bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Isaiah 49
Isaiah 49
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 48
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 50 →
1
I-i-i-nzwi! Bekan' iindlebe, zizw' ezikude! Yivani ke, nina nto zihlal' ekudeni! *UNdikhoyo wandibiza ndingekaliboni ilanga; ewe, wandikhankanya ndingekazalwa.
2
Wawenza amazwi am ahlaba njengekrele; ewe, yena wandifumbatha ngesandla, wandicikiza ngathi uhombisa utolo, wandithi xhwa sendilind' umayenzeke.
3
Ke yena wathetha nam, wathi: “Wena usisicaka sam, Sirayeli; ngawe ndibhengeza ubungangamsha bam.”
4
Ke mna ndithe: “Ndibulalekele ilize; umzabalazo wam ungamampunge. Kambe ke ibango lam likuNdikhoyo; nguThixo wam oya kundibuyekeza.”
5
UNdikhoyo owandibumba esizalweni, wandenza isicaka sakhe, ukuze ndibuyisele uYakobi kuye, ndiphuthume uSirayeli owabhacayo. Kaloku isidima ndisizuza kuNdikhoyo; amandla am ampompoza kuThixo wam.
6
UNdikhoyo uthethe wenjenje: “Njengesicaka sam akwanele okokuba ubuyisele ubuhandiba kwaYakobi, uphuthume amasalela kaSirayeli endiwalondolozileyo, koko ndikumisela ukuba ube lukhanyiso lweentlanga, ube lusindiso lwam olubandakanya ihlabathi jikelele.”
7
UYedwa, uNdikhoyo, uThixo kaSirayeli, lowo unguMkhululi wakhe, uthi kulowo udelwe mpela-mpela, nditsho lowo ucatshukelwayo zizizwe, lowo usisicaka seziphathamandla: “Izikumkani ziya kukubona; ewe, ziya kuphakama zikhahlele, namatshawe aya kuvova ee guqaqa!” Yonke loo nto ke iza kwenzeka kuba uNdikhoyo ekunyule wena ukuze ube sisicaka sakhe, nditsho uThixo onguYedwa kaSirayeli othembekileyo.
8
*UNdikhoyo uthi: “Ayeza amathuba akholekileyo, imihla yokusindiswa. Ke mna ndiya kukusiza, ndisabele ndakuva uzibika. Ndiya kukwalúsa ndikukhusele, ngawe ndenze umnqophiso nabantu. Ngawe ndolibuyisela kubantu bam ilizwe, ndilabe eliyinkangala libe lilifa,
9
amabanjwa uwathethele uthi: ‘Yinkululeko; khululekani;’ uthi kwabo basebumnyameni: ‘Phumani, nize ekukhanyeni.’ “Bona baya kutya ngasezindleleni njengeegusha ezitya ezindulini.
10
Abayi kubuya balambe banxanwe; ilanga lentlango aliyi kubenzakalisa. Baya kwaluswa ngulowo unovelwano, abakhokelele kwimithombo empompozayo.
11
Ndogqobhoz' iintaba, ndivul' uhola, abantu bam ndibahlahlel' indlela.
12
Bona bothi gqi kwelikude – nditsho kwelasentla nasentshonalanga – bophum' eSinim kwelasezantsi.”
13
Memelelani ngovuyo, nina mazulu; yeyezela uhlahlambe, wena mhlaba; hlokomani nivume, nina zintaba! Kaloku uNdikhoyo uyabathuthuzela abantu bakhe; uhlabekile ziinkxwaleko zeentsizana zakhe.
14
Ke yena uZiyon uthi: “Hayi bo! UNdikhoyo undifulathele; iNkosi isuke yandilibala.”
15
Waphendula ke esithi: “Ngaba umfazi angalulibala na usana lwakhe, ade angavakalelwa ngowakhe umntwana? Noba ke yena angade amlibale, okokwam ke mna soze ndikufulathele,
16
kuba igama lakho ndilivambile, ndilithe tyaba esandleni sam; iindonga zakho zihlala zisemehlweni am.
17
Bayeza oonyana bakho; baza kuphinda bakuvuse; abakutshabalalisayo bayemka.
18
Khawulaqaze uqwalasele: nâbo oonyana bakho bexhontelana; nâbo bebuya begxalathelana. Ndiyafunga mna Thixo ophilayo, nawe wozingca ngoonyana bakho, uxel' umtshakazi ngobuyoko-yoko bakhe.
19
“Ngenene ilizwe lakho labhukuqwa lada labharha, kodwa ngoku loba lincinane kunabo, lingabalingani abo babuyela kulo; abo balibhukuqayo boba sebekude.
20
Abantwana obazalele ekuxhwalekeni ngeny' imini baya kuthi kuwe: ‘Lo mhlaba mncinane gqitha; sivulel' indawo, ukuze sime nathi!’
21
Uya kwandula ke uthi: ‘Ndibathathe phi abantwana abangaka? Ndandingaphathi, ndiludlolo; kaloku ndathinjwa ndagxothwa. Kambe ke bakhuliswe ngubani aba? Mna ndasala ndiyimpula kalujaca, ngaba luphuma phi na usapho olungaka?’ ”
22
UMhlekazi uNdikhoyo uthi: “Ndiya kuzikhweba iintlanga, ndiziphakamisele imbasa yam izizwe, zitsho zize nalo usapho lwakho, zibabeleke oonyana bakho, zizifunqule iintombi zakho.
23
Ookumkani boba ngabondli bakho, ookumkanikazi babe ziineni zakho; bothi vovololo, benik' imbeko kuwe, borhuqa phantsi ngentlonipho, utsh' uqond' ukuba ndinguNdikhoyo, soze badane abo bathembela ngam.”
24
Ungalohlutha na ixhoba lejoni? Ungamkhulula na umthinjwa kulowo umthimbileyo?
25
Kambe yena uNdikhoyo uthi: “Yiloo nto kanye eza kwenzeka: amaxhoba othathwa kumajoni, abathinjwa bakhululwe kubathimbi. Baxabene nam abo balwa nawe; usapho lwakho lona ndiluhlangule.
26
Abakucinezelayo ndobatsho bavukelane; boqumba babe ngoomnqay' ulambile, noluntu lonke lutsho lundiqonde ukuba ndinguNdikhoyo okusindisayo, mna Mkhululi wakho, iNgangamsha kaYakobi.”
← Chapter 48
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 50 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52
53
54
55
56
57
58
59
60
61
62
63
64
65
66