bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Jeremiah 35
Jeremiah 35
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 34
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 36 →
1
Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, ngemihla kaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, lalisithi,
2
Yiya endlwini yamaRekabhi, uthethe nawo, uwangenise endlwini kaYehova, kwelinye igumbi, uwaseze iwayini.
3
Ndamthabatha ke uYazaniya unyana kaYeremiya, unyana kaHabhatsiniya, nabazalwana bakhe, noonyana bakhe bonke, nendlu yonke yamaRekabhi;
4
ndabangenisa endlwini kaYehova, egumbini koonyana bakaHanan unyana kaIgedaliya, umfo wakwaThixo, elisecaleni kwegumbi labathetheli, eliphezu kwegumbi likaMahaseya unyana kaShalum, umgcini-mnyango.
5
Ndabeka phambi koonyana bendlu yamaRekabhi iindebe ezizele yiwayini, neebhekile, ndathi kubo, Selani iwayini.
6
Bathi bona, Asiyiseli iwayini: ngokuba uYonadabhi unyana kaRekabhi, ubawo, wasiwisela umthetho wokuthi, Ze ningaseli wayini, nina, noonyana benu, naphakade;
7
ningakhi zindlu, ningahlwayeli mbewu, ningatyali sidiliya, ningabi nazo ezo zinto; ke nohlala ezintenteni yonke imihla yenu, ukuze niphile imihla emininzi phezu komhlaba, eningabaphambukeli kuwo.
8
Siliphulaphule ke izwi likaYonadabhi unyana kaRekabhi, ubawo, kuko konke awasiwisela umthetho ngako, ukuba singaseli wayini yonke imihla yethu, thina, nabafazi bethu, noonyana bethu, neentombi zethu;
9
wokuba singakhi nazindlu zokuba sihlale kuzo, singabi nazidiliya, nantsimi, nambewu.
10
Sihleli ezintenteni, seva, senza ngako konke awasiwisela umthetho ngako uYonadabhi ubawo.
11
Ke kaloku kwathi, ekunyukeni kukaNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, esiza kweli lizwe, sathi, Yizani singene eYerusalem ngenxa yempi yamaKaledi, nangenxa yempi yama-Aram;sahlala ke eYerusalem apha.
12
Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya, lisithi,
13
Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yiya, uthi kumadoda akwaYuda nakubemi baseYerusalem, Anikuvumi na ukuqeqeshwa, ukuba niwaphulaphule amazwi am? utsho uYehova.
14
Agciniwe amazwi kaYonadabhi, unyana kaRekabhi, awabawisela oonyana bakhe ukuba bangaseli wayini; abaseli unanamhla, bawuphulaphula ke umthetho kayise. Ke mna ndathetha kuni, ndithetha, ndivuka kusasa; anindiphulaphulanga.
15
Ndabathumela kuni bonke abakhonzi bam, abaprofeti, ndibathuma, ndivuka kusasa, ndisithi, Khanibuye, elowo endleleni yakhe embi, nilungise iintlondi zenu, ningalandeli thixo bambi, ukuze nibakhonze; nohlala ke emhlabeni endawunika nina nooyihlo. Ke anizithobanga iindlebe zenu, anindiphulaphulanga.
16
Inene, oonyana bakaYonadabhi unyana kaRekabhi bawugcinile umthetho kayise, awabawiselayo; ke bona aba bantu abandiphulaphuli.
17
Ngako oko utsho uYehova, uThixo wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabonani, ndiwazisela amaYuda nabemi bonke baseYerusalem bonke obu bubi ndathethayo ngabo; ngenxa yokuba ndathetha kubo, abeva; ndababiza, abasabela.
18
UYeremiya wathi kwindlu yamaRekabhi, Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ngenxa enokuba niwuphulaphule umthetho kaYonadabhi uyihlo, nayigcina yonke imithetho yakhe, nenza ngako konke awaniwisela umthetho ngako;
19
ngako oko utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, UYonadabhi, unyana kaRekabhi, akayi kunqunyukelwa ndoda yakuma phambi kwam yonke imihla.
← Chapter 34
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 36 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52