaziginya izikhwebu ezisixhenxe ezilungileyo. Ndathetha nezazi; akukho bani kuzo undixelelayo.
25
UYosefu wathi uFaro, Iphupha likaFaro linye; uThixo umxelele uFaro oko aya kukwenza.
26
Amathokazi asixhenxe alungileyo yiminyaka esixhenxe;izikhwebu ezisixhenxe ezilungileyo yiminyaka esixhenxe; iphupha eli linye.
27
Amathokazi asixhenxe angamarhoqorhoqo, amabi, anyukileyo aphuma emva kwalawo, yiminyaka esixhenxe; nezikhwebu ezisixhenxe ezinqinileyo, ezitshileyo lulophu lwasempumalanga, ziya kuba yiminyaka esixhenxe yendlala.
28
Lelo lizwi ndilithethileyo kuFaro lokuthi: oko aya kukwenza uThixo ukubonisile kuFaro.
29
Yabona, kuza iminyaka esixhenxe yendyebo enkulu ezweni lonke laseYiputa;
30
ze kuvele iminyaka esixhenxe yendlala emva kwaleyo, ilityalwe yonke indyebo ezweni laseYiputa, indlala iligqibe ilizwe;
31
ingaziwa indyebo elizweni, ngenxa yaloo iya kubakho emva kwayo, kuba iya kuba nzima kunene.
32
Ukuphindwa kabini kwephupha elo kuFaro kukuqiniswa kwayo le ndawo nguThixo; uya kukhawuleza uThixo ukuyenza.
33
Ngoko uFaro makakhangele indoda eyingqondi, esisilumko, ayimise phezu kwelizwe laseYiputa.
34
Makenze le nto uFaro, alimisele abaveleli ilizwe, athabathe isihlanu selizwe laseYiputa ngeminyaka yosixhenxe yendyebo.
35
Mababuthe konke ukudla kwaloo minyaka ilungileyo izayo, bafumbe ingqolowa phantsi kwesandla sikaFaro, ibe kukudla emizini, bayigcine;
36
oko kudla kube yinto ebekelwe ilizwe iminyaka yosixhenxe yendlala, eya kubakho ezweni laseYiputa, lingatshabalali ilizwe yindlala.
37
Lalunga elo zwi emehlweni kaFaro nasemehlweni abo bonke abakhonzi bakhe.
38
UFaro wathi kubakhonzi bakhe, Sinokumfumana na umntu onje, onoMoya kaThixo?
39
UFaro wathi kuYosefu, Ekubeni uThixo ekwazisile konke oku, akukho bani uyingqondi, usisilumko, njengawe.
40
Uya kuba phezu kwendlu yam wena, bawuthobele umlomo wakho bonke abantu bam; kusetroneni yodwa endiya kuba mkhulu kuwe.
41
UFaro wathi kuYosefu, Khangela, ndikumise phezu kwalo lonke ilizwe laseYiputa.
42
Wawukhulula uFaro umsesane wakhe esandleni sakhe, wawufaka esandleni sikaYosefu, wamambathisa iingubo zelinen ecikizekileyo, wanxiba umxokelelwane wegolide entanyeni yakhe.
43
Wamkhwelisa enqwelweni yesibini abenayo, kwamenyezwa phambi kwakhe, kwathiwa, Guqani! Wammisa phezu kwalo lonke ilizwe laseYiputa.
44
Wathi uFaro kuYosefu, NdinguFaro; ngaphandle kwakho, akukho bani uya kuphakamisa sandla sakhe, nalunyawo lwakhe, ezweni lonke laseYiputa.
45
UFaro wamthiya uYosefu igama lokuba nguTsafenati-paneha, wamnika uAzenati, intombi kaPotifera, umbingeleli waseOn, ukuba abe ngumkakhe. Waphuma uYosefu, walihamba ilizwe laseYiputa.
46
UYosefu wayeminyaka imashumi mathathu ezelwe, ukuma kwakhe phambi koFaro, ukumkani waseYiputa; waphuma uYosefu ebusweni bukaFaro, walicanda lonke ilizwe laseYiputa.
47
Umhlaba wavelisa ngendiphane ngeminyaka esixhenxe yendyebo.
48
Wakubutha konke ukudla kweminyaka esixhenxe ebikho ezweni laseYiputa, wakubeka ukudla kuyo imizi; ukudla kwamasimi abewungqongile umzi, wakubeka phakathi kwawo.
49
UYosefu wayifumba ingqolowa yanjengentlabathi yolwandle, yaninzi kunene, wada wayeka ukubala, kuba ibingenakubalwa.
50
UYosefu wazala oonyana bababini, wabazalelwa nguAzenati, intombi kaPotifera, umbingeleli waseOn, ingekafiki iminyaka yendlala.
51
UYosefu wamthiya owamazibulo igama elinguManase; ngokuba wathi, UThixo undenze ndakulibala konke ukwaphuka kwam, nayo yonke indlu kabawo.
52
Owesibini wamthiya igama elinguEfrayim; ngokuba wathi, UThixo undiqhamisile ezweni leentsizi zam.
53
Yaphela ke iminyaka yosixhenxe yendyebo ebisezweni laseYiputa.
54
Yaqala ukufika iminyaka yosixhenxe yendlala, njengoko wayekuthethile uYosefu. Yabakho indlala kumazwe onke; ke ezweni lonke laseYiputa kwakukho isonka.
55
Lonke ilizwe laseYiputa laba nendlala; abantu bakhalela isonka kuFaro; wathi uFaro kuwo onke amaYiputa, Yiyani kuYosefu; athe wakuthetha kuni nize nikwenze.
56
Indlala yaba sezweni lonke; uYosefu wazivula zonke izindlu ezinokudla, wathengisa ngengqolowa kumaYiputa; kuba indlala yaba namandla ezweni laseYiputa.
57
Lesuka ilizwe liphela, leza kuthenga ingqolowa kuYosefu eYiputa, kuba indlala ibinamandla kulo lonke.
← Chapter 40
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 42 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
Recommended Reading
Commentary
Genesis Commentaries
→
Devotional
Genesis Devotional Guide
→
Get This Bible
Xhosa (IZIBHALO EZINGCWELE) Study Bible
→