bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ecclesiastes 6
Ecclesiastes 6
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 7 →
1
KUKO ububi endibubonileyo ngapantsi kwelanga, obunzima pezu kwabantu:
2
nanku umntu opiweyo ngutixo ubutyebi, nendyebo, nodumo, ude umpefumlo wake ungasweli luto kuko konke akukanukayo, kanti utixo akamnikanga amandla okudla kuko, koko owasemzini ekudla. Oku kokungendawo nobuhlungu obubi.
3
Nakuba umntu ebeya kuzala ikulu labantwana, ahlale iminyaka ibe mininzi, ide ibe yinto enkulu imihla yeminyaka yake, ukuba umpefumlo wake awukoliswa bubuyolo, nokuba kanjalo akanancw̔aba, nditi: Isisu esipumayo silungile pezu kwake.
4
Ngokuba sisiza ngokungendawo, simka ngobumnyama, ewe, igama laso ligujungelwa ngobumnyama:
5
kanjako ilanga asilibonanga, asilazanga: esi sinokupumla ngapezu kwalowo.
6
He, ukuba uyahlala iwaka leminyaka kabini, nobuyolo akabuboni, — abayi endaweni nye bonke na?
7
Wonke umzamo womntu ungenxa yomlomo wake, kanti umxe̔lo awuzaliswa noko.
8
Ngokuba ilumko linenzuzo yanina ngapezu kwesidenge? lineyanina ihlwempu, elaziyo ukuhamba pambi kwabapilileyo?
9
Umbono wamehlo ulungile pezu kwokudungudela kwompefumlo. Oku kokungendawo nokukatazeka kwomoya nako.
10
Lonto ebise iko seibizwe ngegama layo kade; kanjalo, kuyaziwa ukuba nguye umntu, nokuba akangepike nalowo umdlulayo ngamandla.
11
Kuko indawo ezininzi nje ezikwandisayo okungendawo, unenzuzo yanina umntu?
12
Ngokuba ngubanina okwaziyo oko kulungele umntu ekudliweni kwobomi, ngenani lemihla yobomi bake obungendawo, ayidlulisayo njengesitunzi? ngokuba ngubanina ongaxelelayo umntu oko okuya kubako emveni kwake ngapantsi kwelanga?
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12