bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Jeremiah 34
Jeremiah 34
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 33
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 35 →
1
Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, akubon ukuba uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, enempi yakhe yonke, nezikumkani zonke zelizwe eliselulawulweni lwesandla sakhe, nezizwe zonke, uyalwa neYerusalem nemizi yayo yonke: lalisithi,
2
Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yiya, uthethe kuZedekiya ukumkani wakwaYuda, uthi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Yabona, ndiyawunikela lo mzi esandleni sokumkani waseBhabheli, ukuba awutshise ngomlilo.
3
Ke wena akuyi kusinda esandleni sakhe; inene, uya kubanjwa, unikelwe esandleni sakhe, amehlo akho awabone amehlo okumkani waseBhabheli, umlomo wakhe uthethe nomlomo wakho, uve nawe eBhabheli.
4
Kodwa live ilizwi likaYehova, Zedekiya kumkani wakwaYuda;utsho uYehova ngawe, ukuthi, Akuyi kufa likrele,
5
Uya kufa unoxolo; ngokutshiselwa kooyihlo, ookumkani bamandulo ababekho ngaphambi kwakho, baya kwenjenjalo ukukutshisela; bakumbambazelele, besithi, Athi ke mna, nkosi!Ngokuba mna ndilithethile ilizwi; utsho uYehova.
6
Wawathetha ke uYeremiya umprofeti loo mazwi onke kuZedekiya ukumkani wakwaYuda, eYerusalem,
7
yakubon ukuba impi yokumkani waseBhabheli iyalwa neYerusalem, nemizi yonke yakwaYuda eseleyo, neLakishe, neAzeka; ngokuba kwakusele yona emizini yakwaYuda, iyimizi enqatyisiweyo.
8
Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, emveni kokwenza kokumkani uZedekiya umnqophiso nabantu bonke baseYerusalem, wokuvakalisa kubo inkululeko:
9
owokuba elowo andulule ikhoboka lakhe, elowo ikhobokazana lakhe elingumHebhere, elingumHebherekazi, elikhulule, kungabikho umkhonzisayo umYuda umzalwana wakhe.
10
Baphulaphula ke abathetheli bonke nabantu bonke, abangenayo emnqophisweni wokuba elowo andulule ikhoboka lakhe, elowo ikhobokazana lakhe, elikhulule, angabi sabakhonzisa;baphulaphula ke, babandulula.
11
Emveni koko bajika, bawabuyisa amakhoboka namakhobokazana ababewandulule bewakhulule, bawaxinzelela ekubeni ngamakhoboka namakhobokazana.
12
Kwafika ke ilizwi likaYehova kuYeremiya, livela kuYehova, lisithi,
13
Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Mna ndenza umnqophiso nooyihlo, mini ndabakhupha ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka;
14
ndathi, Ekupheleni kweminyaka esixhenxe, ize nindulule elowo umzalwana wakhe ongumHebhere, owazithengisayo kuwe;wokukhonza iminyaka emithandathu, umndulule kuwe, umkhulule; ke ooyihlo abandiphulaphulanga, abandithobelanga ndlebe.
15
Nina ke nibuyile namhla, nenza okuthe tye emehlweni am ngokuvakalisa inkululeko, elowo kummelwane wakhe, nenza umnqophiso phambi kwam endlwini ebizwe ngegama lam;
16
nasuka najika, nalihlambela igama lam, nabuyisa elowo ikhoboka lakhe, elowo ikhobokazana lakhe, enaniwandulule, niwakhulule ngokuthanda kwawo; nawaxinzelela ekubeni ngamakhoboka namakhobokazana kuni.
17
Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Anindiphulaphulanga ngokuvakalisa inkululeko, elowo kumzalwana wakhe, elowo kummelwane wakhe; yabonani, ndivakalisa kuni inkululeko, utsho uYehova, yokuya ekreleni, nasendlaleni, nasendyikityeni yokufa, ndininikele kwizikumkani zonke zehlabathi, ukuze nibe yinto yokunqakulisa.
18
Ndiya kuwenza amadoda awugqithileyo umnqophiso wam, angawagcinanga amazwi omnqophiso awawenzayo phambi kwam, abe lelo thole alicanda kubini, acanda phakathi kwezahlulo zenyama yalo.
19
Abathetheli bakwaYuda, nabathetheli baseYerusalem, namagosa, nababingeleli, nabantu bonke belizwe abacandayo phakathi kwezahlulo zethole,
20
ndiya kubanikela ezandleni zeentshaba zabo, nasezandleni zabafuna umphefumlo wabo, zidliwe izidumbu zabo ziintaka zezulu nangamarhamncwa omhlaba.
21
UZedekiya ke ukumkani wakwaYuda, nabathetheli bakhe, ndiya kubanikela esandleni sabafuna umphefumlo wabo, nasesandleni sempi yokumkani waseBhabheli, yona leyo yemkayo kuni.
22
Yabona, ndiwisa umthetho, utsho uYehova, wokuba ndibabuyisele kulo mzi, balwe nawo, bawuthimbe, bawutshise ngomlilo, ndiyenze amanxuwa imizi yakwaYuda, ingemiwa.
← Chapter 33
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 35 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52