bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Revelation 7
Revelation 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 8 →
1
NASEMVENI kwezizinto ndabona ingelosi zane zimi emagumbini omane omhlaba, zibamba imimoya yomine yomhlaba, ukuze kungavuteli moya pezu kwomhlaba, napezu kwolwandle, napezu kwamnye umti.
2
Ndaza ndabona enye ingelosi inyuka empumalanga, ipete isincamatiselo sotixo opilileyo: yadanduluka ke ngelizwi elikulu kuzo ingelosi zone, ekwanikwa kuzo ukwenzakalisa umhlaba nolwandle,
3
isiti: Ningenzakalisi umhlaba, nolwandle, nemiti, side sincamatisele izicaka zotixo wetu pezu kwamabunzi azo.
4
Ndaza ndeva inani labancanyatiselweyo: amawaka alikulu linamashumi mane anamawaka mane ngapandle ebencanyatiselwe kuzo zonke izizwe zosapo luka‐Sirayeli.
5
Kuso isizwe sika‐Juda amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe. Kuso isizwe sika‐Rubene amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe. Kuso isizwe sika‐Gadi amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe.
6
Kuso isizwe sika‐Ashere amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe. Kuso isizwe sika‐Nefatali amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe. Kuso isizwe sika‐Manase amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe.
7
Kuso isizwe sika‐Simone amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe. Kuso isizwe sika‐Levi amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe. Kuso isizwe sika‐Yisakare amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe.
8
Kuso isizwe sika‐Zebulone amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe. Kuso isizwe sika‐Josefe amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe. Kuso isizwe sika‐Benjamine amawaka alishumi linamabini ebencanyatiselwe.
9
Emveni kwoku ndabona, kekaloku bona ke, isihlwele esikulu, ekungeko namnye ongasibalayo, sivela kuzo zonke intlanga, nezizwe, nabantu, nenteto, bemi pambi kweterone napambi kwemvana, bezambete ingubo ezimhlope, ben amagatya emiti yepalime ezandleni zabo;
10
baye bedanduluka ngelizwi elikulu, besiti: Usindiso malube kuye utixo wetu ohleli pezu kweterone, nakuyo imvana.
11
Zazibe zite zonke ingelosi zema zingqonga iterone, nabadala, nezidalwa ezipilileyo zozine, zawa pambi kwayo iterone ngobuso bazo, zabedesha utixo,
12
zisiti: Amene. Makubeko umbongo, nodumo, nobulumko, nombulelo, nembeko, namandla, nobomelelo, kuye utixo wetu kude kube ngunapakade kanapakade. Amene.
13
Waza wapendula omnye wakubo abadala abo, esiti kum: Aba bazambeteyo ingubo ezimhlope, bangobanina bona? bavela pina kanjalo?
14
Ndaza ndatsho kuye ukuti: Nkosi! uyazi wena. Waza wati kum: Bona aba bangabavelayo kuleyo imbandezelo enkulu, abate bazihlanza ingubo zabo, bazenza mhlope egazini layo imvana.
15
Bako ngenxa yoku pambi kweterone katixo, bamkonze emini nasebusuku etempileni yake: waye lowo uhleli pezu kwayo iterone eya kubakusela.
16
Abasayi kuba salamba, abasayi kuba sanxanwa kanjako; kungababaleleli nelanga, nabunye ubushushu:
17
ngokuba imvana epakati kwayo iterone iya kubalusa, ibakokele kuyoimitombo epilileyo yamanzi; waye utixo eya kusula zonke inyembezi emehlweni abo.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22