bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezra 7
Ezra 7
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 8 →
1
EMVENI kwezizinto, ebukumkanini buka‐Aretashasheta ukumkani we‐Peresiya, u‐Ezera, unyana ka‐Seraya, unyana ka‐Hazariya, unyana ka‐Hilikiya,
2
unyana ka‐Shalume, unyana ka‐Tsadoki, unyana ka‐Ahitube,
3
unyana ka‐Amariya, unyana ka‐Hazariya, unyana ka‐Merayoti,
4
unyana ka‐Zerahiya, unyana ka‐Huzi, unyana ka‐Buki,
5
unyana ka‐Abishuha, unyana ka‐Finehasi, unyana ka‐Elezari, unyana ka‐Arone umperisite omkulu:
6
u‐Ezera lo wenyuka e‐Babilone; waye yena engumba̔li okuteleyo emtetweni ka‐Mosesi, lowo wawunikayo uyehova, utixo wo‐Sirayeli: wati ukumkani wampa sonke isikungo sake, njengokuba isandla sikayehova, utixo wake, sibe sipezu kwake.
7
Kwenyuka naye inxenye kulo usapo luka‐Sirayeli, nakubo abaperisite, naba‐Levi, nabaculi, nabalindimnyango, naba‐Netini, ukuya e‐Yerusaleme, ngowesixe̔nxe umnyaka ka‐Aretashasheta ukumkani.
8
Wafika e‐Yerusaleme ngenyanga yesihlanu; ubungowesixenxe umnyaka wokumkani wona.
9
Ngokuba ngowesinye umhla wenyanga yokuqala, bekuqalwa ukunyuka e‐Babilone, nangowesinye umhla wenyanga yesihlanu, wafika e‐Yerusaleme, njengokuba isandla esilungileyo sotixo wake sibe sipezu kwake.
10
Ngokuba u‐Ezera ebebekisile intliziyo yake ukufuna umteto kayehova, nokuwenza, nokufundisa izimiselo nezigwebo kwa‐Sirayeli.
11
Siso esi isiba̔lo sencwadi owati ukumkani u‐Aretashasheta wayinika ku‐Ezera umperisite, umba̔li; umba̔li wamazwi emiyalelo kayehova, nowezimiselo zake ko‐Sirayeli:
12
U‐Aretashasheta, kumkani kakumkani, kuye u‐Ezera umperisite, umba̔li womteto katixo wezulu, ofezekileyo ngokwazi, — nokunjalo.
13
Ndiyenza umteto, wokuba bonke abavumayo ebukumkanini bam, kubo abantu bakwa‐Sirayeli, nabaperisite babo, naba‐Levi, ukuya e‐Yerusaleme, bahambe nawe.
14
Ngokokuba ususiwe ebusweni bokumkani namapakati ake asixe̔nxe, ukuya kubuza ngo‐Juda nange‐Yerusaleme, ngawo umteto katixo wako osesandleni sako;
15
nokuyisa isilivere negolide, leyo ukumkani namapakati ake bayinikile ngokuvuma kuye utixo wo‐Sirayeli, ondawo yokuhlala ise‐Yerusaleme,
16
nayo yonke isilivere negolide ongayifumanayo kulo lonke ilizwana le‐Babilone, kunye nomnikelo wesisa wabantu, nowabaperisite, abanikayo ngokuvuma ngenxa yendlu katixo wabo, ese‐Yerusaleme;
17
ukuze uhle utenge ngalemali, inkomo, n enkunzi zegusha, n emvana, neminikelo yokudla yazo, neminikelo yokusela yazo, uzinikele pezu kwaso isibingelo sendlu katixo wenu, ese‐Yerusaleme.
18
Noko okunga kulungile kuwe, nakubo abazalwana bako, ukwenza ngesisalela sesilivere negolide, nikwenze njengentando katixo wenu.
19
Nempahla uzinikiweyo ngenxa yenkonzo yendlu katixo wako, zibuyisele pambi kwake utixo we‐Yerusaleme.
20
Nokukumbi ikusweleyo indlu katixo wako, okuya kuwa kuwe ukukunika, kupa kona endlwini yendyebo yokumkani.
21
Nam, mna Aretashasheta ukumkani, ndiyanika umteto kubo bonke abagcinindyebo abapesheya kwomlambo, wokuba konke okuya kubizwa kuni ngu‐Ezera umperisite, umba̔li womteto wake utixo wezulu, makwenziwe kona kamsinyane,
22
kude kube likulu letalente zesilivere, nekulu lekore zenqolowa, nekulu lebate zeveyine, nekulu lebate zeoli, netyuwa ingenakubaliswa.
23
Konke okuxelwayo ngutixo wezulu, makwenzelwe indlu katixo wezulu ngokukutala: ngokuba kunganina ukuba kubeko umsindo ngakubo ubukumkani bokumkani nonyana bake?
24
Kanjalo siyanazisa nina, ukuba, bonke abaperisite naba‐Levi, abaculi, abalindimnyango, aba‐Netini, nabakonzi balendlu katixo, akuvunyelwa ukubeka pezu kwabo umnikelo, n okuqo̔la, nesitabataba.
25
Nawe, Ezera! ngobulumko botixo wako, obusesandleni sako, misa amagosa nabagwebi, abangagwebayo bonke abantu abapesheya kwomlambo, bonke abayaziyo imiteto katixo wako; nabo bangayaziyo nibafundise.
26
Nosukuba engayi kwenza ngomteto katixo wako, nangomteto wokumkani, makenzelwe ukugwetywa kamsinyane, nokuba kukokwokufa, nokuba kukokwokugxotwa, nokuba kukokwokuhlauliswa impahla, nokuba kukokwemibambo.
27
Makabongwe uyehova, utixo wobawo betu, oyibekileyo into enje entliziyweni yokumkani, yokuba ayihombise indlu kayehova ese‐Yerusaleme;
28
notobeleyo pezu kwam ububele pambi kwokumkani namapakati ake, napambi kwazo zonke inkosi zokumkani ezinamandla! Ndaza ndazomeleza, njengokuba isandla sikayehova, utixo wam, sibe sipezu kwam, ndahlanganisa abazintloko ko‐Sirayeli, ukuba benyuke nam.
← Chapter 6
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 8 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10