bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Isaiah 65
Isaiah 65
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 64
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 66 →
1
*UNdikhoyo uthi: “Ndaba ngazibonakalisa kwathi nya. Kanti ndilindele abangandifuni nganto. Ndandisithi bokhala kum; kwathi kanti bona abakhw' apho. Ndandikulungele ukuthi: ‘Yizani, ndim lo.’ Gxebe kanti sisizwe esingandinquliyo.
2
Imini yonke ndahlala ndikhongozele. Phi ke, ingunkanishe wesizwe nje, esiphikelene neendlela ezigwenxa, silandelana neengcamango zaso;
3
uhlanga olungandihoye nganto, olwasoloko luphikelene nokundicaphukisa ngokwenza amadini *ezithixo emiyezweni, lusenz' iziqhumiso kumaqonga ezitena;
4
abantu ungafika behlel' emangcwabeni, ebusuku bejikelezana nabangasekhoyo; zizintw' ezity' inyam' ehagu, ezithebeni lizothe lodwa;
5
baze ke bathi: ‘Bhekelani, sanukusondela kuthi; musan' ukusichukumisa; singcwele.’ Abantu abanjalo ke bayanditsarha; ngumlilo ondiqhumisela imini yonke.”
6
UNdikhoyo uthi: “Uyabona ke, sendigqibe konke, ibe ke andiyi kuthi cwaka; isohlwayo sabo sesijinga phezu kwabo; ngoko ndiya kubabuyekeza
7
ngenxa yezabo nezono zooyise. Kaloku bênza iziqhumiso ezindulini, baza ke mna bandingcikiva. Ngoko ke ndobabuyekeza kangangoko, ndibohlwaye ngezono zabo.”
8
UNdikhoyo uyathetha, uthi: “Idiliya entle ayitshatyalaliswa kunye naleyo yonakeleyo, koko ngayo kwenziwa iwayini. Nam ke ngenxa yazo izicaka zam andiyi kubatshabalalisa bonke.
9
Ndosuka ndimvelisele inzala uYakobi; abakwaJuda baya kuma kwilizwe lam, iintaba zalo zibe lilifa labanyulwa bam – ziya kuma kuzo izicaka zam.
10
ISharon yoba lidlelo lempahla, iinkomo ziphumle kwintili yeAkore; ezo ke zezabantu abalangazelela intando yam.
11
“Ke nina bamfulathelayo uNdikhoyo, abangayikhathaleleyo intaba yam eyodwa iZiyon – nina banqula uGadi noMeni, *izithixo zelaka nekamva –
12
nina nimiselwe ikrele; ewe, xa ninonke niya kutshatyalaliswa. Kaloku anisabelanga ndakunibiza, aniphulaphulanga naxa ndithetha; suka nakhetha ukwenza ububi ndaweni yokwenza oko ndikuthandayo.”
13
Ngoko ke uMhlekazi uNdikhoyo uthi: “Izicaka zam zona zothi zisitya zihlutha, nibe ke nina nithe nca yindlala. Izicaka zam aziyi kuswela manzi, nibe ke nina nikhothekile lunxano. Zothi zona zichulumacha yimincili, nibe nina ninyoshoza ngamahlazo.
14
Izicaka zam zomemelela zinemihlali, ukanti nina nobhomboloza yintlungu, nincwine nikhwiniswa yinkxwaleko.
15
Ke lona igama lenu loba sisigculelo kubantu bam; uMhlekazi uNdikhoyo uya kunitshabalalisa, zona izicaka zakhe azinike igama elitsha.
16
Kweli lizwe ke othamsanqelayo uya kwenjenjalo ngegama likaThixo onguThembekile, nofungayo uya kubiza uThixo onguThembekile. Kaloku iinkathazo zamandulo zoba sezalityalwa; ngenene, zoba zifihlakele ndingasazikhumbuli.”
17
*UNdikhoyo uthi: “Ewe, ndiza kudala amazulu amatsha, ngokunjalo nehlabathi elitsha. Ke yona indalo yamandulo iya kulityalwa ingabi sakhunjulwa.
18
Ngoko ke vuyani niqakathe ngenxa yale ndalo yam intsha; iJerusalem ndoyitsho ibe liqhayiya, nabantu bayo bavelise uchulumacho.
19
Nam ndoba nemincili ngenxa yeJerusalem, ndithatheke ndidlokove ngabantu bam. Khona soze sibe saviwa isijwili; ukufixiza nesilokozi ziya kuphela tu.
20
“Nokufa kweentsana kuya kunqamka; abantu bokhula bade bakhokhobe. Umntu ofe enekhulu leminyaka uya kunconywa ngokuf' emncinci; kanti ke ongafikelelanga ekhulwini yena kothiwa wambethwe lishwangusha.
21
Imizi abayakhayo abantu boyima; baya kutyala izidiliya, bazitye iziqhamo zazo.
22
Imizi abayakhayo ayiyi kumiwa ngabanye, nezinto abazilimileyo zingaxhatshazwa ngabanye. Kwanjengobude bobomi bemithi yoba njalo nemihla yabantu bam; ewe, abanyulwa bam baya kuwuxhamla ngenene umsebenzi wezandla zabo.
23
Bona abasayi kusebenzela ilize, bengasayi kuzalela isithwakumbe; koko boba ngabantu abathamsanqelweyo nguNdikhoyo, ngokunjalo nezizukulwana zabo.
24
Mna ndosabela bengekakhali nokukhala; ndobeva besathetha nje kuphela.
25
Ingcuka netakane ziya kutya ndawonye, ingonyama igramze ingca njengenkomo, yona inyoka itye uthuli. Inene akusayi kubakho owonayo notshabalalisayo eZiyon intaba yam eyodwa.” Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo.
← Chapter 64
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 66 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52
53
54
55
56
57
58
59
60
61
62
63
64
65
66