bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Jeremiah 9
Jeremiah 9
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 10 →
1
Ayaba intloko yam ibingamanzi, amehlo am aba lithende leenyembezi; bendiya kubalilela imini nobusuku ababuleweyo bentombi yabantu bakowethu!
2
Akwaba bendinendawo yokulalisa kwabahambi entlango; bendiya kubashiya abantu bakowethu, ndimke kubo! Ngokuba bonke ngabakrexezi, yingqungquthela yamanginingini.
3
Bayalutyeda ulwimi lwabo ngobuxoki njengesaphetha; abaphathi ngokuthembeka ezweni; baphuma entweni embi, bangene entweni embi, babe mna ke bengandazi; utsho uYehova.
4
Elowo makamlumkele ummelwane wakhe, ningakholosi nangomzalwana; ngokuba wonke umzalwana wenza ubuqhinga, wonke ummelwane uhamba ehleba.
5
Elowo uyamkhohlisa ummelwane wakhe, abathethi nyaniso;bafundisa ulwimi lwabo ukuthetha ubuxoki, bazidinise ngokwenza okugwenxa.
6
Ukuhlala kwakho kuphakathi kwenkohliso; ngenkohliso abavumi ukundazi; utsho uYehova.
7
Ngako oko, utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Yabona, ndiya kubanyibilikisa, ndibacikide; ngokuba ndingathini na ngenxa yentombi yabantu bam?
8
Lutolo olubulalayo ulwimi lwabo; bathetha inkohliso; omnye uthetha uxolo ngomlomo wakhe kummelwane wakhe, ukanti embilinini wakhe umlalele.
9
Mandingabaveleli na ke ngenxa yezo zinto? utsho uYehova;ungaziphindezeli na umphefumlo wam kuhlanga olunje?
10
Ngenxa yeentaba ndibeka isililo nesimema, nangenxa yamakriwa entlango ndibeka isimbonono; ngokuba afakwe isikhuni, akwabakho bani ugqithayo kuwo, alavakala izwi lemfuyo;kuthabathela ezintakeni zezulu lwesa ezilweni, kusatyiwe, kwemkiwa.
11
Ndiyenze iYerusalem yangumwewe, yazizikhundla zeempungutye;ndiyenze imizi yakwaYuda yangamanxuwa, ayaba nammi.
12
Ngubani na indoda elumkileyo, ikuqonde oku? othethileyo kuyo umlomo kaYehova, ikuxele? Kungenxa yani na ukuba ilizwe litshabalale, lifakwe isikhuni njengentlango, kungabikho bani ugqitha kulo?
13
Wathi uYehova, Kungenxa enokuba bewushiyile umyalelo wam, endawubeka phambi kwabo, abaliphulaphula ilizwi lam, abahamba ngawo.
14
Balandela ubungqola bentliziyo yabo, balandela ooBhahali, into abayifundiswa ngooyise.
15
Ngako oko, utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, ndiya kubadlisa aba bantu umhlonyane, ndibaseze inyongo;
16
ndibaphangalalise phakathi kweentlanga, ababengazazi bona nooyise; ndilithumele ikrele emva kwabo, ndide ndibaphelise.
17
Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Gqalani, nibize iintokazi ezenza isimbonono, zize, nithumele kwezilumkileyo, zize;
18
zingxame, ziphimisele phezu kwethu isimema; ehle iinyembezi amehlo ethu, zityityizele amanzi iinkophe zethu.
19
Ngokuba ilizwi lesimema livakala liphuma eZiyon, lisithi, Hayi, ukubhuqeka kwethu! Sidane kakhulu, kuba silishiyile ilizwe, kuba bewakhahlele phantsi amakhaya ethu.
20
Noko ke liveni, zintokazi, ilizwi likaYehova, indlebe yenu ilamkele ilizwi lomlomo wakhe, nizifundise iintombi zenu isimema, omnye afundise ummelwane wakhe isimbonono.
21
Ngokuba kunyukile ukufa ngeefestile zethu; kungene ezingxandeni zethu ezinde, ukuba kunqumle abantwana ezitratweni, amadodana endaweni yembutho.
22
Thetha uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ziya kuwa ke izidumbu zabantu, njengomgquba phezu kwentsimi, nanjengesinde emva komvuni, kungabikho ubahlanganisayo.
23
Utsho uYehova ukuthi, Isilumko masingaqhayisi ngobulumko baso, igorha malingaqhayisi ngobugorha balo, isityebi masingaqhayisi ngobutyebi baso.
24
Oqhayisayo makaqhayise ngale nto yokuba endiqiqa, endazi mna ukuba ndinguYehova, owenza inceba, nesiko, nobulungisa, ehlabathini; ngokuba ndinanze ezo zinto; utsho uYehova.
25
Yabona, iyeza imihla, utsho uYehova, endiya kubohlwaya ngayo bonke abalukileyo, phofu bengalukile:
26
amaYiputa, namaYuda, namaEdom, noonyana baka-Amon, namaMowabhi, noonquthula-iinwele, abemi entlango; ngokuba zonke iintlanga zingabangalukileyo, nendlu yonke yakwaSirayeli ingalukile ngentliziyo.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52