bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ecclesiastes 9
Ecclesiastes 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 10 →
1
Ngokuba konke oku ndikubekele intliziyo yam, ndakulinga konke oku, ukuba abalungileyo nabalumkileyo, nemisebenzi yabo, basesandleni sikatixo: akuko mntu owaziyo utando notiyo; konke kupambi kwabo;
2
konke njengokuba kupambi kwabo bonke: kuko isihlo sinye kolungisayo, nakokohlakeleyo; kolungileyo nakongcwengileyo, nakonco̔lileyo; kowenza amadini, nakulowo ongenzi amadini: njengokuba enjalo olungileyo, unjalo owonayo; ofungayo unjengalowo owoyikayo isifungo.
3
Oku kubububi pakati kwako konke okwenziwayo ngapantsi kwelanga, ukuba kuko isihlo sinye kubo bonke: ewe, nakuba intliziyo yonyana babantu izele bububi, nobugeza busentliziyweni yabo nxa bahleliyo, boti noko emva kwoko baye ekufeni;
4
ngokuba ngubanina lowo uketiweyo? Kubo bonke abahleliyo kuko itemba; ngokuba inja ehleliyo ilungile pezu kwengonyama efileyo.
5
Ngokuba abahleliyo besazi ukuba baya kufa; kodwa abafileyo abazi nanto; akuseko kubo namnye umvuzo, ngokuba inkunjulwa yabo ilityelwe.
6
Kanjako utando lwabo, notiyo lwabo, nobukwele babo, sebububile kade; akuseko kubo nasinye isahlulelwa kude kube ngunapakade, kuko konke okwenziwayo ngapantsi kwelanga.
7
Hamba, yitya isonka sako ngovuyo, usele iveyine yako ngentliziyo ecwayitileyo; ngokuba kukade utixo ekolele izenzo zako.
8
Ingubo zako mazibe mhlope ngamaxa onke; kanjalo ioli maingasweleki pezu kwentloko yako.
9
Yidla ubomi kunye nomfazi omtandayo, yonke imihla yobomi bako obungendawo, obupiwe nguye ngapantsi kwelanga, yonke imihla yako engendawo: ngokuba oko kusisabelwa sako ekudliweni kwobomi, nasemzanyeni wako ozama ngawo ngapantsi kwelanga.
10
Konke sikufumanayo ukukwenza isandla sako, ukwenze ngamandla ako; ngokuba kungeko msebenzi, naqinga, nakwazi, nabulumko, ehadesi, apo uya kona.
11
NDABUYA ndabona ngapantsi kwelanga, okokuba ukubaleka asi kokwabanamendu, nokuba ukulwa asi kokwamaṙoti, nokuba kanjalo ukutya asi kokwabalumkileyo, nokuba kanjalo ubutyebi asi bobabaqondayo, nokuba kanjalo ufefe asi lolwezazi: okokuba ixesha nebaqo lihlela bona bonke:
12
okokuba kanjako akuko mntu olazi ixesha lake; njengentlanzi eziṙintyelwayo elutanjeni olubi, nanjengentaka eziṙinciswayo emgibeni, njengezi bayatiyelwa onyana babantu ngexesha lelishwa, nxa libazumayo.
13
Obubulumko nabo ndibubonile ngapantsi kwelanga, obanga bukulu kum:
14
Bekuko isixeko esincinane, namadoda akuso abelula; kwaye kusiza kuso ukumkani omkulu, wasiṙaula, wazaka inqaba ngakuso.
15
Kwaza kwafunyanwa kuso ihlwempu elilumkileyo, elasindisa isixeko eso ngobulumko balo; kodwa akwabiko mntu owakumbula elohlwempu.
16
Ndati ngoko: Ubulumko bulungile pezu kwamandla; noko ke ubulumko behlwempu buyadelwa, namazwi alo akaviwa.
17
Amazwi abalumkileyo ayaviwa ngokwonwaba, ngapezu kwomemezo lwompati pakati kwezidenge:
18
ubulumko bulungile kwizixo̔bo zemfazwe: kodwa umoni mnye uyabubisa into eninzi yokulungileyo.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12