bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Revelation 1
Revelation 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 2 →
1
ISITYILO sika‐Yesu Kristu, eso utixo wasinikayo kuye, ukuba abonise izicaka zake izinto ezifanele ukubako kamsinya: waza watuma wasazisa ngayo ingelosi yake kwisicaka sake u‐Johane;
2
owanqi̔nayo ilizwi likatixo, nobunqina buka‐Yesu Kristu, nazo zonke izinto wazibonayo.
3
Unetamsanqa lowo uleseshayo, nabo bevayo amazwi esisiprofitesho, bagcine ezonto eziba̔liweyo kuso; ngokuba ixesha likufupi.
4
UJOHANE kuzo iṙemente zosixe̔nxe ezise‐Asiya: Ufefe malube kuni, noxolo, luvela kuye okoyo, obeko, ozayo; nakubo omoya bosixe̔nxe abapambi kweterone yake;
5
nakuye u‐Yesu Kristu, inqi̔na eliyinene, umzalwa‐tanci kwabafileyo, nenkosi yokumkani bomhlaba. Kuye owasitandayo, wasihlanza kuzo izono zetu egazini lake;
6
waza wasenza okumkani nabaperisite kuye utixo noyise wake: kuye makubeko ubungcwalisa namandla kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.
7
Bona ke, uyeza namafu, aye amehlo onke eya kumbona, nabo abo bamhlabayo; kanjalo zonke izizwe zomhlaba ziya kusenza isijwili ngakuye. Ewe, Amene.
8
Mna ndingu‐Alefa no‐Omega, isiqalo nesipelo, itsho inkosi e ngutixo, ekoyo, ebiko, ezayo, usomandla.
9
Mna Johane, onguye nomzalwana wenu, nolikolwane kunye nani embandezelweni, nakubo ubukumkani nomonde ka‐Yesu Kristu ndibe ndisesiqitini esibizwa nge‐Patimo, ngenxa yelizwi likatixo, nangenxa yobunqi̔na buka‐Yesu Kristu.
10
Ndaba kumoya ngemini yenkosi; ndaza ndeva emva kwam ilizwi elikulu, njengelexilongo,
11
lisitsho ukuti: Mna ndingu‐Alefa no‐Omega, owokuqala nowokugqibela; nokuti: Oko ukubonayo kuba̔le encwadini, u yi tume kuzo iremente zosixe̔nxe ezise‐Asiya: kuyo i‐Efese, nakuyo i‐Simurena, nakuyo i‐Peregamo, nakuyo i‐Tiyatira, nakuyo i‐Saradise, nakuyo i‐Filadelafiya, nakuyo i‐Lawodikeya.
12
Ndaza ndajika ukuba ndibone ilizwi elo elatetayo nam. Ndati ndakuba ndijikile ndabona ikandelare zegolide zasixe̔nxe,
13
napakati kwazo ikandelare zosixe̔nxe ofana nonyana wesintu, evete ingubo ifikela ezinyaweni, ebinqiwe ngasemabeleni ngombinqo wegolide.
14
Kanjalo intloko yake nenwele zake zazimhlope, njengoboya obumhlope begusha, njengayo ingqweqwe; namehlo ake aenjengalo ilangatye lomlilo:
15
nenyawo zake zazifana nexina ekazimlayo, njengokungati zazivuta esidlangalaleni; nelizwi lake lalinjengelizwi lamanzi amaninzi.
16
Wayepete esandleni sake sokunene inkwenkwezi zasixe̔nxe; nakuwo umlomo wake kwakupuma iṙele elintlangoti zimbini elibukali; nobuso bake babunjengokuba ilanga likanya emandleni alo.
17
Ndati kekaloku ndakumbona, ndawa ngasezinyaweni zake ngokungati ndifile. Waza wabeka isandla sake sokunene pezu kwam, esiti kum: Ungoyiki; mna ndingowokuqala nowokugqibela;
18
ndingopilileyo, kanti ndibe ndifile; kanjalo, bona ke, ndipilile kude kube ngunapakade kanapakade: Amene: kanjako ndinazo izilotile zehadesi nezokufa.
19
Ziba̔le ezonto wazibonayo, nezo zikoyo, nezo ziza kubako emveni kwazo ezi.
20
Imfihlakalo yenkwenkwezi zosixe̔nxe wazibonayo kwesokunene sam nekandelare zosixe̔nxe zegolide: zona inkwenkwezi zosixe̔nxe zizingelosi zeṙemente zosixe̔nxe; nazo ikandelare zosixe̔nxe wazibonayo ziziremente ezisixe̔nxe.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22