bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Revelation 3
Revelation 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 4 →
1
Nakuyo ingelosi yeṙemente yase Saradise ba̔la ngokuti: Utsho lowo unabo omoya bosixe̔nxe bakatixo, nazo inkwenkwezi zosixe̔nxe, ukuti: Ndiyazi imisebenzi yako, ukuba unegama lokuba upilile, kanti ufile.
2
Yiba ulinda, uziqinise izinto eziseleyo, ezo ziza kufa: ngokuba ndingafumananga imisebenzi yako ukuba izalisekile ebusweni bukatixo.
3
Kumbula ngoko ukuba ute nina ukwamkela, nokuba wati nina ukuva, ugcine, uguquke. Ukuba ke akulindi, ndokuzuma njengesela, waungayi kwazi yiyipina iyure endiya kukuzuma ngayo.
4
Koko unawo amagama amancinane nase‐Saradise angadyobanga izivato zawo; babeya kuhamba nam ben ezivato ezimhlope, kuba befanele.
5
Owoyisayo, yena lo uya kwambeswa ngezivato ezimhlope: kanjalo andisayi kucima igama lake encwadini yobomi; ndandiya kuvuma igama lake ebusweni bukabawo, nasebusweni bengelosi zake.
6
Onendlebe makeve into umoya ayitshoyo kuzo iremente.
7
Nakuyo ingelosi yeremente yase‐Filadelafiya ba̔la ngokuti: Utsho oyingcwele, oyinyaniso, onesilotile sika‐Davide, oti avule kungabiko ovalayo, avale kungabiko ovulayo, ukuti:
8
Ndiyazi imisebenzi yako; bona ke, ndinikile pambi kwako ucango oluvulekileyo, ekungeko ongaluvalayo, ngokuba unawo amandla amancinane, nelizwi lam uligcinile, negama lam akulikanyelanga.
9
Bona ke, ndinika abo bakuyo intlanganiso ka‐Satane, abo bati bona bangama‐Juda, kanti abangawo, koko bexoka; bona ke, ndiya kubenza ukuba beze babedeshe pambi kwenyawo zako, baze baqonde ukuba ndikutandile mna.
10
Ngokokuba uligcinile ilizwi lomonde wam, kwa nam ndokugcina wena kulo ixeshana lokulingwa, eliya kuza pezu kwelimiwayo lonke, ukuza kulinga abo bemiyo pezu kwomhlaba.
11
Bona ke, ndiyeza msinya: bamba oko unako, ukuze kungabiko otabata isitsaba sako.
12
Owoyisayo, yena ndiya kumenza intsika etempileni yotixo wam, aze angabi sapuma kona: ndandiya kuba̔la pezu kwake igama lotixo wam, negama lesixeko sotixo wam, le‐Yerusaleme entsha, eso sihlayo ezulwini kuye utixo wam; kwa negama lam elitsha.
13
Onendlebe makeve into umoya ayitshoyo kuzo iremente.
14
Nakuyo ingelosi yeṙemente yase‐Lawodikeya ba̔la ngokuti: Utsho u‐Amene, inqi̔na eliyinene eliyinyaniso, isiqalo sesidalwa sikatixo, ukuti:
15
Ndiyazi imisebenzi yako, ukuba akubandi, akushushu kanjako; akwaba ububanda, umhlaumbi ubushushu!
16
Kwa njalo ke, ngokokuba ulidikidiki, ungabandi nje, ungashushu kanjako, ndiya kukuhlanza emlonyeni wam.
17
Ngokokuba usiti: Ndityebile, sendizuze ubutyebi, andiswele luto ke; ungazi kanti ukuba unguye olusizi, okedamelekayo, olihlwempu, oyimfama, ozé:
18
ndiyakunika icebo lokuba utenge kum igolide icokisiwe ngomlilo, ukuze utyebe; nezivato ezimhlope, ukuze wambeswe, nokuba lingabonakaliswa ihlazo lobuzé bako; nesitambiso sokutambisa amehlo ako, ukuze ubone.
19
Abo sukuba ndibatanda, ndiyabatetisa ndibohlwaye: zondelela ngoko, uguquke.
20
Bona ke, ndimi ngaselucangweni, ndiqongqota nokuqongqota: xeshekweni umntu evayo ilizwi lam, avule ucango, ndiya kungena kuye, ndidle naye, ati yena adle nam.
21
Owoyisayo ndiya kumnika ukuba ahlale nam eteroneni yam, njengokuba nam ndoyisayo, ndaza ndahlala nobawo eteroneni yake.
22
Onendlebe makeve into umoya ayitshoyo kuzo iremente.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22