bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezra 1
Ezra 1
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 2 →
1
KEKALOKU ngowokuqala umnyaka ka‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya, ukuze kufezwe ilizwi likayehova ngomlomo ka‐Jeremiya, wawuvusa uyehova umoya ka‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya, ukuba walidlulisa ilizwi kubo bonke ubukumkani bake, esenje njalo nangesiba̔lo kanjako, esiti:
2
Utsho u‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya ukuti: Bonke ubukumkani bomhlaba ndibunikiwe nguyehova, utixo wezulu; kanjalo yena undiyalezele ukumakela indlu e‐Yerusaleme, ekwa‐Juda.
3
Ngubanina pakati kwenu ovumayo kubo bonke abantu bake? utixo wake makabe naye, enyuke aye e‐Yerusaleme, ekwa‐Juda, ayake indlu kayehova, utixo wo‐Sirayeli, (nguye lo utixo,) ese‐Yerusaleme.
4
Nosukuba esele komnye umzi apo apambukele kona, makati amadoda omzi wake amncede ngesilivere, nangegolide, nangempahla, nangezilo, kunye nomnikelo wesisa ngenxa yayo indlu katixo ese‐Yerusaleme.
5
Bandula besuka abazintloko zendlu zoyise zo‐Juda no‐Benjamine, nabaperisite, naba‐Levi, kunye nabo bonke abevusile utixo umoya wabo, ukuba benyuke baye ukuyaka indlu kayehova ese‐Yerusaleme.
6
Baza bonke ababangqongayo, bazomeleza izandla zabo ngezinto zesilivere, ngegolide, ngempahla, nangezilo, nangezinto ezinqabileyo, ngapandle kwako konke obekunikwa ngesisa.
7
Kanjalo ukumkani u‐Koreshe wazikupa impahla zendlu kayehova, ezo u‐Nebukanetsare ubezipumisile e‐Yerusaleme, wazibeka endlwini yotixo bake;
8
kwa zona u‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya wazikupa, ngapantsi kwesandla sika‐Mitredati umgcinindyebo, owazibalela ku‐Sheshebatsare, inkosi yo‐Juda.
9
Lilo eli inani lazo: izitya zegolide ezimashumi matatu, izitya zesilivere eziliwaka, izitshetshe ezimashumi mabini anetoba,
10
ibekile zegolide ezimashumi matatu, ibekile zesilivere zohlobo lumbi ezimakulu mane aneshumi linye, ezinye impahla eziliwaka:
11
zonke impahla zegolide nezesilivere zibe zingamawaka mahlanu anamakulu mane. Ezi zonke u‐Sheshebatsare wazinyusa nabatinjwa abebenyuswa e‐Babilone ukuya e‐Yerusaleme.
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 2 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10