bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
/
Jeremiah 37
Jeremiah 37
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
← Chapter 36
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 38 →
1
Ke kaloku ukumkani uZedekiya unyana kaYosiya waba ngukumkani esikhundleni sikaKoniyahu unyana kaYehoyakim, owenziwa ukumkani ezweni lakwaYuda nguNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli.
2
Akawaphulaphula naye, nabakhonzi bakhe, nabantu belizwe, amazwi kaYehova awawathethayo ngoYeremiya umprofeti.
3
Ukumkani uZedekiya wathuma ooYehukali unyana kaShelemiya, noZefaniya unyana kaMahaseya, umbingeleli, kuYeremiya umprofeti, esithi, Khawusithandazele kuYehova uThixo wethu.
4
UYeremiya ke ubengena ephuma phakathi kwabantu, bengekamfaki entolongweni.
5
Ke kaloku impi kaFaro ibiphume eYiputa; aziva iindaba zayo amaKaledi abeyingqinga iYerusalem, esuka emka eYerusalem.
6
Kwafika ilizwi likaYehova kuYeremiya umprofeti, lisithi,
7
Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yitshoni kukumkani wakwaYuda, onithume ukuza kubuzisa kum, ukuthi, Yabonani, impi kaFaro ephume isiza ukuninceda, iya kubuyela ezweni layo eYiputa;
8
abuye ke amaKaledi, alwe nalo mzi, awuthimbe, awutshise ngomlilo.
9
Utsho uYehova ukuthi, Musani ukuzikhohlisa ngokwenu, nisithi, Aya kumka kanye kuthi amaKaledi; ngokuba akayi kumka.
10
Inene, nibe ningafanelana niyixabele impi yonke yamaKaledi alwayo nani, kwasala kuyo amadoda aziingxwelera; abeya kuvuka elowo ententeni yakhe, awutshise lo mzi ngomlilo.
11
Kwathi, ekumkeni kwempi yamaKaledi eYerusalem ngenxa yempi kaFaro,
12
waphuma uYeremiya eYerusalem, esiya ezweni lakwaBhenjamin, ukuba athabathe khona isahlulelo sakhe phakathi kwabantu.
13
Kwathi, esesangweni lakwaBhenjamin, ekhona nomphathi-balindi, ogama linguIriya unyana kaShelemiya, unyana kaHananiya, wambamba uYeremiya umprofeti, esithi, Uphambela kumaKaledi.
14
Wathi uYeremiya, Uyaxoka; andiphambeli kumaKaledi. Ke akamphulaphula; uIriya wambamba uYeremiya, wamsa kubathetheli.
15
Abathetheli bamqumbela uYeremiya, bambetha, bamfaka endlwini yababanjwa, endlwini yombhali uYonatan; ngokuba babeyenze intolongo.
16
Xa uYeremiya ebengenile endlwini engumhadi, ezingontsini, wahlala khona uYeremiya imihla emininzi.
17
Uthe ke ukumkani uZedekiya wathumela, wamthabatha;ukumkani wambuza endlwini yakhe ngasese, wathi, Kukho lizwi na liphuma kuYehova? Wathi uYeremiya, Likho; wathi, Uya kunikelwa esandleni sokumkani waseBhabheli.
18
Wathi uYeremiya kukumkani uZedekiya, Ndone ngantoni na kuwe, nakubakhonzi bakho, nakwaba bantu, ukuba nindifake entolongweni nje?
19
Baphi na ke abaprofeti benu ababeprofeta kuni, besithi, Ukumkani waseBhabheli akayi kunifikela nina, nalo eli lizwe?
20
Kaloku ke khawuphulaphule, nkosi yam kumkani, makuwe phambi kwakho ukutarhuzisa kwam; musa ukundibuyisela endlwini kaYonatan umbhali, hleze ndifele khona.
21
Ukumkani uZedekiya wawisa umthetho; bambeka uYeremiya entendelezweni yabalindi, bamnika intenda yesonka imihla ngemihla esitratweni saboji, sada saphela sonke isonka phakathi komzi. UYeremiya wahlala ke entendelezweni yabalindi.
← Chapter 36
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 15
Chapter 16
Chapter 17
Chapter 18
Chapter 19
Chapter 20
Chapter 21
Chapter 22
Chapter 23
Chapter 24
Chapter 25
Chapter 26
Chapter 27
Chapter 28
Chapter 29
Chapter 30
Chapter 31
Chapter 32
Chapter 33
Chapter 34
Chapter 35
Chapter 36
Chapter 37
Chapter 38
Chapter 39
Chapter 40
Chapter 41
Chapter 42
Chapter 43
Chapter 44
Chapter 45
Chapter 46
Chapter 47
Chapter 48
Chapter 49
Chapter 50
Chapter 51
Chapter 52
Chapter 38 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
19
20
21
22
23
24
25
26
27
28
29
30
31
32
33
34
35
36
37
38
39
40
41
42
43
44
45
46
47
48
49
50
51
52