bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezra 3
Ezra 3
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 4 →
1
KWATI kwakufika inyanga yesixe̔nxe, nxa usapo luka‐Sirayeli belusezixekweni, bandula abantu bazihlanganisela e‐Yerusaleme njengomntu mnye.
2
Waza wesuka u‐Yoshuwa unyana ka‐Yotsadaki, nabazalwana bake abaperisite, no‐Zerubabeli unyana ka‐Shalatiyeli, nabazalwana bake, baye besaka isibingelo sotixo wo‐Sirayeli, kuze kunikelwe amadini okutshiswa pezu kwaso, njengokuba̔liweyo emtetweni ka‐Mosesi indoda katixo.
3
Baza bamisa isibingelo pezu kwamasekelo aso; ngokuba ukwoyika bekupezu kwabo ngenxa yabantu balomazwe: banikela pezu kwaso amadini okutshiswa kuyehova, amadini okutshiswa okusa nawokuhlwa.
4
Benza umtendeleko wamapempe kanjalo, njengokuba̔liweyo; namadini okutshiswa emihla ngemihla ngenani, njengalo isiko, into yemini ngemini yayo;
5
nasemva kwoko, idini lokutshiswa elifuti, nelenyanga ezitwasileyo, nelayo yonke imitendeleko emisiweyo kayehova ebingcwalisiwe, nelabo bonke abanikela ngokuvuma kuyehova umnikelo wesisa.
6
Kwa kuwo owokuqala umhla wenyanga yesixe̔nxe, baqala ukunikela amadini okutshiswa kuyehova. Kodwa itempile kayehova ibingekasekwa.
7
Kanjako banika imali kwincibi zamatye, nakwincibi zemiti; nokudla, nento yokusela, neoli, kwabase‐Tsidone, nakwabase‐Tire, ukuba basuse imiti yesedare e‐Lebanone bayise elwandle lwase‐Jopa, njengokuvunyelwa kwabo ngu‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya.
8
Kekaloku ngowesibini umnyaka emva kwokufika kwabo endlwini katixo e‐Yerusaleme, ngenyanga yesibini, baqala u‐Zerubabeli unyana ka‐Shalatiyeli, no‐Yoshuwa unyana ka‐Yotsadaki, nesisalela sabazalwana babo, abaperisite naba‐Levi, nabo bonke abebevele ekutinjweni ukuza e‐Yerusaleme; bamisela aba‐Levi, abaminyaka yebudala imashumi mabini napezulu, ukwongama umsebenzi wayo indlu kayehova.
9
Kwandula ukusuka u‐Yoshuwa, onyana bake, nabazalwana bake, u‐Kadimele, nonyana bake, usapo luka‐Juda, kwa kunye, ukuba bongame abawenzayo umsebenzi endlwini katixo: onyana baka‐Henadade, onyana babo, nabazalwana babo, aba‐Levi.
10
Kwati kwakusekwa itempile kayehova ngabaki, bamisa abaperisite, bevatisiwe, benamaxilongo, naba‐Levi, onyana baka‐Safa, benesimbali, ukuba bamdumise uyehova, ngesimiselo sika‐Davide ukumkani wo‐Sirayeli.
11
Baza bahlabelelana ekumdumiseni nasekumbuleleni uyehova, besiti: Ngokuba elungile; ngokuba ububele bake bungunapakade pezu kwo‐Sirayeli. Bati abantu bonke bamemeza ngesimemezo esikulu, ekumdumiseni uyehova, ngenxa yokusekwa kwayo indlu kayehova.
12
Kodwa abaninzi kubo abaperisite, naba‐Levi, nabazintloko zendlu zoyise, abo badala, abebebonile indlu yokuqala, kwakusekwa le indlu pambi kwamehlo abo, balila ngelizwi elikulu; kanjalo abaninzi bapakamisa ilizwi ngokumemeza ngovuyo;
13
ukuba abantu bebengenakuqiqa ilizwi lesimemezo sovuyo, ngenxa yelizwi lokulila kwabantu: ngokuba abantu bamemeza ngesimemezo esikulu, yada intlokoma yavakala kwa kude.
← Chapter 2
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 4 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10