bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Isaiah 52
Isaiah 52
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 51
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 53 →
1
Vuka! Vuka, Ziyon! Khawuvath' amandla nokomelela; khawufak' ezingayiwayo ngokundileka. Awu, Jerusalem, sixekondini esingcwele, kula masango soze babe sangena abangalukanga nâbo *bagqwalisekileyo.
2
Vuk' uvuthulul' uthuli olo; mbanjwandini Jerusalem, khululeka. Thukulul' amakhamandel' akukhonkxileyo, ungqendeve, mthinjwandini Ziyon.
3
UNdikhoyo uthi: “Ukungena kwenu ebukhobokeni zange nihlawulelwe, ngoko ke naxa nikhululekayo akuyi kwenziwa mrhumo.”
4
Ewe, uMhlekazi uNdikhoyo uthi: “Kuqala abantu bam bâya kuhlala eJiputa; kamva ke bangena phantsi kwedyokhwe yama-Asiriya.
5
Ngoku ngaba yiyiphi ke le imeko?” utsho uNdikhoyo. “Kaloku abantu bam baqweqwedisiwe bangena ebukhobokeni ngaphandle kwentlawulo, nabaphathi babo baphoxisa ngabo. Igama lam lihlala linyeliswa imihla yonke.
6
Kwithuba elizayo abantu bam baya kulazi igama lam, baqonde ukuba ndim owatshoyo, ewe, ndim kanye!”
7
Hayi ubuhle beenyawo zesigidimi sibhijel' iintaba, sipheth' iindaba ezimnandi, sibhengeza sisithi: “Uxolo lufikile! Yonk' intw' ilungile! Nal' usindiso!” Ewe, sibhekisa kwiZiyon sisithi: “UThixo wakho uyalawula.”
8
Abalindi batsho ngentswahla, batsho ngenzwinini yovuyo ngazwi-nye. Kaloku ngoku sebebona ngamehlo; nanko uNdikhoyo engena eZiyon!
9
Dandulukani ngemivuyo nemincili nani ke, mabhodlo aseJerusalem. UNdikhoyo wobathuthuzela abantu bakhe, ayikhulule iJerusalem.
10
Yena wosebenza ngamandla awodwa, zibone zonke izizwe, usindiso loThixo wethu lutyhileke kuzo zonke iintlanga.
11
Ke nina phumani, hambani nimke apho, ningachukumisi nento le *enomlaza. Phumani ningenabala nimsulwa, baphathi bobuncwane bendlu kaThixo.
12
Namhla aniyi kuphuma magxabha-gxabha. Kaloku animki ngakuba nibhaca, koko nikhokelwa nguNdikhoyo. UThixo kaSirayeli wonikhusela ngeenxa zonke.
13
*UNdikhoyo uthi: “Isicaka sam sophumelela; siya kuphakamela phezulu ngendumasi.
14
Ke abaninzi bomangaliswa bakusibona; suka santleke-ntleke asazeka, imbonakalo yaso ingachazeki, singasafani nanyana wamntu.
15
Nangoku ke wochaphazela izizwe ezininzi, izikumkani zikhumnqe zisik' umlomo. Kaloku zobona zide ziqondisise nento ezingazange zayazi.”
← Chapter 51
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 53 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52
53
54
55
56
57
58
59
60
61
62
63
64
65
66