bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ecclesiastes 4
Ecclesiastes 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 5 →
1
Ndaza ndabuya ndagqala yonke imibandezelo eyenziwayo ngapantsi kwelanga: kekaloku nanziya inyembezi zababandezelweyo, kanti bebengenamku̔zi; nasesandleni sababandezeli babo bekuvela ubudlwengu, kanti bebengenamku̔zi.
2
Ngako ndancoma abafileyo abakade befile, ngapezu kwabahleliyo abasahleli ngoku.
3
Ewe, ulungile pezu kwabo bobabini lowo ongekabiko, ongabonanga okokwenza okubi okwenziwayo ngapantsi kwelanga.
4
Kanjako, ndagqala wonke umzamo, nako konke ukukutala emsebenzini, ukuba ngoko omnye unomona ngomnye. Oku kokungendawo nokukatazeka kwomoya nako.
5
Isidenge siyaxabanisa izandla zake, kanti siyadla inyama yaso.
6
Isandla sinye sizele kukwonwaba, silungile pezu kwazo izandla zozibini zizele kukuzama nokukatazeka kwomoya.
7
Ndandula ndabuya ndagqala into engendawo ngapantsi kwelanga.
8
Kuko omnye, kungeko owesibini; ewe, akanamntwana, akanamninawe; uti wonke umzamo wake ungapeli noko; kwa iliso lake alincanyiswa bubutyebi; kanjalo akatsho ukuti: Ngubanina endimzamelayo, nendivimba umpefumlo wam ubuyolo? Oku kokungendawo nako, ewe, ngumsebenzi onzima.
9
Ababini bagqitisele oyedwa; ngokuba benomvuzo olungileyo ngenxa yomzamo wabo.
10
Ngokuba, nxa bawayo, omnye eya kupakamisa umlingane wake: kodwa au yena oyedwa owayo, kungeko nje owesibini ukuba amsukise!
11
Kanjako, ukuba ababini bayalalana, bandule ukufudumala; kodwa oyedwa, angati nina ukufudumala?
12
Kanjalo ukuba umntu uyeyisa yena oyedwa, ababini baya kuma pambi kwake; uti umsonto osontiweyo katatu ungaqaulwa kamsinya.
13
Umfana olihlwempu olumkileyo, ulungile pezu kwokumkani omdala osisidenge, ongabi sakwazi ukuyalwa.
14
Ngokuba omnye epuma endlwini yababanjwa ukuba abe ngukumkani, nxa, kanjalo, ozelweyo ebukumkanini bake aba lihlwempu.
15
Ndabona bonke abahleliyo abahamba ngapantsi kwelanga, kunye nomfana lowo, owesibini, opakamayo esikundleni sake.
16
Akuko ukupela kubo bonke abantu, kubo bonke abepambi kwabo; noko, abo balandelayo abayi kuvuya ngaye. Ngenyaniso oku kokungendawo nokukatazeka kwomoya nako.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12