bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ecclesiastes 8
Ecclesiastes 8
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 9 →
1
NGUBANINA onjengelumko? ngubanina owaziyo ukutyilwa kwendawo? Ubulumko bomntu buyakanyisa ubuso bake, nokwomelela kwobuso bake kuyaguqulwa.
2
Ndi ti: Gcina umteto wokumkani; ewe, ngenxa yesifungelo sikatixo.
3
Ungemki ebusweni bake ngokunxama; ungapakami ngenxa yelizwi elibi; ngokuba ekwenza konke akutandayo:
4
ngokokuba ilizwi lokumkani linamandla; kanjalo ngubanina oya kuti kuye: Kuyinto nina ukwenzayo?
5
Ogcinayo umyalelo akalazi ilizwi elibi. Kanjako intliziyo yolumkileyo iyazi ixesha nokugweba:
6
ngokuba kuyo yonke imicimbi kuko ixesha nokugweba; ngokuba ububi bomntu bunzima pezu kwake.
7
Ngokuba engakwazi oko okuya kubako; ngokuba ngubanina ongamxelelayo ukuba kwobako ninina?
8
Akuko mntu onamandla pezu kwomoya, okuba awubambe umoya; kanjako akuko onamandla pezu kwomhla wokufa: ewe, akuko kundululwa kwokukulwa; kanjalo inkohlakalo ayiyi kubasindisa abenzi bayo.
9
Konke oku ndikubonile, ndanikela intliziyo yam kuko konke ukwenza okwenziwayo ngapantsi kwelanga. Kuko ixesha okuya omnye umntu apata omnye umntu kube kukwenzakala kwake.
10
Kwa njalo ke ndibonile abakohlakeleyo bencw̔atyiwe, babuya beza; bati abo bakwenza okufaneleyo bemka endaweni yoyingcwele, balityalwa esixekweni. Oku kokungendawo nako.
11
Ngokuba umgwebo ngakuso isenzo esikohlakeleyo ungenziwa ngobunxamo, iti ngoko intliziyo yonyana babantu pakati kwabo inxamele ukwenza okukohlakeleyo.
12
Nakuba umoni enza okukohlakeleyo kalikulu, ahlaliswe kade, sendiyazi noko, ukuba kwoba kulungile kwabo bamoyikayo utixo, aboyikayo ebusweni bake:
13
kodwa akuyi kuba kulungile kokohlakeleyo, kanjalo, njengesitunzi, akayi kwolula imihla; ngokuba engoyiki ebusweni bukatixo.
14
Kuko okungendawo okwenziwa pezu kwomhlaba: okokuba kuko abalungileyo ekuhla kubo njengokwesenzo sabakohlakeleyo; kanjako, kuko abakohlakeleyo ekuhla kubo njengokwesenzo sabalungileyo. Ndati ukuba oku kokungendawo nako.
15
Ndaza ndancoma imihlali, ngokuba kungeko nto elungele umntu ngapantsi kwelanga, kupela ukuba atye, asele, agcobe: ngokuba oku kuya kuhlala naye ngomzamo wake, ngemihla yobomi bake ayinikwa ngutixo ngapantsi kwelanga.
16
XESHEKWENI bendinikela intliziyo yam ukwazi ubulumko, nokugqala umsebenzi owenziwayo emhlabeni, ukuba kuko ongaboniyo ubutongo ngamehlo ake nasemini nasebusuku;
17
ndandula ndabona wonke umsebenzi katixo, ukuba umntu ukohliwe kukufumana lowomsebenzi owenziwayo ngapantsi kwelanga; ngako oko umntu uyazamela ukuwufuna, angafumani noko; ewe, nokuba olumkileyo uti uyawazi, wokohlwa noko ukuwufumana.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12