bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Revelation 12
Revelation 12
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 13 →
1
KWAZA kwabonakala umqondiso omkulu ezulwini; inkazana yambete ilanga, inenyanga pantsi kwenyawo zayo, nesitsaba senkwenkwezi zilishumi linambini pezu kwentloko yayo;
2
iti imiti nje yakala, inenimba, inobuhlungu bokuba izale.
3
Kwaza kwabonakala omnye umqondiso ezulwini; kekaloku bona ke, inamba enkulu ebomvu, inentloko zisixe̔nxe nempondo zilishumi, nekrone zisixe̔nxe pezu kwentloko zayo.
4
Uti umsila wayo war̔ola isiqingata sesitatu senkwenkwezi zezulu, wazikahlela emhlabeni. Yaza inamba leyo yema pambi kwalonkazana iza kuzala, ukuze iti yakuzala imdle umntwana wayo.
5
Yada yazala umntwana obudoda, oza kupata intlanga zonke ngentonga yesincete; wati umntwana wayo wasuselwa kuye utixo neterone yake.
6
Yaza lonkazana yesabela entlango, apo ibinendawo ilungisiwe ngutixo, ukuze yondliwe kona imihla ibe liwaka linamakulu mabini anamashumi matandatu.
7
Kwaye bekuko ukulwa ezulwini; u‐Mikaheli nengelosi zake balwa ngakuyo inamba; yalwa inamba nayo, nengelosi zayo,
8
kanti azoyisa, nendawo yazo ayabi safunyanwa ezulwini.
9
Yaza yakahlelwa lonamba enkulu, lonyoka yakudala, ebizwa ngo‐Mncetezi nango‐Satane, ekohlisayo elimiwayo lonke, yakahlelwa emhlabeni, nengelosi zayo zakahlelwa ndawonye nayo.
10
Ndaza ndeva ilizwi elikulu lisiti ezulwini: Kaloku usindiso, namandla, nobukumkani buse bubobake utixo wetu, negunya lelika‐Kristu wake; ngokuba ekahlelwe pantsi umnikityala wabazalwana betu, obebanika ityala ebusweni botixo wetu emini nasebusuku.
11
Bati bona bamoyisa ngenxa yegazi lemvana, nangenxa yelizwi lobunqi̔na babo; abatanda ke ubomi babo kwada kwakukufa.
12
Ngako oko gcobani, nina mazulu, nani nihlala kuwo! Kwoba nzima kubo abemayo umhlaba nolwandle! ngokuba u‐Mncetezi ehlele kuni, enomsindo omkulu, esazi nje ukuba lixesha elincinane analo.
13
Yati kekaloku inamba leyo, yakubona ukuba ikahlelwe emhlabeni, yatshutshisa lonkazana eyazalayo umntwana obudoda.
14
Kwaza kwanikwa lonkazana amapiko amabini okozi olukulu, ukuze ibaleke iye entlango, endaweni yayo, apo isondliwa kona ixesha, namaxesha, nesiqingata sexesha, ifihlwe ebusweni bayo inyoka.
15
Yaza inyoka yawaku̔pela emva kwenkazana kuwo umlomo wayo amanzi njengomlambo, ukuze iyenze yona ikukuliswe ngumlambo.
16
Kanti umhlaba wayisiza inkazana, wati umhlaba wakamisa umlomo wawo, wawuginya umlambo lowo inamba yawuku̔payo kuwo umlomo wayo.
17
Yaza yaqumba inamba leyo ngakuyo lonkazana, yapuma ukuya kwenza imfazwe nabaseleyo benzalo yayo, abayigcinayo imiyalelo katixo, abanabo ubunqi̔na buka‐Yesu kanjako.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22