bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Revelation 2
Revelation 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 3 →
1
KUYO ingelosi yeṙemente yase‐Efese ba̔la ngokuti: Utsho lowo uzibambayo inkwenkwezi zosixe̔nxe kwesokunene sake, ohambayo pakati kwazo ikandelare zosixe̔nxe zegolide, ukuti:
2
Ndiyazi imisebenzi yako, nomzamo wako, nomonde wako, nokokuba akungenyamezele abakohlakeleyo; nokuba ubalingile abo batshoyo ukuti bangabapostile, kanti abangabo, wabafumana ukuba bangamaxoki:
3
ewe wanyamezela, unomonde ke, uzamile ngenxa yegama lam kanjalo, akudinwanga ke.
4
Koko ndinako oku ngakuwe, ukuba utando lwako lwokuqala ulushiyile.
5
Kumbula ngoko apo uwe kona, uguquke, wenze eyokuqala imisebenzi: okanye, ndiyeza kuwe msinya, ndandiya kukwelelisa ikandelare yako endaweni yayo, ukuba akuguquki.
6
Koko oku unako, ukuba uyatiya imisebenzi yaba‐Nikolasi, enditiya yona nam.
7
Onendlebe makeve into umoya ayitshoyo kuzo iṙemente: Owoyisayo ndiya kumnika ukuba adle kuwo umti wobomi, opakati kwayo iparadisi katixo.
8
Nakuyo ingelosi yeṙemente yase‐Simurena ba̔la ngokuti: Utsho owokuqala nowokugqibela, lowo ube ufile, waza wabuya wapila, ukuti:
9
Ndiyazi imisebenzi yako, nombandezelwa wako, nobuhlwempu bako, (utyebile noko,) nokugxeka kwabo abati bangama‐Juda kwa bona, kanti abangawo, bayintlanganiso ka‐Satane.
10
Ungoyiki nanye yezonto uza kuziva zona: bona ke, u‐Satane uza kuniposa inxenye entolongweni, ukuze nilingwe: naniya kuba nembandezelo imihla elishumi: yiba unyanisekile kude kube sekufeni, ndandiya kukunika isitsaba sobomi.
11
Onendlebe makeve into umoya ayitshoyo kuzo iṙemente: Owoyisayo akasayi kwenzakaliswa ngokufa kwesibini.
12
Nakuyo ingelosi yeṙemente yase‐Peregamo ba̔la ngokuti: Utsho lowo unalo iṙele elintlangoti zimbini elibukali ukuti:
13
Ndiyazi imisebenzi yako, nalapo uhlala kona, apo iterone ka‐Satane ikona; kanjalo uyalibamba igama lam, akukanyelanga ke ukolo lwam, kwa nakuleyo imihla u‐Antipasi ubelinqi̔na lam elinyanisekileyo kuyo, owabulawa pakati kwenu, apo u‐Satane ahlala kona.
14
Koko ndinako okuncinane ngakuwe, ukuba unabo kona abalubambayo ufundiso luka‐Bilame, owabefundisa u‐Balaki ukuposa isiku̔bekiso pambi kwosapo luka‐Sirayeli, sokuba lutye okubingelweyo izitixo, nokuba lwenze umbulo.
15
Kwa njalo nawe unabo abalubambayo ufundiso lwaba‐Nikolasi, endilutiyayo.
16
Guquka; okanye, ndiyeza kuwe msinya, ndandiya kulwa nabo ngeṙele lomlomo wam.
17
Onendlebe makeve into umoya ayitshoyo kuzo iṙemente: Owoyisayo ndiya kumnika ukuba adle kuyo imana efihlakeleyo; ndandiya kumnika ilitye elimhlope, napezu kwelitye elo igama elitsha liba̔liwe, ekungeko mntu olaziyo, kupela ngulowo olamkelayo.
18
Nakuyo ingelosi yeṙemente yase‐Tiyatira ba̔la ngokuti: Utsho unyana katixo, omehlo anjengalo ilangatye lomlilo, nenyawo zake zifana nexina ekazimlayo, ukuti:
19
Ndiyazi imisebenzi yako, notando lwako, nokonzo lwako, nenkolo yako, nomonde wako, nezenzo zako ukuba ezasemva zikulu kwezokuqala.
20
Koko ndinako okuncinane ngakuwe, ukuba uvumela umfazi lowo, u‐Jezebele, oti yena ungumprofitekazi, ukufundisa nokulahlekisa izicaka zam, ukuba zenze umbulo, nokuba zitye okubingelweyo izitixo.
21
Ndaza ndamnika ixesha, ukuze aguquke kuwo umbulo wake; kanti akaguqukanga.
22
Bona ke, ndiyamposela emandlalweni, nabo barexezayo ndawonye naye embandezelweni omkulu, ukuba abaguquki kuzo izenzo zabo:
23
nabantwana bake ndobabulala ngokufa: zaziya kuqonda iṙemente zonke ukuba mna ndingulowo upengululayo izintso nentliziyo; ndandiya kuninika nonke ngabanye ngokwemisebenzi yenu.
24
Kodwa nditi kuni, kwa kubo abanye abase‐Tiyatira, bonke abangenalo ufundiso olu, nabo basukuba bengazazanga izinto ezinzulu zika‐Satane, njengokuba besitsho: Andiyi kubeka pezu kwenu omnye umtwalo.
25
Kodwa ke oko ninako, kubambeni ndide ndifike.
26
Nalowo woyisayo, oyigcinayo kude kube sekupeleni imisebenzi yam kanjalo, ndonika yena igunya pezu kwentlanga;
27
waeya kuzipata ngentonga yesincete; njengazo imbiza zombumbi ziya kuqekezwa; kwa njengokuba nam ndamkela kuye ubawo:
28
ndandiya kumnika ikwe̔zi lomso.
29
Onendlebe makeve into umoya ayitshoyo kuzo iṙemente.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22