bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
/
Isaiah 37
Isaiah 37
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
← Chapter 36
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 38 →
1
Ke kaloku wathi akuziva ezi ndaba ukumkani uHezekiya, suka wakhathazeka, wazikrazula izambatho zakhe, wanxiba ezirhwexayo zokuzila, waya endlwini *kaNdikhoyo.
2
Wathuma uEliyakim umaqhuzu wakomkhulu, noShebhena unobhala wenkundla, kunye nababingeleli abaphambili, bonke benxibe ezirhwexayo zokuzila, wathi mabaye *kumshumayeli uIsaya, unyana ka-Amozi.
3
Baya, bafika bathi: “UHezekiya uthi: ‘Lo ngumhla wenkxwaleko, impoxo, nehlazo. Sifana nomfazi ofikelwe lixesha lakhe lokuzala, kodwa engenawo amandla okujongana naloo meko.
4
Makube uNdikhoyo uThixo wakho uwevile onke amazwi athethwe yingqwayi-ngqwayi leyo ibithunywe yinkosi yayo ukumkani waseAsiriya ukuze ize kuphoxisa ngoThixo ophilayo. Ngamana yakhalinyelwa ngenxa yamazwi aweve ngokwakhe uNdikhoyo uThixo wakho. Ngoko ke nceda uthandazele amasalela asindileyo.’ ”
5
Athe ke akufika kuIsaya loo maphakathi kakumkani uHezekiya,
6
uIsaya wathi kuwo: “Yixeleleni inkosi yenu ukuba uNdikhoyo uthi: ‘Musa ukuxhalaba yiloo nto uyivileyo – loo mazwi athethwe ngamaphakathi kakumkani waseAsiriya endithuka.
7
Uyabona ke, mna ndiza kumfaka umoya wokuba athi akuva umingi-mingi lodaba oluthile, asuke abuyele kwelakowabo. Khona apho ke ndiya kwenza ukuba abulawe ngekrele.’ ”
8
Ingqwayi-ngqwayi yomkhosi yathi yakuva ukuba ukumkani waseAsiriya umkile eLakishe, suka yarhoxa, yabuya umva, yaza yafika ukumkani esilwa neLibhena.
9
Ke uSenakeribhe wafumana udaba oluthi ukumkani uTiraka umKushe nanko ehlasela iAsiriya. Ngoko ke waphinda wathumela kuHezekiya esithi:
10
“Yithi kukumkani uHezekiya wakwaJuda: ‘Musa ukukhohliswa ngulo Thixo wakho umthembileyo. Uyakuxokisa xa esithi: “IJerusalem ayiyi kuthinjwa ngukumkani waseAsiriya.”
11
Kaloku sowuzivile izigigaba zokumkani waseAsiriya kwezinye izizwe; uyazi ukuba wazibhukuqa wazitshabalalisa tu. Ke wena uthi uya kusinda njani?
12
Babephi *oothixo bezizwe ezatshatyalaliswa ngoobawo-mkhulu? Abazihlangulanga ngani ke oothixo baseGozan, eHaran, eRezefe, nabo babantu baseIdeni ababeseTelasare?
13
Uphi ngoku ukumkani waseHamati, owaseArpadi; ukumkani wesixeko saseSefarvayim? Yena owaseHena nowaseIva uphi?’ ”
14
Ezo zigidimi zamnika loo leta uHezekiya, waza ke yena wayifunda wayithatha waya nayo endlwini *kaNdikhoyo, wafika wayandlala phambi koNdikhoyo.
15
Wathandaza kuNdikhoyo, wathi:
16
“Ndikhoyo, Somandla-onke, Thixo kaSirayeli, wena osesihlalweni phakathi *kwezithunywa ezimaphiko, nguwe kuphela onguThixo olawula zonke izikumkani zehlabathi. Wena walidala izulu kwanehlabathi.
17
Kaloku ke, Ndikhoyo, khawubek' iindlebe uphulaphule. Vula amehlo akho ujonge, Ndikhoyo. Khawuweve onke la mazwi awathumeleyo uSenakeribhe, ethuka uThixo ophilayo.
18
Ngenene, Ndikhoyo, ookumkani baseAsiriya bazibhuqa bazitshabalalisa ezi zizwe zonke kunye nemihlaba yazo.
19
Oothixo bazo wabafaka emlilweni, wabatshabalalisa; kuba kakade babengethixo, koko yayiyimifanekiso eqingqwe zizandla zabantu ngomthi nangelitye.
20
Ngoko ke ngoku, Ndikhoyo Thixo wethu, khawusihlangule kulo mfo, khon' ukuze zonke izikumkani zehlabathi ziqonde ukuba nguwe wedwa uNdikhoyo.”
21
Ke uIsaya unyana ka-Amozi wathumela umyalezo kuHezekiya, esithi: “*UNdikhoyo uThixo kaSirayeli uthi: ‘Ndiwuvile umthandazo wakho mayela nokumkani waseAsiriya uSenakeribhe.’
