bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezra 4
Ezra 4
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 5 →
1
ZATI zakuva intshaba zo‐Juda no‐Benjamine, ukuba usapo lwasekutinjweni belusakela uyehova, utixo wo‐Sirayeli, itempile,
2
zandula zasondela ku‐Zerubabeli, nakwabazintloko zendlu zoyise, zati kubo: Masake kunye nani; ngokuba sifuna utixo wenu, njengani; sasibingele yena kuselokwemihla ka‐Esare‐hadoni ukumkani we‐Asiriya, owasinyusela apa.
3
Kodwa u‐Zerubabeli, no‐Yoshuwa, nabanye abazintloko zendlu zoyise zo‐Sirayeli, bati kuzo: Aninto kuti nina ukuba niyake indlu kutixo wetu; sesiya kwakela uyehova, utixo wo‐Sirayeli, tina sodwa, njengokuba esiyalele ukumkani u‐Koreshe, ukumkani we‐Peresiya.
4
Bandula abantu belozwe banqenisa izandla zabantu bakwa‐Juda, babaxaka ekwakeni,
5
baqesha ngakubo abacebisi, ukuba batshitshise iqinga labo, yonke imihla ka‐Koreshe ukumkani we‐Peresiya, kwada kwabako ubukumkani buka‐Dariyusi ukumkani we‐Peresiya.
6
Nasebukumkanini buka‐Hasheveroshe, ekuqaleni kwobukumkani bake, baba̔la isiba̔lo sokunceteza ngabemi bakwa‐Juda nabase‐Yerusaleme.
7
Nasemihleni ka‐Aretashasheta kwaba̔la u‐Bishilame, u‐Mitredati, u‐Tabele, nabanye abalingane babo, kuye u‐Aretashasheta ukumkani we‐Peresiya; nokuba̔lwa kwencwadi, yaba̔lwa ngesi‐Siriya, yakunyushwa ngesi‐Siriya kanjalo.
8
U‐Rehumi igosa lamapakati, no‐Shimshai umba̔li, baba̔la incwadi yokumangala i‐Yerusaleme, ku‐Aretashasheta ukumkani, ngokunje:
9
U‐Rehumi igosa lamapakati, no‐Shimshai umba̔li, nabanye abalingane babo, ama‐Dine, ama‐Afaresateki, ama‐Tarapele, ama‐Afaresa, ama‐Ereki, ama‐Babilone, ama‐Shushane, ama‐Dehavi, ama‐Helami,
10
nezinye intlanga owazifudusayo u‐Asenapare omkulu odumileyo, wazihlalisa ezixekweni zase‐Samariya, nabanye banganeno kwomlambo, — nokunjalo.
11
Isiba̔lo sencwadi bayituma kuye, ku‐Aretashasheta ukumkani, siso esi sokuti: Izicaka zako, amadoda anganeno kwomlambo, — nokunjalo.
12
Makwazeke kukumkani, okokuba ama‐Juda abenyuke kuwe ukuza kuti afikile e‐Yerusaleme; isixeko esivukelayo esikohlakeleyo ayasaka, indonga azifezile, namasekwa awahlanganisile.
13
Makwazeke kaloku kukumkani, ukuba, nxa esisixeko siya kwakiwa, na nxa indonga ziya kufezwa, akasayi kunika umnikelo, n okuqo̔la, nesitabataba, woti wena ude ubenzele okumkani ukwonakala.
14
Kaloku ngenxa yokuba sidlile ityuwa yendlu yokumkani, nokuba kungafanelekile kuti ukubona ukubohliswa kwokumkani, ngako oko situmile sazisa ukumkani,
15
ukuze kufunwe encwadini yezikumbuzelo zoyihlo bako: uya kwandul’ ukufumana kuloncwadi yezikumbuzelo, wazi, ukuba esisixeko sisixeko esivukelayo, esenzela okumkani namazwana ukwonakala, nokuba kwenziwe imvukelo pakati kwaso kwa kudala: kukona ke kwacitakaliswa esisixeko.
16
Siyamazisa ukumkani tina, ukuba, nxa esisixeko siya kubuya sakiwe, na nxa indonga zaso ziya kufezwa, wosel’ uti ngelituba ke ungabi nandawo ngelicala lomlambo.
17
Wandula ukumkani watuma impendulo kuye u‐Rehumi igosa lamapakati, no‐Shimshai umba̔li, nabanye abalingane babo abahlalayo e‐Samariya, nabanye bangapesheya kwomlambo, esiti: Uxolo, — nokunjalo.
18
Leyoncwadi nayitumayo kuti ibileseshwa pambi kwam ekuhleni.
19
Ndaza ndakupa umteto, kwafunwa ke, kwafunyanwa ukuba esisixeko kwa kudala sizipakamisile ngakubo okumkani, nokuba kwenziwe impambuko nemvukelo pakati kwaso.
20
Kanjalo kwabekuko okumkani abanamandla pezu kwayo i‐Yerusaleme, abapata ubukosi pezu kwawo onke amazwe pesheya kwomlambo; kwaye kunikelwa kubo umnikelo, n okuqo̔la, nesitabataba.
21
Kupani kaloku umteto wokuyekisa lamadoda, ukuba esisixeko singakiwa, lide ilizwi linikwe ndim.
22
Lumkani ke ukuba ningalibali ukukwenza oku: kunganina ukuba sikule isenzakalo ukwenzela okumkani ukwonakala?
23
Kwati kwakuba kuleseshiwe isiba̔lo sencwadi yokumkani u‐Aretashasheta pambi kwo‐Rehumi, no‐Shimshai umba̔li, nabalingane babo, basuka baya ngobunxamo e‐Yerusaleme kuma‐Juda, bawayekisa ngonyanzelo nangamandla.
24
Kwandul’ ukupela umsebenzi wendlu katixo ese‐Yerusaleme: kwapela kwada kwakuwo owesibini umnyaka wobukumkani bake u‐Dariyusi ukumkani we‐Peresiya.
← Chapter 3
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 5 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10