bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Jeremiah 8
Jeremiah 8
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 9 →
1
Ngelo xesha, utsho uYehova, aya kukhutshwa emangcwabeni abo amathambo ookumkani bakwaYuda, namathambo abathetheli bakhe, namathambo ababingeleli, namathambo abaprofeti, namathambo abemi baseYerusalem;
2
anekwe elangeni, nasenyangeni, nasemkhosini wonke wezulu, izinto ezo ababezithanda, ababezikhonza, ababezilandela, ababequqela kuzo, ababequbuda kuzo; akayi kuhlanganiswa, akayi kungcwatywa, aya kuba ngumgquba phezu kobuso bomhlaba.
3
Konyulwa ukufa phezu kobomi ngamasalela onke aseleyo kule mizalwane ineento ezimbi, ezindaweni zonke endiwagxothele kuzo amasalela; utsho uYehova wemikhosi.
4
Yithi ke kubo, Utsho uYehova ukuthi, Baya kuwa, bangavuki na? Uya kuphamba, angabuyi na umntu?
5
Kungathuba lini na ukuba aba bantu baseYerusalem baphambe ngokuphamba okungunaphakade? Babambelela engohlisweni, bengavumi ukubuya.
6
Ndabaza indlebe, ndeva, bathetha into engeyiyo; akukho bani uzohlwayayo ngeento zakhe ezimbi, athi, Yintoni na le ndiyenzileyo? Bonke bephela babuyela ekugidimeni kwabo, njengehashe lifunzela emfazweni.
7
Kanti nengwamza ezulwini iyawazi amaxesha ayo amisiweyo;nehobe nehlankomo nendwe ziligcinile ixesha lokufika kwazo; ke bona abantu bam abalazi isiko likaYehova.
8
Ningathini na ukuthi, Sizizilumko, umyalelo kaYehova unathi?Yabonani, okwenene usiba lwababhali olubuxoki luwenze wabubuxoki.
9
Zidanile izilumko, ziqhiphuke umbilini, zibanjisiwe; yabona, ziyalicekisa ilizwi likaYehova; zinobulumko bukabani na ke?
10
Ngako oko abafazi babo ndiya kubanikela kubambi, namasimi abo ndiwanikele kwabawahluthayo; ngokuba, bethabathela komncinane besa komkhulu, bonke bephela babawa bebawile;bethabathela kumprofeti besa kumbingeleli, bonke bephela benza ngobuxoki.
11
Bakuphilisa kalula ukwaphuka kwentombi yabantu bam, besithi, Luxolo, luxolo; kungekho luxolo.
12
Baya kudaniswa, ngokuba benze amasikizi; noko ke abadani nokudana, abakwazi ukuba neentloni; ngako oko baya kuwa phakathi kwabawayo, ngexesha lokubavelela kwam baya kukhubeka;utsho uYehova.
13
Ndiya kubatshayela impela, utsho uYehova; kungabikho zidiliya emdiliyeni, kungabikho makhiwane emkhiwaneni; igqabi liya kubuna; ndisuke ndimise abo baya kugqitha phezu kwabo.
14
Sihlaleleni na? Zihlanganiseni, singene emizini enqatyisiweyo, sitshabalale khona; ngokuba uYehova uThixo wethu uza kusitshabalalisa, asiseze inyongo; ngokuba sonile kuYehova.
15
Besithembe uxolo, akwabakho nto ilungileyo: besithembe ixesha lokuphiliswa, nanko ikukudandatheka.
16
Livakala livela kwaDan ithatha lamahashe abo; ngezwi lokukhonya kweembalasane zamahashe abo liyanyikima ilizwe lonke. Bayeza, bayalidla ilizwe nenzaliseko yalo, umzi nabemi bawo.
17
Ngokuba, yabonani, ndithumela phakathi kwenu iinyoka, amarhamba angenakukhafulwa, anilume; utsho uYehova.
18
Uye phi na umthuthuzeli wam esingqaleni? Inobulwelwe kum intliziyo yam.
19
Nalo ilizwi lokuzibika kwentombi yabantu bakowethu, livela ezweni elikude, lisithi, UYehova akakho na eZiyon? akakho na kuyo ukumkani wayo? Kungathuba lini na ukuba bandiqumbise ngemifanekiso yabo eqingqiweyo, ngeento ezingento zolunye uhlanga?
20
Ukuvuna kudlule, ihlobo liphelile, thina ke asikasindiswa.
21
Ngenxa yokwaphuka kwentombi yabantu bakowethu, ndaphukile;ndinezimnyama zokuzila, ndibanjwe kukumangaliswa.
22
Akukho mafutha aqholiweyo na eGiliyadi? Akukho gqirha na khona? Kutheni na ke ukuba kungabotshwa ukwaphuka kwentombi yabantu bakowethu?
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52