bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Revelation 13
Revelation 13
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 14 →
1
NDAZA ndema pezu kwentlabati yolwandle, ndabona ir̔amnco linyuka elwandle, linentloko zisixe̔nxe nempondo zilishumi, napezu kwempondo zalo ikrone zilishumi, napezu kwentloko zalo igama lokugxeka.
2
Kekaloku ir̔amnco elo ndalibonayo libe lifana nengwe, nenyawo zalo zinjengezebere, nomlomo walo unjengomlomo wengonyama; yati ke yona inamba yalinika amandla ayo neterone yayo, negunya elikulu.
3
Ndaza ndabona enye yentloko zalo njengokungati ibulalelwe ukufa; kanti inxeba lokufa lalo lapoliswa: wati wonke umhlaba walandela ir̔amnco elo ngokuti nqa.
4
Baza bayibedesha inamba eyalinikayo ir̔amnco igunya: balibedesha ir̔amnco kanjalo, besiti: Ngubanina ofana ner̔amnco? ngubanina ongalwayo nalo?
5
Kwaye kunikwa lona umlomo uteta izinto ezinkulu nezigxeko; lanikwa negunya lokuba lifeze inyanga zibe ngamashumi mane anambini.
6
Laza lavula umlomo walo ukuteta ugxeko ngakuye utixo, ukuba ligxeke igama lake, netabanakele yake, nabo abahlala ezulwini.
7
Kwanikwa lona kanjako ukuba lenze imfazwe nabo abangcwele, nokuba liboyise; lanikwa negunya pezu kwazo zonke izizwe, nenteto, nentlanga.
8
Babeya kulibedesha bonke abemiyo pezu kwomhlaba, abamagama angaba̔lwanga encwadini yobomi yemvana ebingiweyo kwa sekumisweni kwelizwe.
9
Osukuba enendlebe, makeve.
10
Osukuba ehlanganisa amatinjwa, uya ekutinjweni; osukuba ebulala ngesiṙele, ufanele yena ukubulawa ngesiṙele. Nangu ke umonde nenkolo yabangcwele.
11
Ndaza ndabona elinye ir̔amnco linyuka emhlabeni, elibe linempondo ezimbini zifana nezemvana, lateta njengenamba.
12
Negunya lelokuqala ir̔amnco lonke liyalipata ebusweni balo; kanjalo liyenza umhlaba nabemiyo kuwo ukuba babedeshe ir̔amnco lokuqala, elo inxeba lokufa lalo lapoliswayo.
13
Liyenza nemiqondiso emikulu, lide liwenze nomlilo uhle ezulwini uze emhlabeni pambi kwabantu.
14
Liti kanjako libakohlise abemiyo pezu kwomhlaba, ngenxa yemiqondiso leyo lanikwayo ukuyenza ebusweni balo ir̔amnco; lisitsho kubo abemiyo pezu kwomhlaba, ukuba mabalenzele umfanekiso elor̔amnco elibe linalo inxeba lesiṙele, lapila noko.
15
Kwaye kunikwa kulo ukuba linike umpefumlo kuwo umfanekiso wer̔amnco elo, ukuze ke wona umfanekiso wer̔amnco elo ube nokuteta, wenze nokuba abo basukuba bengabedeshi umfanekiso wer̔amnco babulawe.
16
Kanjalo liyabenza ukuba bonke, abancinane nabakulu, nabazityebi nabangamahlwempu, nabakululekileyo namakonza, babekelwe upa̔u pezu kwesandla sabo sokunene, umhlaumbi pezu kwamabunzi abo;
17
nokuba kungabiko mntu ongati atenge umhlaumbi atengele, kupela ngulowo unalo upa̔u olo, umhlaumbi igama ler̔amnco, umhlaumbi inani legama lalo.
18
Nabu ke ubulumko. Lowo unokuqonda makabale lona inani ler̔amnco: ngokuba lilinani lomntu; kekaloku inani lalo lingamakulu matandatu anamashumi matandatu anesitandatu.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22