bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Revelation 8
Revelation 8
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 9 →
1
NAXESHEKWENI yasinqikayo isincamatiselo sesixe̔nxe, kwatiwa cwaka ezulwini kwanga kusisiqingata seyure.
2
Ndaza ndabona ingelosi ezo zisixe̔nxe ezimiyo ebusweni bukatixo: kwaye kunikwa kuzo amaxilongo asixe̔nxe.
3
Yandula yeza enye ingelosi, yema ngasesibingelweni, ipete isiqu̔melo sego lide; kwaye kunikwa kuyo into eninzi yeziqu̔miso, ukuze i yi nikele kunye nemitandazo yabangcwele bonke pezu kwesibingelo segolide pambi kwayo iterone.
4
Waza wenyuka umsi weziqu̔miso, kunye nemitandazo yabangcwele, esandleni sengelosi pambi kwotixo.
5
Yaza ingelosi leyo yasitabata isiqu̔melo, yasizalisa kuwo umlilo wesibingelo, wa wu posela emhlabeni: kusuke kwabako amazwi, nendudumo, nemibane, nesingcangcazelo somhlaba.
6
Zaza ingelosi ezo zosixe̔nxe, zipete amaxilongo lawo osixe̔nxe, zazilungisa ukuze zihlokomise.
7
Yati eyokuqala ingelosi yahlokomisa; kusuke kwabako izico̔to nomlilo zipitikeziwe negazi, zaposelwa emhlabeni: saza isiqingata sesitatu sayo imiti satshiswa, nabo bonke utyani obuluhlaza batshiswa.
8
Yati eyesibini ingelosi yahlokomisa; kwaye kunjengokungati intaba enkulu isitsha ngomlilo yaposelwa elwandle: sisuke isiqingata sesitatu solwandle saba ligazi:
9
saza safa isiqingata sesitatu sazo izidalwa eziselwandle, ezo zinokudliwa kwobomi; kanjalo isiqingata sesitatu sazo inqanawa sabujiswa.
10
Yati eyesitatu ingelosi yahlokomisa; kwaza kwawa ezulwini inkwenkwezi enkulu ivuta njengesibane, yawa pezu kwesiqingata sesitatu sayo imilambo, napezu kwayo imitombo yamanzi;
11
negama lenkwenkwezi leyo kutwa ngu‐Mhlonyane: saza isiqingata sesitatu sawo amanzi saba ngumhlonyane: bati abantu abaninzi bafa ngamanzi lawo, kuba enziwa ṙaṙa.
12
Yati eyesine ingelosi yahlokomisa; kwaza kwabetwa isiqingata sesitatu selanga, nesiqingata sesitatu senyanga, nesiqingata sesitatu senkwenkwezi; ukuze kwenziwe mnyama isiqingata sesitatu sazo, iti imini ingabonakali isiqingata sesitatu sayo, nobusuku bube kwa njalo.
13
Ndaza ndabona, ndeva ingelosi etile ibaleka ngamapiko pakati kwezulu isiti ngelizwi elikulu: Ilishwa, ilishwa, ilishwa, kubo abemiyo pezu kwomhlaba, ngawo amanye amazwi exilongo lengelosi zontatu eziseza kuhlokomisa!
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22