bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ecclesiastes 3
Ecclesiastes 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 4 →
1
KUKO umzuzu kuzo zonke izinto, nexesha kuyo yonke imicimbi ngapantsi kwezulu:
2
ixesha lokuzalwa, nexesha lokububa; ixesha lokutyala, nexesha lokudonyula oko kutyaliweyo;
3
ixesha lokubulala, nexesha lokupilisa; ixesha lokucita, nexesha lokwaka;
4
ixesha lokulila, nexesha lokuhleka; ixesha lokukala, nexesha lokududa;
5
ixesha lokuposa amatye, nexesha lokubuta amatye; ixesha lokusingata, nexesha lokupepa ukusingata;
6
ixesha lokufuna, nexesha lokulahlekisa; ixesha lokugcina, nexesha lokulahla;
7
ixesha lokuṙazula, nexesha lokutungelanisa; ixesha lokuti cwaka, nexesha lokuteta;
8
ixesha lokutanda, nexesha lokutiya; ixesha lemfazwe, nexesha loxolo.
9
Unenzuzo yanina lowo osebenzayo, ngoko azamileyo ngako?
10
Ndiwugqalile umsebenzi awunikileyo utixo konyana babantu, ukuba bazisebenzise ngawo.
11
Zonke izinto uzenzile zintle ngexesha lazo: kanjalo ubunapakade ububekile entliziyweni yabo, ekungeko mntu ongati ngapandle kwabo afumane umsebenzi awenzileyo utixo, ekuqaleni kude kube sekupeleni.
12
Sendikwazi ukuba akuko nto ebalungeleyo, kupela ukuvuya nokuziyolisa ekudleni kwabo ubomi.
13
Nakanjalo, ukuba abantu bonke batye, basele, badle ubuyolo kuwo wonke umzamo wabo, kusisipo sikatixo oko.
14
Sendikwazi ukuba konke akwenzayo utixo, oko kwobako kude kube ngunapakade; akungongezwe nto kuko, akungesuswe nto kuko kanjako; uyenje njalo utixo, ukuba kwoyikwe ebusweni bake.
15
Lonto ekoyo, ibise iko kade, naleyo iza kubako, ibise iko kade; ngokuba utixo ebiza edlulileyo.
16
Nakanjako, ndabona ngapantsi kwelanga indawo yobugwebo, ukuba inkohlakalo ikona; nendawo yobulungisa, ukuba inkohlakalo ikona.
17
Ndati entliziyweni yam: Olungileyo nokohlakeleyo wobagweba utixo: ngokuba kuko ixesha kuyo yonke imicimbi nakuyo yonke imisebenzi kona apo.
18
Ndati entliziyweni yam, pezu kwendawo yonyana babantu, kukuba utixo abalinge, nokuba babone ngokwabo ukuba ba njengazo izilo bona.
19
Ngokuba okuhlela onyana babantu, nokuhlela izilo, — bahlelwe yinto ekwa nye; njengokububa kwabo bona, kunjalo ukububa kwazo zona: ewe, banomoya umnye bonke; kanjalo ukudlula kwabantu pezu kwezilo akubonakali; ngokuba bonke bekokungendawo.
20
Bonke baya endaweni nye; bonke bavela elutulini, bonke bayabuyela elutulini kanjako.
21
Ngubanina owaziyo umoya wonyana babantu ukuba uyanyukela pezulu na, nomoya wezilo ukuba uyehlela ngapantsi emhlabeni na?
22
Ngako ndabona ukuba akuko nto elungileyo, ngapezu kwokuba umntu avuye emisebenzini yake; ngokuba oku kusisabelwa sake; ngokuba eya kuziswa ngubanina, ukuba akangele oko okuya kubako emveni kwake?
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12