bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Isaiah 5
Isaiah 5
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 6 →
1
Makhe ndintyiloze ndivum' ingoma, ingoma ngogxa wam nesidiliya sakhe. Ugxa wam wayenesidiliya kwinduli echuma kunene.
2
Wawuphethula umhlaba, wawageqa amatye, waza watyala idiliya yodidi. Kwalapho wakha nemboniselo; ngokunjalo wenza nesixovulelo. Waza ke wanqumama ekholosile; suka ke zona iidiliya zavela zingezizo.
3
“Athi ke, nina bemi baseJerusalem, ngokunjalo nani, bantu bakwaJuda! Ndiyanibongoza, khanahlule phakathi kwam nesidiliya sam.
4
Ngaba yintoni endingasenzelanga yona? Yiyiphi enye into engendisenzele yona? Ngaba uphi undonakele? Kaloku mna ndithe ndijonge iidiliya, suka sona savelisa ezingezizo.
5
Phulaphulani ke, mna ndinixelele, nantsi into endiya kusenza yona: ndoyisusa loo nto ndisibiyele ngayo, sitsho sibe sisisulu sokubhuqwa; ndiya kuzidiliza iindonga ezisibiyeleyo, imidiliya ibe sisisulu sokunyathelwa.
6
Ndosiyeka nje, side sibe lifusi; isidiliya singàthenwa, singàhlakulwa, sikhule utshungu nenkunzane. Namafu ngokwawo ndowagunyazisa ukuze angasiphatheli namvula.”
7
Isidiliya *sikaNdikhoyo onamandla onke yindlu kaSirayeli; ewe, esi sidiliya ngamaJuda, wona angumyezo oligugu lakhe. Yena walindela okusemthethweni kuwo, suka wona ee dyubhu ngobutyadidi begazi! Wayelindele ubulungisa kuwo, suka yasisijwili sokuzibika!
8
Kunyembelekile ke kuni, kuba nithatha imizi ninemizi. Nongeza amasimi, ninawo amasimi, nifunzel' ukugqiba konke tu, ibe nini nodwa abemi kweli lizwe.
9
Ndimvile *uNdikhoyo onamandla onke; ewe, ufunge wathi: “Ngenene la mapomakazi ezindlu ndowatsho akhal' ibhungane, neenzwakazi zemizi zoba ngamanxuwa.
10
Kwisidiliya esiziindima ezilishumi kuya kuphuma umphanda wewayini kuphela, ize yona imbewu ezele ingobozi ivelise isitya sengqolowa kuphela.”
11
Yeha! Kunyembelekile kuni, nina bavuka ekuseni, nisukelana notywala kube njeya; nina bajikeleza kude kube sebusuku, nide nibe zizinxada-nxada kukunxila!
12
Kwezo ziyunguma sisigingci nehapu, umrhubhe nefluthi, ndawonye notywala; uNdikhoyo yena animkhathalele, nemisebenzi ayenzayo aniyihoyanga.
13
Ngenxa yokuba bengaqiqi abantu bam baza kuthinjwa. Oomaqhuzu babo bofa yindlala, ngokunjalo nomndilili ufe lunxano.
14
Ngoko ke elabafileyo libalambele; ewe, ingcwaba likhamise ng'aa, liza kuziqongqoloza izihandiba zaseJerusalem. Ngokunjalo nezihlwele ziya kutshona kulo, ingabi yongxolo ke, ibe yingxuba kaxaka!
15
Abantu baya kuthotywa bawe bhaxa; abakhukhumeleyo baya kuhlazeka.
16
Kodwa ke uNdikhoyo onamandla onke uphakanyiswa bubulungisa bakhe; ewe, yena uThixo onguYedwa wozicacisa ngobulungisa bakhe.
17
Amatakane aya kutya kuloo mabhodlo, nawebhokhwe atsho afumane idlelo.
18
Lusizi lodwa kwabarhuqa ukona ngomnxeba wokuxoka, abo balandelwa sisono ngathi basirhuqa ngentsontela,
19
abo bathi: “UThixo makakhawulezise; makangxame enze sibone kaloku. Masifike isicwangciso sikaYedwa kaSirayeli, ukuze nathi sibe nokusiqonda.”
20
Kulusizi kwabathi ububi kokuhle, nakwabo bathi okuhle bububi; nditsho abathi ubumnyama kukukhanya, bajike bathi ukukhanya bubumnyama. Bona ekrakrayo bathi imnandi, ukanti emnandi bathi iyakrakra.
21
Kunyembelekile kwabo bazicingela ukuba bazizilumko; nditsho abo bazicingela ukuba bandwebile.
22
Yeha ke nina, makroti asetywaleni, nina bangamachule okuxuba utywala;
23
nditsho nina bamkhululayo onetyala, ngenxa yokuba nifumene isicengo, nina babugqwethayo ubulungisa komsulwa!
24
Ngoko ke niya kufana nomququ, wona ulencwayo lidangatye; nani niya kuba njengengca, yona ishwatyaniswayo ngumlilo. Niya kusuka nibole iingcambu; intyatyambo yenu iya kuvuthuluka. Kaloku niyimangele ingqeqesho kaNdikhoyo onamandla onke, nalitshica ilizwi likaYedwa kaSirayeli.
25
Ewe, uNdikhoyo uyalwa nabantu bakhe; wosuka abathi mpaka ngesandla sakhe! Ke zona iintaba zonyikima, izidumbu zibe yinkunkuma ezitalatweni. Naxa kunjalo nje usavutha ngumsindo; ewe, akajiki, uyalekuza.
26
UNdikhoyo uza kuxhokonxa isizwe esikude; uza kuntyontyela esiseziphelweni zehlabathi. Nâso ke sisiza sigxalathelana!
27
Amajoni aso akakhubeki, engadinwa; wona akozeli, akalali nokulala. Ezawo iibhanti azikhululeki, nemitya yeembadada zawo ayiqhawuki.
28
Iintolo zawo azibukhali, ziingcangula; ewe, ziinto ezihlala zityedile. Iimpuphu zamahashe – nyengane yakwabani! Ke wona amavili eenqwelo sisitshu.
29
Ziinto ezivungama okwengonyama; ewe, umgqumo wazo ngathi yingonyama entsha. Zigragrama zilithi xhwii ixhoba lazo, zilithi xhakamfu kungabikho unokulamla.
30
Ngaloo mini ke zibhavumla phezu kwalo, zitsho ngomgqumo ngathi lulwandle. Wothi wakukrwaqula ke kulo mhlaba ufike uyinkxwaleko nembonde-mbonde, ukukhanya kuginywe bubumnyama bamafu.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52
53
54
55
56
57
58
59
60
61
62
63
64
65
66