bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Revelation 21
Revelation 21
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 22 →
1
NDAZA ndabona izulu elitsha nomhlaba omtsha; ngokuba elokuqala izulu nowokuqala umhlaba ubudlulile; nolwandle aluseko.
2
Ndaza mna Johane ndasibona isixeko esiyingcwele, i‐Yerusaleme entsha, sisihla kutixo sivela ezulwini, silungisiwe njengomtshakazi ehonjelwe indoda yake.
3
Ndaza ndeva ilizwi elikulu livela ezulwini, lisiti: Bona ke, itabanakele katixo inabantu, waeya kuhlala nabo; bona boba ngabantu bake, naye utixo ngokwake woba nabo, e ngutixo wabo.
4
Kanjalo utixo uya kusula zonke inyembezi emehlweni abo: nokufa akuyi kuba seko; nosizi, nokulila, nobuhlungu abuyi kuba seko: ngokuba izinto zokuqala zimkile.
5
Waza watsho lowo uhleli pezu kwayo iterone ukuti: Bona ke, ndizenza ntsha zonke izinto. Wayesiti kum: Ba̔la; kuba lamazwi eyinyaniso eyinene.
6
Waza watsho kum ukuti: Kwenzekile. Mna ndingu‐Alefa no‐Omega, isiqalo nesipelo. Lowo onxanwayo ndompa mna kuwo umtombo wamanzi obomi ngesisa.
7
Owoyisayo wolidla ilifa lento zonke; ndandiya kuba ngutixo wake, naye yena woba ngunyana wam.
8
Kodwa abanobugwala, nabangakolwayo, nabatiyekileyo, nababulali, nabapimisi, nabatakati, nabakonzi bezitixo, nawo onke amaxoki, bona boba nesabiwo sabo ecibini elivutayo ngomlilo nangesufure; okukuko okwesibini ukufa.
9
Kwaza kweza kum enye yengelosi zosixe̔nxe ezibe zinazo ifiyali zosixe̔nxe ezibe zizele zizibeto zosixe̔nxe zokugqibela, yateta nam, isiti: Yiza apa; ndokubonisa umtshakazi, umfazi wayo imvana
10
Yaza yandisa emoyeni kuyo intaba enkulu ende, yandibonisa esosixeko esikulu, i‐Yerusaleme eyingcwele, sisihla ezulwini kutixo,
11
sinabo ubungcwalisa bukatixo: nesikanyiso saso sibe sifana nalo ilitye elinqabileyo kakulu, njengalo ilitye lejasipidi libengezela njengekrisitale:
12
sinalo kanjalo udonga olukulu olude; sinawo amasango alishumi linamabini, nengelosi ezilishumi linambini ngakuwo amasango lawo, namagama eba̔liwe pezu kwawo, angawo awezizwe ezilishumi linazibini zosapo luka‐Sirayeli;
13
engasempumalanga amasango matatu, engasenode amasango matatu, engasesuyide amasango matatu, engasentshonalanga amasango matatu.
14
Kanjako lona udonga lwesixeko belunemisekelo elishumi linamibini, nakuyo yona bekuko amagama abapostile abalishumi linababini bayo imvana.
15
Kekaloku lowo ubeteta nam ebenayo ingcongolo yegolide, ukuze asilinganise isixeko, namasango aso, nodonga lwaso.
16
Sona isixeko simi sinamacala mane; nobude baso bungaka njengokuba bunjalo ububanzi baso: waza wasilinganisa isixeko ngengcongolo leyo kude kwazizitadiya ezingamawaka alishumi linesibini: ubude nobubanzi nobupakamo baso buyalingana.
17
Waza walulinganisa udonga lwaso, ikubite zalikulu linamashumi mane anane, ngomlinganiso womntu, onguwo owengelosi.
18
Nesakiwo sodonga lwaso sibe siyijasipidi: nesixeko sona besiyigolide engcwele, sifana neglasi engcwele.
19
Nemisekelo yodonga lwesixeko ibihonjiwe ngamatye anqabileyo intlobo zonke: umsekelo wokuqala ubuyijasipidi; owesibini ubuyisafire; owesitatu ubuyikalekidone; owesine ubuyisamagide;
20
owesihlanu ubuyisadonutse: owesitandatu ubuyirubi; owesixe̔nxe ubuyikrusolite; owesibozo ubuyiberule; owesitoba ubuyitopaze; oweshumi ubuyikrisoprase; oweshumi linesinye ubuyiyasinte; oweshumi linesibini ubuyiyametisite.
21
Namasango olishumi linamabini ebeziperule ezilishumi linambini; onke amasango elinye ngelinye lali senziwa ngeperule yanye: nesitarate sesixeko besiyigolide engcwele, engati yiglasi ekanyisekayo.
22
Kekaloku andabona tempile pakati kwaso: ngokuba inkosi utixo usomandla iyitempile yaso, nayo imvana.
23
Kanjako isixeko eso asifuni ilanga, kwa nenyanga, ukuze zikanye pakati kwaso: ngokuba ubungcwalisa bukatixo bebusikanyisa, nayo imvana isisibane saso.
24
Zaye intlanga zabasindiswayo ziya kuhamba ekukanyeni kwaso; nokumkani bomhlaba bayazisela kuso ubungcwalisa babo nodumo lwabo.
25
Ati amasango aso angaki avalwe emini: ngokuba kungayi kubako busuku kona.
26
Kwaye kuziselwa kuso ubungcwalisa nodumo lwentlanga.
27
Kuti kanjalo kungaki kungene kuso nanye into enco̔lisayo, neyenzayo okubuntshontsho nokubuxoki; kupela ngabo bodwa ababa̔liweyo encwadini yobomi yemvana.
← Chapter 20
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 22 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22