bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezra 6
Ezra 6
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 7 →
1
Wandula u‐Dariyusi wanika umteto, kwafunwa ke endlwini yencwadi, apo kwabekelwa kona indyebo e‐Babilone.
2
Kwaza kwafunyanwa e‐Akemeta, enqatyeni eselizwaneni le‐Medi, umqulu, okwaba̔lwa kuwo isikumbuzelo sokuti:
3
Ngowokuqala umnyaka ka‐Koreshe ukumkani, wanika umteto u‐Koreshe ukumkani ngayo indlu katixo e‐Yerusaleme, wokuti: Makwakiwe londlu, indawo apo kwabingwayo imibingo, namasekwa ayo makamiswe: maibe zikubite ezimashumi matandatu ubude bayo, n ekubite ezimashumi matandatu ububanzi bayo;
4
makube zinṙozo ezintatu zamatye amakulu, noṙozo lunye lwemiti emitsha: nenani iya kumelwa lilo malinikwe livela endlwini yokumkani:
5
kanjalo nempahla zendlu katixo, ezegolide nezesilivere, ezo u‐Nebukanetsare wazikupa etempileni ebise‐Yerusaleme, wazizisa e‐Babilone, mazibuyiswe, ziye etempileni ese‐Yerusaleme, ezindaweni zazo ngazinye, zibekelwe endlwini katixo.
6
Kaloku, Tatenai, inkosi yapesheya kwomlambo, Shetari‐bozenai, nabalingane benu, ama‐Afareseki, abapesheya kwomlambo, yibani kude nalapo!
7
niyeke umsebenzi walendlu katixo: inkosi yama‐Juda nabadala bama‐Juda mabayake lendlu katixo endaweni yayo.
8
Kanjako ndiwenzile umteto ngoko eniya kukwenza kubo abadala balama‐Juda, kuze kwakiwe lendlu katixo; ukuba makuhle kunikwe kulamadoda inani iya kumelwa lilo, kwimpahla yokumkani, eyomnikelo wapesheya kwomlambo, ukuze angatintelwa:
9
noko okufunekayo, kwa inkunzana zenkomo, nenkunzi zegusha, nemvana, zibe zezamadini okutshiswa kutixo wezulu, inqolowa, ityuwa, iveyine, neoli, ngengxelo yabaperisite abase‐Yerusaleme, makunikwe kuwo imini ngemini kungenakulityalwa:
10
ukuze anikele amavumba amnandi kuye utixo wezulu, atandazele ubomi bokumkani, nobonyana bake.
11
Kanjalo ndiwenzile umteto, wokuba umntu osukuba eya kuliguqula elilizwi, maunyotulwe umti endlwini yake, umiswe ke, ati yena axo̔nywe pezu kwawo; nendlu yake mayenzwe imfumba yenkunkuma ngenxa yoku.
12
Wanga utixo lowo ulenzileyo igama lake lihlale kona, angawisa pantsi bonke okumkani nabantu abaya kwolulela izandla zabo ukuyiguqula n okuyicita lendlu katixo ese‐Yerusaleme. Mna, Dariyusi, ndikupile umteto; makwenziwe ngawo ngokunxama ke.
13
Oko u‐Tatenai, inkosi yelicala lomlambo, n o‐Shetari‐bozenai, nabalingane babo, kwa njengoko u‐Dariyusi abetumile ngako, benje njalo ngokunxama.
14
Baza baka abadala bama‐Juda, bahambiseka, ngokuprofitesha kuka‐Hagai umprofite no‐Zekariya unyana ka‐Hido. Baka ke, bafeza, ngomteto katixo wo‐Sirayeli, nangomteto ka‐Koreshe, noka‐Dariyusi, noka‐Aretashasheta ukumkani we‐Peresiya.
15
Yada yagqitywa indlu le ngowesitatu umhla wenyanga yo‐Adari; obungowesitatu umnyaka wona wobukumkani bake u‐Dariyusi ukumkani.
16
Lwaza usapo luka‐Sirayeli, abaperisite, naba‐Levi, nabanye abalusapo lwasekutinjweni, lwenza ukutwasiswa kwalendlu katixo ngovuyo,
17
lwanikela ekutwasisweni kwalendlu katixo inkomo ezilikulu linye, inkunzi zegusha ezimakulu mabini, imvana ezimakulu mane; nenkunzi zebokwe, zibe lidini lesono ngenxa yo‐Sirayeli bonke, ezilishumi linambini, ngenani lezizwe zo‐Sirayeli.
18
Lwaza lwamisa abaperisite ngezahlukaniso zabo, naba‐Levi ngezahlulo zabo, pezu kwenkonzo katixo, ese‐Yerusaleme; njengokuba̔liweyo encwadini ka‐Mosesi.
19
Kanjalo usapo lwasekutinjweni lwabamba ipasika, ngoweshumi linesine umhla wenyanga yokuqala.
20
Ngokuba abaperisite naba‐Levi bebezicokisile kwa kunye, bonke bebecocekile, baxe̔la ipasika ngenxa yalo lwonke usapo lwasekutinjweni, nangenxa yabazalwana balo abaperisite nangenxa yabo bona.
21
Lwaza lwatya usapo luka‐Sirayeli olube lubuyile ekutinjweni, nabo bonke abebezahlulele kulo ekunco̔leni kwabaheyideni belozwe, ukuba bamfune uyehova, utixo wo‐Sirayeli,
22
lwabamba umtendeleko wezonka ezingenagwele imihla esixe̔nxe ngovuyo: ngokuba uyehova ebeluvuyisile, wayisonga intliziyo yokumkani we‐Asiriya ngakulo, kuze kwomelezwe izandla zalo emsebenzini wendlu katixo, utixo wo‐Sirayeli.
← Chapter 5
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 7 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10