bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezra 10
Ezra 10
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
1
Kekaloku xeshekweni ebetandazile u‐Ezera, naxeshekweni ebexele oku, elila eziwisa pantsi ngapambi kwayo indlu katixo, kwandul’ ukubutelana ngakuye ko‐Sirayeli intlanganiso enkulu kunene, amadoda, nabafazi, nabantwana: ngokuba abantu balila ngokulila okukulu.
2
Waza wapendula u‐Shekaniya unyana ka‐Yehili, owonyana baka‐Helami, wati ku‐Ezera: Tina senze ngobumenemene ngakuye utixo wetu, sasizekile abafazi bezinye intlanga kubo abantu belizwe: kodwa kaloku liseko itemba ko‐Sirayeli ngalento.
3
Ngako kaloku masenze ucebano notixo wetu, lwokuba kwahlukaniswe bonke abafazi abo, nabo bazelweyo ngabo, ngalo icebo lenkosi yam, nelabangcangcazelayo ngenxa yomyalelo katixo wetu; makwenziwe ke ngomteto.
4
Suka wena, ngokuba ipezu kwako lento; kanjalo tina soba nawe; yomelela, wenze ke.
5
Waza wesuka u‐Ezera, wafungisa inkosi zabaperisite, n aba‐Levi, no‐Sirayeli bonke, ukuba baya kwenza ngalo elilizwi. Bafunga ke.
6
Wandula u‐Ezera wesuka kwa pambi kwayo indlu katixo, waya enkambilini ka‐Johanane unyana ka‐Eliyashibe: wati akufika kona, akasidla isonka, akawasela amanzi; ngokuba ebelilela ubumenemene babatinjwa.
7
Kwaza kwadluliswa ilizwi kwa‐Juda nase‐Yerusaleme, kulo lwonke usapo lwasekutinjweni, lokuba lubutele e‐Yerusaleme;
8
nokuba lowa mntu osukuba engezi pakati kwemihla mitatu, njengecebo lenkosi nabadala, kwodliwa yonke impahla yake, ati yena ahlulwe entlanganisweni yabatinjwa.
9
Andula abutela e‐Yerusaleme onke amadoda akwa‐Juda nawakwa‐Benjamine pakati kwemihla mitatu. Ibiyinyanga yesitoba, ngowamashumi mabini umhla wenyanga; bati bonke abantu bahlala enkundleni yendlu katixo, bengcangcazela pezu kwalonto, nangenxa yezipango zemvula.
10
Wasuka wema u‐Ezera umperisite, wati kubo: Nina nenze ngobumenemene, nanizekile abafazi bezinye intlanga, kuze kwandiswe ityala lo‐Sirayeli.
11
Ngako kaloku yenzani ingxelo kuyehova, utixo woyihlo benu, nenze intando yake: nize nizahlule kubo abantu belizwe, nakubo abafazi bezinye intlanga.
12
Yaza yapendula yonke intlanganiso yati ngelizwi elikulu: Kufanelekile kuti ukwenza ngamazwi ako:
13
kodwa abantu baninzi, lixesha lezipango zemvula, akuko amandla okuma ngapandle; kananjalo lomsebenzi asingowemini nye, asingowemini mbini: ngokuba sigqitile ngento eninzi kulento.
14
Mazime inkosi zetu zentlanganiso yonke, bandul’ ukuti bonke abazekileyo abafazi bezinye intlanga ezixekweni zakowetu beze ngamaxesha amiselweyo, nakunye nabo abadala besixeko ngesixeko nabagwebi baso, kude kunqandwe kuti ubushushu bengqumbo katixo wetu ngenxa yalento.
15
Ngu‐Jonatane unyana ka‐Hasaheli, no‐Yahaziya unyana ka‐Tikeva, abamela oku kwapela: kodwa u‐Meshulame, no‐Shabetai um‐Levi, babanceda.
16
Lwaye lusenje njalo usapo lwasekutinjweni. Kwaza kwahlulwa u‐Ezera umperisite, n abatile abazintloko zendlu zoyise, ngendlu zoyise zabo, bonke bebalulwe ngamagama, abahlala pantsi ngowokuqala umhla wenyanga leshumi ukuba kubuzwe lendawo.
