bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ecclesiastes 11
Ecclesiastes 11
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 12 →
1
POSA isonka sako pezu kwobuso bamanzi; ngokuba uya kusifumana emveni kwemihla emininzi:
2
nika isabelwa kwabasixe̔nxe, ewe, nakwabasibozo; ngokuba ungazi lilipina ilishwa eliya kubako emhlabeni.
3
Nxa amafu azele yimvula, ayayitulula pezu kwomhlaba; naxeshekweni umti uwayo ngasesuyide, umhlaumbi ngasenode, endaweni apo uwileyo umti lowo, uya kubako kona.
4
Olindayo umoya, akayi kuhlwayela; nokangelayo amafu, akayi kuvuna.
5
Njengokuba ungazi ukuba iyinina indlela yomoya, njengokuba ungazi amatambo asesizalweni somitiyo, kwa njalo akuwazi umsebenzi katixo okwenzayo konke.
6
Ngako kusasa hlwayela imbewu yako, nangokuhlwa ungapumzi isandla sako; ngokuba ungazi ukuba yiyipina eya kuhluma, ukuba yilé, ukuba yileyo, kusinina; nokuba ziya kufana ukulunga zombini na.
7
Kwa njalo ukukanya kwoba mnandi; ewe, kwoba yinto elungileyo emehlweni ukubona ilanga.
8
Kodwa nokuba umntu uya kuhlala iminyaka ibe mininzi, avuye kuyo yona yonke, makakumbule noko imihla yobumnyama, ukuba iya kuba mininzi; konke okuzayo kokungendawo.
9
Vuya, ndodana! ebutsheni bako, iti ke intliziyo yako ikucwayitise emihleni yobudodana bako, uhambe ngendlela zentliziyo yako, nangombono wamehlo ako: yazi ke kodwa, ukuba, ngenxa yezizinto zonke, utixo wokuzisa ekugwebeni.
10
Ngako shenxisa nsizi entliziyweni yako, nobubi bukwelelise enyameni yako: ngokuba ubutsha nobudodana kokungendawo.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12