bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Isaiah 7
Isaiah 7
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 8 →
1
Ke kaloku kwabakho imfazwe kwelakwaJuda ngethuba lokulawula kukakumkani uAhazi unyana kaYotam, umzukulwana kaUziya. URezin ukumkani wama-Aram, ekunye noPeka unyana kaRemaliya owayengukumkani wakwaSirayeli, bahlasela iJerusalem, kodwa babuya ze.
2
Ukumkani wakwaJuda uthe akulufumana udaba lokuba imikhosi yama-Aram seyingxange kumhlaba wakwaSirayeli, akoyika wangcangcazela, yena nabantu bakhe, okwemithi ishukunyiswa ngumoya.
3
*UNdikhoyo ke uthethe noIsaya wathi: “Hamba nonyana wakho uMasalela-obuya, uhlangabeze ukumkani uAhazi. Niya kudibana naye endleleni phaya kulaa ndawo basebenzela kuyo abasonti belaphu, ekupheleni kwalaa mjelo utsala amanzi kwelaa qula liphezulu.
4
Yithi kuye: ‘Hlala uthe qwa uzole, ungabhuduzeli ube nevuso. Kaloku lo msindo kakumkani uRezin nama-Aram kunye nalo kakumkani uPeka unyana kaRemaliya ufana nje nokutsitsitheka komlilo weviti.
5
Ama-Aram ekunye namaSirayeli phantsi konyana kaRemaliya baceba iyelenqe ngawe.
6
Bathi: “Masilihlasele ilizwe lakwaJuda, silithathe sahlulelane ngalo, size simisele unyana kaTabhele abe ngukumkani.”
7
Kambe ke iNkosi uNdikhoyo ithi: “ ‘Unotshe; soz' ihle loo nto! Hayi, into enjalo soze yenzeke tu!
8
Kaloku intloko yama-Aram yiDamasko, ibe ke yona intloko yeDamasko nguRezin. Okokwakhe ke uSirayeli, kwisithuba nje samashumi amathandathu anantlanu eminyaka, uya kuvuthuluka kungasali nempunde le – ewe, buya kubhanga ubuzwe bakhe.
9
Kaloku intloko yamaSirayeli yiSamariya, ibe ke yona intloko yeSamariya nguPeka unyana kaRemaliya. Kambe ke ukuba ithemba lakho alimilanga, soze ume.’ ”
10
*UNdikhoyo waqhuba wathi kuAhazi:
11
“Yitsho kuNdikhoyo uThixo wakho akunike umqondiso, noba ngowasenzonzobileni kwelabafileyo okanye emajuku-jukwini phezulu.”
12
Ke kaloku uAhazi uphendule wathi: “Hayi, andiyi kuwucela umqondiso; andithandi kumlinga uNdikhoyo.”
13
UIsaya ke uphendule wathi: “Khawuphulaphule, ndlu kaDavide! Ngathi uyithatha kancinci into yokudinisa abantu! Ngoku sewufunzela ukukruqula noThixo wam lo?
14
Ngoko ke yiNkosi ngokwayo eza kukunika umqondiso! Kaloku intombi ikhulelwe, ibe ke iza kuzala unyana, imthiye igama elinguImanuweli.
15
Ke kaloku loo nkwenkwe iya kuthi xa seyikwazi ukukhetha phakathi kokubi nokuhle kube sekudliwa ngendeb' endala, ingamasi nobusi.
16
Kambe ke lothi lingekafiki nelo thuba, ibe yona imihlaba yaba kumkani bakuphakuzelisayo seyikhal' ibhungane.
17
“Wena nabantu bakho ndawonye nekomkhulu liphela uNdikhoyo uza kunizisela inkxwaleko engathethekiyo engazange yalanywe okokoko waqhekekayo umbuso kaSirayeli kowakwaJuda. Ewe, uza kunithumela ngokumkani wama-Asiriya.
18
“Ngelo xesha ke uNdikhoyo uya kutsho ngomtyangampo wekhwelo, atsho amaJiputa ancothuke kwelikude kwiintlambo zomlambo iNayile, eze ngathi libubu leempukane. Kanti kananjalo nama-Asiriya aya kuphuma kwelakowawo ebhubhuzela exel' iinyosi.
19
Elo bubu ke liya kuyambathisa nje imixawuka ndawonye nemiqolomba emaweni phaya; ewe, liya kunwena lithandele nenameva imithi, lingashiyi nalinye idlelo.
20
“Ngelo thuba ke uNdikhoyo uya kuqesha umchebi waphesheya komlambo iEfrati ukumkani waseAsiriya! Yena ke uya kunigugula zonke iinwele neendevu noboya.
21
“Lakugaleleka ke elo xesha nomlimi osalelwe yimazi yenkomo enye, neemazi zeegusha ezimbini,
22
kangangokuba ziya kuba zisehlisa, kuya kuba yintlutha emzini wakhe. Ewe, kaloku loo masalela ashiyekileyo kweli lizwe aya kudla ngendeb' endala, ingamasi nobusi.
23
“Ngelo xesha ke izidiliya ezinemithi eliwaka kuso ngasinye – mithi leyo ixabisa iwaka leesiliva – ziya kuba zitshone lè, zonganyelwe sisiphingo nobobo.
24
Ke bona abantu baya kujikeleza neentolo zabo bezingela. Kaloku lonke eli lizwe loba liphanjwe ngamatyholo anameva ndawonye nobobo.
25
Kwezo ntili apho kwakufudula kulinywa khona kuya kuba kwene ngangokuba kungabi nakusondela mntu khona. Ewe, amasimi abo selejike angamadlelo eenkomo kwaneegusha.”
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52
53
54
55
56
57
58
59
60
61
62
63
64
65
66