bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Jeremiah 19
Jeremiah 19
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 20 →
1
Utsho uYehova ukuthi, Yiya uthenge ingqayi yombumbi wezitya zodongwe, uthabathe inxenye yamadoda amakhulu abantu, neyamadoda amakhulu ababingeleli;
2
uphume uye emfuleni wakwaBhen-hinom olunge nesango leenkamba, umemeze khona amazwi endiya kuwathetha kuwe.
3
Wothi, Liveni ilizwi likaYehova, kumkani bakwaYuda, nani bemi baseYerusalem; utsho uYehova wemikhosi, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Yabonani, le ndawo ndiyizisela ububi, obuya kubetha zithi nzwi iindlebe zabo bonke ababuvayo;
4
ngenxa enokuba bendishiyile mna, bayenza eyasemzini le ndawo baqhumisela thixweni bambi abangabaziyo, bona, nooyise, nookumkani bakwaYuda, bayizalisa le ndawo ngegazi labamsulwa.
5
Bamakhela uBhahali iziganga, ukuze babatshise oonyana babo ngomlilo, babe ngamadini anyukayo kuBhahali, into endingabawiselanga mthetho ngayo, endingayithethanga, engathanga qatha entliziyweni yam.
6
Ngako oko uyabona, iyeza imihla, utsho uYehova, engasayi kuba sabizwa le ndawo ngokuthi yiTofete, nomfula wakwaBhen-hinom; kuya kuthiwa nguMfula wokuBulala.
7
Ndiya kulithululela iqhinga lakwaYuda neYerusalem kule ndawo, ndibawise ngekrele phambi kweentshaba zabo, nangezandla zabawufunayo umphefumlo wabo, ndizinikele izidumbu zabo zibe kukudla ezintakeni zezulu nasezilweni zomhlaba.
8
Ndiya kuwenza lo mzi ube ngummangaliso nomsondlo; bonke abagqitha kuwo bomangaliswa, benze umsondlo ngazo izibetho zawo zonke.
9
Ndiya kubadlisa inyama yoonyana babo nenyama yeentombi zabo, elowo adle inyama yowabo ekungqingweni nasekucuthweni, eziya kubacutha ngako iintshaba zabo, nabawufunayo umphefumlo wabo.
10
Uze ke uyiqhekeze ingqayi emehlweni amadoda ahamba nawe, uthi kuwo,
11
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Ndiya kwenjenje ukubaqhekeza aba bantu nalo mzi, njengokuqhekezwa kwezitya zombumbi, ezingasenakubuya zingcitywe; babangcwabele eTofete, ngokungabikho ndawo yakungcwaba.
12
Ndiya kwenjenjalo kule ndawo, utsho uYehova, nakubemi bayo, ukuze lo mzi ndiwenze ube njengeTofete.
13
Izindlu zeYerusalem nezindlu zookumkani bakwaYuda zoba yinqambi, njengendawo yeTofete: zonke izindlu, abaqhumisela phezu kophahla lwazo kuwo wonke umkhosi wasezulwini, bathululele thixo bambi iminikelo ethululwayo kubo.
14
Wabuya uYeremiya eTofete, apho uYehova abemthumele khona ukuba aprofete; wema entendelezweni yendlu kaYehova, wathi kubantu bonke,
15
Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiwuzisela lo mzi, nemizi yawo yonke, bonke ububi endibuthethileyo ngawo; ngokuba beyenze lukhuni intamo yabo, ukuze bangawevi amazwi am.
← Chapter 18
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 20 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52