bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Jeremiah 40
Jeremiah 40
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 39
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 41 →
1
Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, emveni kokuba ebendululwe eRama nguNebhuzaradan, umthetheli wabasiki, ekumthabatheni kwakhe ekhonkxiwe ngemixokelelwane phakathi kwabafudusiweyo bonke baseYerusalem nabakwaYuda, ababefuduselwa eBhabheli.
2
Umthetheli wabasiki wamthabatha ke uYeremiya, wathi kuye, UYehova uThixo wakho wathetha obu bubi ngale ndawo;
3
uYehova wabufikisa, wenza njengoko wakuthethayo; ngokuba nonayo kuYehova, analiphulaphula izwi lakhe, yabakho ke le nto kuni.
4
Kaloku ke yabona, ndiyayicombulula namhla imixokelelwane esezandleni zakho. Ukuba kuthe kwalunga emehlweni akho ukuya nam eBhabheli, yiza, ndolimisa iliso lam kuwe; ukuba kuthe kwakubi emehlweni akho ukuya nam eBhabheli, yeka ke. Uyabona, ilizwe lonke liphambi kwakho; ukuya apho kuthe kwalunga kwathi tye emehlweni akho, oko kokwakho, yiya khona.
5
Uthe ke engekabuyi, wathi, Buyela kuGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, owenziwa umveleli ngukumkani waseBhabheli emizini yakwaYuda, uhlale naye phakathi kwabantu;okanye uye apho kuthe tye emehlweni akho ukuya khona.Umthetheli wabasiki wamnika umxhesho nesipho, wamndulula.
6
UYeremiya waya kuGedaliya unyana ka-Ahikam eMizpa, wahlala naye phakathi kwabantu ababesele elizweni.
7
Ke kaloku beva bonke abathetheli bezimpi ezisendle, bona namadoda abo, ukuba ukumkani waseBhabheli umenze umveleli welizwe uGedaliya unyana ka-Ahikam, nokuba umenze umveleli wamadoda, nabafazi, nabantwana, nezisweli zelizwe, kwababengafuduselwanga eBhabheli.
8
Beza ke kuGedaliya eMizpa, inguIshmayeli unyana kaNetaniya, noYohanan noYonatan oonyana bakaKareba, noSeraya unyana kaTanumete, noonyana bakaEfayi waseNetofa, noYezaniya umntu waseMahaka, bona namadoda abo.
9
UGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan, wabafungela namadoda abo, esithi, Musani ukoyika ukuwakhonza amaKaledi;hlalani kweli lizwe, nimkhonze ukumkani waseBhabheli, kulunge kuni.
10
Yabonani, ndihleli eMizpa, ukuze ndime phambi kwamaKaledi, aya kuza kuthi; ke nina hlanganisani iwayini, neziqhamo zasehlotyeni, neoli, nibeke ezityeni zenu, nihlale emizini yenu, enithe nayithimba.
11
NamaYuda onke abe ekwelakwaMowabhi, nakoonyana baka-Amon, nakwelakwaEdom, nabasemazweni onke, eva ukuba ukumkani waseBhabheli umise amasalela kwaYuda, nokuba umenze umveleli wawo uGedaliya unyana ka-Ahikam, unyana kaShafan.
12
Abuya ke onke amaYuda, ezindaweni zonke abegxothelwe kuzo, eza elizweni lakwaYuda kuGedaliya eMizpa, abutha iwayini neziqhamo zasehlotyeni, zazininzi kakhulu.
13
Ke kaloku uYohanan unyana kaKareha, nabathetheli bonke bezimpi ababesemaphandleni, beza kuGedaliya eMizpa.
14
Bathi kuye, Uhleli usazi na ukuba uBhahalisi, ukumkani woonyana baka-Amon, uthume uIshmayeli unyana kaNetaniya, ukuba akubulale? Ke uGedaliya unyana ka-Ahikam ubengakholwa ngabo.
15
UYohanan unyana kaKareha wathetha kuGedaliya ngasese eMizpa, wathi, Makhe ndiye ndimbulale uIshmayeli unyana kaNetaniya, kungazi mntu; yini na ukuba ade abulale wena, achithwachithwe amaYuda onke ahlanganisene kuwe, atshabalale amasalela akwaYuda?
16
UGedaliya unyana ka-Ahikam wathi kuYohanan unyana kaKareha, Musa ukuyenza loo nto; ngokuba uthetha ubuxoki ngoIshmayeli.
← Chapter 39
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 41 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52