22
“Mayela naye ke uNdikhoyo uthi: ‘Okokwakho, wena Senakeribhe, isixeko iZiyon siyakugcolodela, isixeko iZiyon sihlekisa ngawe. Ewe, iJerusalem ihlunguzel' intloko xa ikubona wena uswantsula.
23
Ngubani lo umngcikiva ngezinyeliso ezinje? Uba uthetha nabani, ukhwaza nje? Ngubani lo umjonge ngekratshi? Lowo ke nguYedwa kaSirayeli!
24
Wena uthumele izigidimi, uNdikhoyo wamfumba ngezithuko; kaloku ugcolode wathi: “Mna ndinenyambalala yeenqwelo; ngazo ndiqabel' iintab' eziphakamileyo, loo malenga-lenga aseLebhanon. Ndiyigawule imisedare yayo emide naloo mipayini yayo ingayiwayo. De ndafikelela nasekudeni, nditsho esitsikolweni sehlathi.
25
Ndimbe amaqula kumazwe eentlanga, ndaza ke ndasela amanzi khona. Ndingqishe ngonyawo kuphela, ngazo zona ezi nyawo zam, zatsho zoma zonk' iintlambo eJiputa.”
26
“ ‘Ngaba awuzange uve na, ukuba le nto yamiselwa ndim, ukuba sekuntsuku ndayicwangcisayo le nto yenzekayo namhlanje, ukuba wena udilize izixeko ezinqatyisiweyo, uzivuthulule zitsho zibe ngamabhodlo?
27
Abemi bazo baphelelwe ngamandla; bathe nkamalala, bayanyongoba. Nqwa nomfino emasimini phaya ngathi zizithombo ezithukuzayo; ngathi yingc' entshula phezu kwendlu, esuk' itshe ingakhulanga nokukhula.
28
“ ‘Kambe ke ndikwazi kakuhle; ndikwazi ukusuka nokuhlala namagwevu okundivukela kwakho.
29
Kaloku wena uzimisele ukulwa nam. Ndivile nangokundinyelisa kwakho. Ndiza kukuqhobosha impumlo, ndikufake umkhala emlonyeni, ndikubuyisele aph' ubuvela khona.’
30
“Nanku ke umqondiso wakho, Hezekiya: “ ‘Kulo nyaka uza kutya ummilela, kowesibini utye ummilela wommilela, kowesithathu ke uhlwayele uvune, utyale izidiliya, utye iziqhamo zazo.
31
Ophinda ke amasalela endlu kaJuda amile; ewe, aya kuzinza, aqhelezele yinkqubela.
32
Kaloku amasalela ovela eJerusalem, lithi nyalulu kwintaba iZiyon iqela lâbo babhungcileyo. UNdikhoyo onekhwele, nditsho uSomandla-onke, nguye oya kuyenza loo nto.’
33
“Ewe, uNdikhoyo uthethe ngolu hlobo mayela nokumkani waseAsiriya: “ ‘Akasoze angene kwesi sixeko, engayi kudubula lutolo apha. Akasoze eze phambi kwaso, engayi kusihlanganisela ngakhaka. Akasayi kwakha asingqinge esi sixeko.
34
Ewe, wobuya agoduke kwangendlela ebeze ngayo. Soze angene kwesi sixeko! Nditshilo nje mna Ndikhoyo nditshilo.
35
Ndiya kusihlanganisela esi sixeko; ewe, mna ndiya kusihlangula. Ngenxa yesidima segama lam, nangenxa yesicaka sam uDavide, yonke loo nto ndiya kuyenza.’ ”
36
Ke kaloku isithunywa sikaNdikhoyo saya kumkhosi wama-Asiriya, safika sabulala ikhulu elinamashumi asibhozo anantlanu lamawaka amajoni. Bathe ke bakuvuka ngentsasa elandelayo bazibona izidumbu zithe gangalala!
37
Ngoko ke uSenakeribhe, ukumkani waseAsiriya, wazichitha warhoxa, wabuyela eNiniva, wahlala khona.
38
Ngamhla uthile ke uthe esanqula kwindlu yothixo wakhe uNiseroki, suka oonyana bakhe uAdrameleki noSharezere bamhlasela, bambulala ngekrele, baza ke babalekela kwelaseArarati. Ke uEsaradoni, omnye koonyana bakhe, wangena esikhundleni sakhe, wangukumkani.
← Chapter 36
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 53
Chapter 54
Chapter 55
Chapter 56
Chapter 57
Chapter 58
Chapter 59
Chapter 60
Chapter 61
Chapter 62
Chapter 63
Chapter 64
Chapter 65
Chapter 66
Chapter 38 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52
53
54
55
56
57
58
59
60
61
62
63
64
65
66