bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Isaiah 1
Isaiah 1
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 2 →
1
KwelakwaJuda ngemihla yookumkani u-Uziya, uYotam, uAhazi, noHezekiya, uIsaya unyana ka-Amozi wafumana isityhilelo esivela kuThixo, waza wadanduluka wathetha ngokubhekiselele kwisizwe sakwaJuda neJerusalem, wenjenje:
2
Hoyi-i-i-na! Hoyina, mazulu! Bek' iindlebe, nawe hlabathi! Kaloku *uNdikhoyo uthethe wathi: “Ndakhulis' abantwana ndabondla, kodwa ke ngoku bajike bandivukela.
3
Kambe ke yona inkomo iyamaz' umniniyo, ngokunjalo nedonki iyasazi isibaya sayo. Ukanti ke yena uSirayeli uvalekile; ewe, abantu bam abazi nto tu!”
4
Yeha ke, sizwe samanyundululu, abantu abasuntsubala bubugwenxa, nzalandini yamatshijolo, sizukulwanandini sonakalisayo! Kaloku nikreqile nina kuNdikhoyo, nisuke namdelela uYedwa kaSirayeli; ewe ngenene, nihlehlile namfulathela.
5
Anikaneli kwesingaka sona isohlwayo? Niya kurhoxa nini kolu vukelo? Mhawoo! Intloko seyide yaboko-boko; xa uwonke nomzimba uvikivekile.
6
Phantsi elunyaweni kuye entloko phezulu, hayi konke, kulityufu-tyufu nje! Kuziingongoma, kuziinduma; azicudiswanga, zingakhanyelwanga nangachiza; ewe, khange zikhathalelwe zibotshwe!
7
Nâlo ilizwe lakowenu liyinkangala; okwakuzizixeko kutshe kwaluthuthu. Yonke ke loo nto nikho nibukele. Iintlanga ziwuphangile umhlaba wooyihlo; ewe, ziwubhukuqe zawuvuthulula.
8
Ke yona iJerusalem isele yodwa jwi! Seyifana nephempe esidiliyeni; seyingathi linqugwala emasimini, nqwa nesixeko esingqingiweyo.
9
Kambe ke uNdikhoyo uSomandla-onke, ukuba ebengasishiyelanga qaqobana, besiya kusuka sifane neSodom; ewe, ngesitshabalele njengeGomora.
10
Nalu udaba lukaNdikhoyo! Luveni, ziphathamandla zaseSodom; yiphulaphuleni imfundiso kaThixo, nani zima-mhlaba zaseGomora.
11
Kaloku uNdikhoyo uyakhala ngawe, Sirayeli; uthi: “Ngawani ke ngoko la madini angakanana? Mna ndidikiwe ziinkunzi zeegusha ezitshiswayo. Ndanele nangamanqatha enyama etyebileyo. Andisalifuni igazi leenkunzi zeenkomo, nditsho nelamaxhwane eegusha neebhokhwe.
12
Nide nize kum nje, nibizwe ngubani? Nisafuna ntoni apha kum? Hayi bo! Phezani ukuyixovula le nkundla!
13
Andizifuni izipho namadini aphuthileyo, kwankqu nesiqhumiso senu siyanditsarha! Andinamdla kwiimbizo neentlanganiso zenu zokuthwasa kwenyanga *noMhla wokuPhumla; amatheko anobugwenxa andikruqule.
14
“Ndiyawenyanya onke amatheko enu; nditsho nala okuthwasa kwenyanga. Kaloku ngoku asuke aluxanduva, ndaye ke ndidiniwe kukuluthwala.
15
“Nakukhongozela ngezandla nizibika, mna ndosuka ndiwavale amehlo am. Noba ningade nibhomboloze, andiyi kunikhathalela mpela; kaloku izandla zenu zinkone ligazi.
16
Khanizicoce nibe nyulu! Yahlukanani nale mikhwa ingcolileyo; yekani ukwenza izinto ezinje; mandingaze ndiphinde ndizibone.
17
Khanifunde ukwenza okusesikweni; zonke izinto zenzeni ngokomthetho. Khaninyenyise ngakubantu abacinezelekileyo; kanti neenkedama zilungiseleleni; ngokunjalo nimbonelele nomhlolokazi.”
18
Ewe, uNdikhoyo uthi: “Yizani, khe sithetha-thethane. Noba sewudyobheke wankone sisono, mna ndokuhlambulula utsho ube msulwa; kanti nokuba sewuyinyhuku-nyhuku, mna ndiya kukwenza ube mhlophe qhwa.
19
Ukuba niyavuma ukundithobela, ningabuxhamla ubuncwane beli lizwe.
20
Kambe ke xa ningafuni, nindivukela, niza kusuka nibe lixhoba lekrele. Nditshilo nje ke mna Ndikhoyo, nditshilo!”
21
Ewe, kambe, sixekondini! Kade uyinzwakazi ngesimo, kodwa xa kunamhlanje-nje, ungumadod' onke. Wawufudul' uphuphuma lucwangco; ngenene wawulikhaya lamalungisa; ke namhlanje ulikhaya lezikrelemnqa.
22
Kaloku wawukade ucwenge njengesiliva, kodwa ngoku sewuphuthile. Wawufana newayini eyondeleleneyo, kambe namhlanje sewungumngxengwa.
23
Iziphathamandla zakho zizibhoja, abafo abalala ngangubo-nye namatutu. Bathwangekile kukufun' izipho nezicengo; abaziinkedama abanaxesha labo, kanti nabahlolokazi abazidubi ngabo.
24
Ngoko ke nanku umlomo *kaNdikhoyo – nditsho uNdikhoyo uSomandla-onke, iNgangalala kaSirayeli – uthi: “Ngoku ndiza kukhe ndiphuncule kwiintshaba zam; ewe kaloku, ndiza kuziphindezela.
25
Ngoku ndiza kuthatha amanyathelo aqatha: ndiza kunikhama ndinicwenge oku kwesinyithi; ndiza kubukhupha buphele tu ububi kuni.
26
Kaloku ndiya kunibuyisela abalawuli njengantlandlolo, ndinimisele izithwala-ndwe njengamandulo. Kuya kwandula ke kuthiwe ungunobulungisa, ngenene ube ngunontembeko.”
27
IJerusalem iya kuhlangulwa bubulungisa bukaThixo. Baya kusinda ke bonke abaguqukayo.
28
Kambe ke baya kutshabalala bonke abavukeli-mbuso nabanxaxhayo; ewe, uNdikhoyo uya kubabhubhisa bonke abakreqi.
29
Ngoko ke nosuka nibe manyonywana ngenxa yale mithi yemioki niyinqulayo, ngokunjalo nayiloo miyezo yamanyundululu.
30
Kaloku niya kufana nemioki etshazileyo; niya kuba matwa negadi engankcenkceshelwayo.
31
Njengoko nengca itshiswa nayintlantsi le, nawo ke amagorha aya kutshabalala. Ewe, aya kubhujiswa yimisebenzi yawo, ibe ke akukho uya kulamla.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52
53
54
55
56
57
58
59
60
61
62
63
64
65
66