bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Jeremiah 36
Jeremiah 36
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 35
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 37 →
1
Kwathi, ngomnyaka wesine kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, lafika eli lizwi kuYeremiya, livela kuYehova, lisithi,
2
Thabathela kuwe incwadi esongwayo, uwabhale kuyo onke amazwi endawathetha kuwe ngamaSirayeli, nangamaYuda, nangeentlanga zonke, kususela kwimini endathethayo kuwe, uthabathele emihleni kaYosiya, ude uze kule mini.
3
Mhlawumbi indlu kaYuda ingabuphulaphula bonke ububi endicinga ukubenza kubo, ukuze babuye elowo endleleni yakhe embi, ndibuxolele ubugwenxa babo nesono sabo.
4
UYeremiya wabiza uBharuki unyana kaNeriya, wawabhala encwadini esongwayo uBharuki, ephuma emlonyeni kaYeremiya, onke amazwi kaYehova, awawathethayo kuye.
5
UYeremiya wamwisela uBharuki umthetho, esithi, Mna ndivalelwe, andinako ukuya endlwini kaYehova.
6
Yiya wena, uwalese encwadini esongwayo, leyo uyibhalileyo, ephuma emlonyeni wam, amazwi kaYehova, ezindlebeni zabantu endlwini kaYehova ngomhla wokuzila ukudla; uwalese nasezindlebeni zamaYuda onke, avela emizini yawo.
7
Mhlawumbi ukutarhuzisa kwabo kungawa phambi koYehova, babuye elowo endleleni yakhe embi; ngokuba mkhulu umsindo nobushushu, abuthethileyo uYehova ngaba bantu.
8
Wenza ke uBharuki unyana kaNeriya njengako konke abemwisele umthetho uYeremiya umprofeti, wokuba awalese encwadini amazwi kaYehova endlwini kaYehova.
9
Kwathi ngomnyaka weshumi kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, ngenyanga yesithoba, bamema uzilo lokudla phambi koYehova kubantu bonke baseYerusalem, nakubantu bonke ababevele emizini yakwaYuda, beza eYerusalem.
10
UBharuki wawalesa encwadini amazwi kaYeremiya endlwini kaYehova, egumbini likaGemariya unyana kaShafan, umbhali, entendelezweni ephezulu, ekungeneni kwesango elitsha lendlu kaYehova, ezindlebeni zabantu bonke.
11
Waweva uMikaya unyana kaGemariya, unyana kaShafan, onke amazwi kaYehova encwadini,
12
wehla waya endlwini yokumkani, egumbini lombhali. Nabo, behleli khona abathetheli bonke: ooElishama umbhali, noDelaya unyana kaShemaya, noElinatan unyana ka-Akebhore, noGemariya unyana kaShafan, noZedekiya unyana kaHananiya, nabathetheli bonke.
13
UMikaya wabaxelela onke amazwi abewavile ekuleseni kukaBharuki encwadini, ezindlebeni zabantu.
14
Bonke abathetheli bathumela kuBharuki uYehudi unyana kaNetaniya, unyana kaShelemiya, unyana kaKushi, besithi, Incwadi esongwayo leyo ulese kuyo ezindlebeni zabantu, yiphathe ngesandla sakho, uze. UBharuki unyana kaNeriya wayiphatha ke incwadi esongwayo ngesandla sakhe, weza kubo.
15
Bathi kuye, Khawuhlale phantsi, uyilese ezindlebeni zethu.Wayilesa ke uBharuki ezindlebeni zabo.
16
Kwathi, bakuweva onke loo mazwi, bankwantya, elowo ebheka kowabo; bathi kuBharuki, Simelwe kukumxelela ukumkani onke la mazwi.
17
Bambuza uBharuki, besithi, Khawusixelele, utheni na ukuwabhala onke la mazwi ephuma emlonyeni wakhe?
18
Wathi uBharuki kubo, Wawathetha kum onke la mazwi aphuma emlonyeni wakhe, ndawabhala encwadini le ngeinki.
19
Bathi abathetheli kuBharuki, Hamba uye kuzimela, wena noYeremiya, kungazi mntu apho nikhona.
20
Bangena ke kukumkani entendelezweni, beyibeke incwadi esongwayo egumbini likaElishama umbhali, bawaxela ezindlebeni zokumkani onke amazwi lawo.
21
Ukumkani wathuma uYehudi, ukuba ayithabathe incwadi esongwayo; wayithabatha ke egumbini likaElishama umbhali.UYehudi wayilesa ezindlebeni zokumkani, nasezindlebeni zabathetheli bonke abamele ngakukumkani.
22
Ke kaloku ukumkani wayehleli endlwini yasebusika ngenyanga yesithoba, kubasiwe elukhambeni phambi kwakhe.
23
Kwathi, xa uYehudi abelese imiqolo emithathu nokuba mine, wayiqwenga ukumkani ngesitshetshe sombhali, wayiphosa emlilweni obuselukhambeni, yada yatsha yagqibela yonke incwadi esongwayo, emlilweni obuselukhambeni.
24
Abankwantyanga, abazikrazulanga iingubo zabo ukumkani nabakhonzi bakhe, ababeweva loo mazwi onke.
25
Noko ke bambongozayo ukumkani ooElinatan noDelaya noGemariya, ukuba angayitshisi incwadi esongwayo, akabaphulaphula.
26
Ukumkani wabawisela umthetho ooYerameli unyana kakumkani, noSeraya unyana ka-Azeriyeli, noShelemiya unyana ka-Abhedeli, ukuba bambambe uBharuki umbhali noYeremiya umprofeti; uYehova wabazimeza.
27
Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, emveni kokuba ukumkani abeyitshisile incwadi esongwayo, namazwi abewabhalile uBharuki, ephuma emlonyeni kaYeremiya, lisithi,
28
Buya, uthabathe enye incwadi esongwayo, ubhale kuyo onke amazwi okuqala, abesencwadini esongwayo yokuqala, awayitshisayo uYehoyakim ukumkani wakwaYuda.
29
Uze uthi kuYehoyakim ukumkani wakwaYuda, Utsho uYehova ukuthi, Wena uyitshisile le ncwadi isongwayo, usithi, Yini na ukuba ubhale kuyo ukuthi, Ukumkani waseBhabheli uya kuza eze, alonakalise eli lizwe, aphelise umntu nenkomo kulo?
30
Ngako oko, utsho uYehova ngokusingisele kuYehoyakim ukumkani wakwaYuda, ukuthi, Akuyi kubakho bani wakwakhe kuye, uhlalayo etroneni kaDavide; isidumbu sakhe siya kulahlelwa ebushushwini belanga emini, naseqabakeni ebusuku.
31
Ndiya kumvelela yena, nembewu yakhe, nabakhonzi bakhe, ngobugwenxa babo; ndibuzisele bona, nabemi baseYerusalem, namadoda akwaYuda, bonke ububi endabuthethayo kubo; ke abaphulaphula.
32
UYeremiya wathabatha enye incwadi esongwayo, wayinika uBharuki unyana kaNeriya, umbhali; wawabhala kuyo, ephuma emlonyeni kaYeremiya, onke amazwi encwadi awayitshisayo uYehoyakim ukumkani wakwaYuda ngomlilo. Kongezelelwa kuwo amazwi amaninzi, anjengawo.
← Chapter 35
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 37 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52