17
Bagqiba ngawo onke amadoda abebezekile abafazi bezinye intlanga ngowesinye umhla wenyanga yokuqala.
18
Kwafunyanwa kubo onyana babaperisite abebezekile abafazi bezinye intlanga: kubo onyana baka‐Yoshuwa unyana ka‐Yotsadaki, nabazalwana bake; u‐Mahaseya, no‐Eliyezeri, no‐Yaribe, no‐Gedaliya.
19
Baza banika izandla zabo ukuba bahlukane nabafazi babo; bati benetyala nje, banikela inkunzi yegusha yasemhlambini ngenxa yetyala labo.
20
Nakubo onyana baka‐Yimeri; u‐Hanani, no‐Zebadiya.
21
Nakubo onyana baka‐Harime; u‐Mahaseya, no‐Elija, no‐Shemaya, no‐Yehili, no‐Huziya.
22
Nakubo onyana baka‐Pashure; u‐Eliwenai, u‐Mahaseya, u‐Shimayeli, u‐Netaneli, u‐Yozabadi, no‐Elehasa.
23
Nakubo aba‐Levi; u‐Yozabadi, no‐Shimehi, no‐Kelaya, okwa nguye u‐Kelita, n o‐Petahiya, n o‐Juda, no‐Eliyezeri.
24
Nakubo abaculi; u‐Eliyashibe: nakubo abalindimnyango; u‐Shalume, no‐Teleme, no‐Uri.
25
Nakubo o‐Sirayeli: kubo onyana baka‐Paroshe; u‐Ramiya, no‐Yiziha, no‐Malekiya, no‐Miyamine, no‐Elezari, no‐Malekiya, no‐Benaya.
26
Nakubo onyana baka‐Helami; u‐Mataniya, u‐Zekariya, u‐Yehili, no‐Habedi, no‐Jeremote, no‐Elija.
27
Nakubo onyana baka‐Zatu; u‐Eliwenai, u‐Eliyashibe, u‐Mataniya, u‐Jeremote, no‐Zabadi, no‐Haziza.
28
Nakubo onyana baka‐Bebai; u‐Jehohanane, u‐Hananiya, u‐Zabai, n o‐Hatelai.
29
Yakubo onyana baka‐Bani; u‐Meshulame, u‐Maluke, no‐Hadaya, u‐Yashube, no‐Shali, no‐Ramote.
30
Nakubo onyana baka‐Pahati‐mowabi; u‐Hadena, no‐Kelali, u‐Benaya, u‐Mahaseya, u‐Mataniya, u‐Betsalele, no‐Binuwi, no‐Manase.
31
Na ku bo onyana baka‐Harime; u‐Eliyezeri, u‐Yishiya, u‐Malekiya, u‐Shemaya, u‐Simone,
32
u‐Benjamine, u‐Maluke, n o‐Shemariya.
33
Na kubo onyana baka‐Hashume: u‐Matenai, u‐Matata, u‐Zabadi, u‐Elifelete, u‐Yeremai, u‐Manase, n o‐Shimehi.
34
Na kubo onyana baka‐Bani; u‐Mahadai, u‐Hamerame, no‐Weli,
35
u‐Benaya, u‐Bedeya, u‐Keluhi,
36
u‐Vaniya, u‐Meremote, u‐Eliyashibe,
37
u‐Mataniya, u‐Matenai, no‐Yahasau,
38
no‐Bani, no‐Binuwi, u‐Shimehi,
39
no‐Shelemiya, no‐Natane, no‐Hadaya,
40
u‐Makenadebai, u‐Shashai, u‐Sharai,
41
u‐Hazareli, no‐Shelemiya, u‐Shemariya,
42
u‐Shalume, u‐Amariya, n o‐Josefe.
43
Na kubo onyana baka‐Nebo; u‐Yeyeli, u‐Matitiya, u‐Zabadi, u‐Zebina, u‐Yadau, no‐Joweli, n o‐Benaya.
44
Aba bonke bebezekile abafazi bezinye intlanga: kwaye kuko pakati kwabo abanabafazi abebezalelwe abantwana ngabo.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10