bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ecclesiastes 2
Ecclesiastes 2
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 3 →
1
Ndati entliziyweni yam: Yiza ke, mandikulinge ngemihlali, uze udle ubuyolo: kekaloku bona ke, oku kokungendawo nako.
2
Ndati ngohleko: Luyageza; nangemihlali: Iyenza nina le?
3
Ndafuna entliziyweni yam ukur̔ola inyama yam ngeveyine, intliziyo yam isakapa ngobulumko; nokubamba ubudenge, ndide ndibone ukuba kuyinina oko kulungele onyana babantu, abaya kukwenza ngapantsi kwezulu, ngenani lemihla yobomi babo.
4
Ndazenzela imisebenzi emikulu; ndazakela izindlu; ndazityalela amasimi emiti yeveyine;
5
ndazenzela izitiya nemiyezo, ndatyala kuzo imiti yeziqa̔mo zentlobo zonke;
6
ndazenzela amacibi amanzi, kuze kunyelwe ngawo ihlati lihluma imiti;
7
ndazuza izicaka nezicakakazi, ndabendinabo abazelweyo endlwini yam; kanjalo bendinemfuyo yenkomo nezimvu into eninzi, ingapezu kweyabo bonke abebepambili kum e‐Yerusaleme;
8
ndazibutela kwa nesilivere negolide, nezinto ezinqabileyo zokumkani nezamazwana; ndazizuzela abaculi nabaculikazi, neziyoliso zonyana babantu, umfazi nabafazi.
9
Ndaba mkulu ke, ndanda ngapezu kwabo bonke abebepambili kum e‐Yerusaleme; kanjalo ubulumko bam bebusahleli nam.
10
Nako konke akubizayo amehlo am andikubambanga kuwo; andiyinqandanga intliziyo yam nakwomnye umhlali: ngokuba intliziyo yam ibivuya ngawo wonke umzamo wam; oku ke bekusisabelwa sam sivela kuwo wonke umzamo wam.
11
Ndaza ndabeka ngakuyo yonke imisebenzi ezibe ziyenzile izandla zam, nangakuwo umzamo endibe ndizamile ngako ukuyenza: kekaloku bona ke, konke bekukokungendawo nokukatazeka kwomoya; ewe, akuko nzuzo ngapantsi kwelanga.
12
Ndasuka ndabeka ukugqala ubulumko, nobugeza, nobudenge: ngokuba eya kwenza nto nina lowamntu oya kumlandela ukumkani? kwa oko sekukade kwenziwe.
13
Ndandula ndabona ukuba ubulumko buyagqitisela ubudenge, kwa njengokuba ukukanya kugqitisela ubumnyama.
14
Olumkileyo amehlo ake asentlokweni yake, kanti osidenge uyahamba ebumnyameni; sendiyazi noko, kwa mna, ukuba bohlelwa sisihlo sinye bonke.
15
Ndaza ndati entliziyweni yam: Njengokuba kuhlela isidenge, kwa njalo kuya kundihlela kwa mna; kunganina ke ngoko ukuba ndigqitisile ngobulumko? Ndandul’ ukuteta entliziyweni yam ukuti: Oku kokungendawo nako.
16
Ngokuba kungeko inkunjulwa kwolumkileyo njengeyosidenge kude kube ngunapakade; ngokokuba, njengapambili, emihleni ezayo bolityalwa kwa bonke. Hai ke ukufa kwolumkileyo ukufana nokwesidenge!
17
Ngako ndanditiya ubomi, ngokuba ubububi kum lomsebenzi owenziwayo ngapantsi kwelanga: ngokuba konke kokungendawo nokukatazeka kwomoya.
18
Ewe, ndayitiya yonke inzuzo yam endiyizameleyo ngapantsi kwelanga, ngokuba ndiya kuyishiyela lamntu oya kubako emva kwam.
19
Kanti ngubanina owaziyo ukuba woba lilumko, woba ligeza, kusinina? Woti ke noko abe namandla pezu kwayo yonke inzuzo yam endiyizameleyo, nendenzileyo ngobulumko ngayo, ngapantsi kwelanga. Oku kokungendawo nako.
20
Ndaza ndajika ukuyenza intliziyo yam incame pezu kwawo wonke umzamo endazama ngawo ngapantsi kwelanga.
21
Ngokuba kuko umntu omzamo wake ungobulumko, nangokwazi, nangokukutala; kanti wowushiyela umntu ongazamanga ngawo ube sisabelwa sake. Oku nako kokungendawo nobubi obukulu.
22
Ngokuba kuyinto nina umntu anako ngawo wonke umzamo wake, nangako konke ukukatazeka kwentliziyo yake, azamile ngawo ngapantsi kwelanga?
23
Ngokuba yonke imihla yake ibuhlungu, nomsebenzi wake uyinkatazo; kwa sebusuku ayipumli intliziyo yake. Oku kokungendawo nako.
24
Akuko nto elungele umntu ngapezu kwokuba atye, asele, awuvise umpefumlo wake ubuyolo kuwo umzamo wake. Ndayibona nalento ukuba yavela esandleni sikatixo.
25
Ngokuba ngubanina ongatyayo, ngubanina onganxamelayo, ngapezu kwam?
26
Ngokuba umntu olungileyo ebusweni bake emnika ubulumko, nokwazi, novuyo; kodwa umoni uyamnika umsebenzi wokuhlanganisa nokubuta, ukuba anike kolungileyo ebusweni bukatixo. Oku kokungendawo nokukatazeka kwomoya nako.
← Chapter 1
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 3 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12