bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ecclesiastes 7
Ecclesiastes 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 8 →
1
IGAMA elilungileyo lilungile pezu kwamafuta amnandi, nomhla wokufa kwomntu pezu kwomhla wokuzalwa kwake.
2
Kulungile ukuya endlwini yesililo, ngapezu kwokuya endlwini yesidlo; ngokokuba oko kukukupela kwabantu bonke; woti ke opilileyo akubekele intliziyo yake.
3
Usizi lulungile pezu kwokuhleka; ngokuba ngokudana kwobuso ilungiswa intliziyo.
4
Intliziyo yabalumkileyo isendlwini yesililo, kodwa intliziyo yezidenge isendlwini yemihlali.
5
Kulungile ukuba kuviwe ukutetisa kwelumko, ngapezu kwokuba umntu eve ingoma yezidenge.
6
Ngokuba njengokuṙaṙazela kwameva ngapantsi kwembiza, kunjalo ukuhleka kwesidenge. Oku kokungendawo nako.
7
Ngokuba imbandezelo imatisa olumkileyo, nebaso liyonakalisa intliziyo.
8
Ukupela kwendawo kulungile pezu kwokuqala kwayo; ukuqumba kade kugqitisele ukuqanqalaza.
9
Unganxami ngomoya wako ukuqumba; ngokuba uqumbo luhleli esifubeni sezidenge.
10
Ungatsho ukuti: Bekuyinina ukuba imihla yamatanci ibilungile pezu kwalé? ngokuba kungengabulumko ukuba ubuze ngoku.
11
Ubulumko bulungile kwa njengelifa; buyinzuzo ke kwabo balibonayo ilanga.
12
Ngokuba ubulumko sisikuselo, nemali sisikuselo nayo; kodwa indluliselo yokwazi, kukuba ubulumko bupilisa abanabo.
13
Gqala umsebenzi katixo: ngokuba ngubanina ongalungisayo oko akugobisileyo?
14
Uti emhleni wobutamsanqa ube nobuyolo, nasemhleni welishwa ugqale, — ukuba kwa lo njengawo nalowo uwenzile utixo, ngetuba lokuba umntu angafumani nto eya kuba ngasemva kwake.
15
Oku konke ndikubonile emihleni yam yokungendawo: kuko ilunga elibubayo ekulungeni kwalo; kanjalo kuko okohlakeleyo ohlala kade enkohlakalweni yake.
16
Ungabi ulungile ngokuninzi kakulu; kanjalo ungazenzi olumkileyo ngokugqitisa; yinina ukuba uzitshabalalise?
17
Ungabi ukohlakele ngokuninzi kakulu; kanjalo ungabi lihilihili; yinina ukuba ufe lingekafiki ixesha lako?
18
Kulungile ukuba ubambelele koku, nokuba ungayekisi isandla sako nakoko; ngokuba lowo umoyikayo utixo eya kupuma kwezonto zonke.
19
Ubulumko buyamomeleza olumkileyo, ngapezu kweshumi labanamandla abakoyo esixekweni.
20
Ngokuba kungeko mntu olungileyo pezu kwomhlaba, okwenza okulungileyo, angoni.
21
Kanjako, unganikeli intliziyo yako kuwo onke amazwi atetwayo; hleze usive isicaka sako sikutuka:
22
ngokuba isazi eyako intliziyo ukuba kwa futi nawe utukile abanye.
23
Konke oku ndikulingile ngobulumko; ndati: Mandibe nobulumko; kodwa bebukude kum.
24
Oko okukude, nokunzulu kakulu, ngubanina ongakufumanayo?
25
Ndajika mna nentliziyo yam ukwazi, nokupanda, nokufuna ubulumko nobutelekelelo; nokwazi inkohlakalo, n obuhilihili, nobudenge obubugeza.
26
Ndaza ndamfumana eṙaṙa ngapezu kwokufa, lowamfazi ontliziyo izintambo nemigibe, ozandla zizinxibo: olungileyo ebusweni bukatixo wosinda kuye; kodwa umoni wobanjiswa nguye.
27
Bona ke, oku ndikufumene, utsho umshumayeli, enye into ndiyibeka kwenye ukuba ndiyifumane ingqibo;
28
oko umpefumlo wam usakufuna, kanti andikufumani: indoda inye pakati kwabaliwaka ndiyifumene, kodwa umfazi pakati kwabo bonke aba andimfumananga.
29
Kupela, bona ke, oku ndikufumene, ukuba utixo wenza umntu elungile, kodwa bona bafunile amaqinga amaninzi.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12