bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezra 8
Ezra 8
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 9 →
1
Ngaba aba abazintloko zendlu zoyise zabo, nokuba̔lelwa kwabo ngokuzalwa, abanyukayo nam e‐Babilone, ebukumkanini buka‐Aretashasheta ukumkani.
2
Kubo onyana baka‐Finehasi; u‐Gereshome: kubo onyana baka‐Yitamare; u‐Danyeli: kubo onyana baka‐Davide; u‐Hatushe:
3
kubo onyana baka‐Shekaniya, kubo onyana baka‐Paroshe; u‐Zekariya: nakunye naye amadoda aba̔lelweyo ngokuzalwa alikulu linamashumi mahlanu.
4
Kubo onyana baka‐Pahati‐mowabi: u‐Eliwenai unyana ka‐Zerahiya: nakunye naye amadoda angamakulu mabini.
5
Kubo onyana baka‐Shekaniya; unyana ka‐Yahaziyeli: nakunye naye amadoda angamakulu matatu.
6
Nakubo onyana baka‐Hadine; u‐Hebedi unyana ka‐Jonatane: nakunye naye amadoda angamashumi mahlanu.
7
Nakubo onyana baka‐Helami; u‐Yesaya unyana ka‐Hataliya: nakunye naye amadoda angamashumi asixe̔nxe.
8
Nakubo onyana baka‐Shefatiya; u‐Zebadiya unyana ka‐Mikaheli: nakunye naye amadoda angamashumi asibozo.
9
Kubo onyana baka‐Jowabi; u‐Hobadiya unyana ka‐Yehili: nakunye naye amadoda angamakulu mabini aneshumi linesibozo.
10
Nakubo onyana baka‐Shelomiti; unyana ka‐Yositiya: nakunye naye amadoda alikulu linamashumi matandatu.
11
Nakubo onyana baka‐Bebai; u‐Zekariya unyana ka‐Bebai: nakunye naye amadoda angamashumi mabini anesibozo.
12
Nakubo onyana baka‐Hazegadi; u‐Johanane unyana ka‐Hakatane: nakunye naye amadoda alikulu lineshumi.
13
Nakubo abokupela onyana baka‐Adonikame, abamagama angala: u‐Elifelete, u‐Yeyeli, no‐Shemaya: nakunye nabo amadoda angamashumi matandatu.
14
Nakubo onyana baka‐Bigivai; u‐Hutai no‐Zabude: nakunye nabo amadoda angamashumi asixe̔nxe.
15
Ndaza ndabahlanganisela emlanjeni oya e‐Ahava; sazimisa intente kona imihla yamitatu: ndaza ndabona abantu, nabaperisite, kodwa andafumana kona namnye konyana baka‐Levi.
16
Ndandula ndatumela u‐Eliyezeri, n o‐Ariyeli, n o‐Shemaya, no‐Elinatane, no‐Yaribe, no‐Elinatane, no‐Natane, no‐Zekariya, no‐Meshulame, abazintloko; no‐Yoyaribe, no‐Elinatane, abazingqondi.
17
Ndabayalezela ku‐Hido, oyintloko endaweni eyi‐Kasifiya; ndabeka amazwi emilonyweni yabo, ukuba batete ku‐Hido, nakubo abazalwana bake aba‐Netini, endaweni eyi‐Kasifiya, ukuba bazise kuti abakonzi ngenxa yendlu katixo wetu.
18
Bada bazisa kuti, njengokuba isandla esilungileyo sotixo wetu sibe sipezu kwetu, indoda eqondayo, eyakubo onyana baka‐Mahali, unyana ka‐Levi, unyana ka‐Sirayeli; no‐Sherebiya, nonyana bake, nabazalwana bake, ishumi elinesibozo;
19
no‐Hashabiya, nakunye naye u‐Yesaya, owakubo onyana baka‐Merari, n abazalwana bake, nonyana babo, amashumi mabini;
20
nabakubo aba‐Netini, abo u‐Davide nenkosi babanika ukukonza aba‐Levi, aba‐Netini abangamakulu mabini anamashumi mabini: bona bonke babalulwa ngamagama.
21
Ndaza ndashumayela inzilo apo, emlanjeni we‐Ahava, ukuba sizibandezele ebusweni botixo wetu, sifune kuye indlela elungele tina, nentsapo zetu, nayo yonke impahla yetu.
22
Ngokuba bendidanele ukucela kukumkani umkosi nabakweli bamahashe, ukuya kusinceda ngakuzo intshaba endleleni; ngokokuba sibe sitshilo kuye ukumkani, sisiti: Isandla sotixo wetu sipezu kwabo bonke abamfunayo kube kokulungileyo; kodwa amandla ake nomsindo wake upezu kwabo bonke abamshiyayo.
23
Kwa njalo sazila ukutya, sabuza kutixo wetu ngenxa yoku; wayekungeleka kuti.
24
Ndaza ndahlula ezinkosini zabaperisite ishumi elinababini, kwa u‐Sherebiya, n o‐Hashabiya, neshumi labazalwana babo kunye nabo,
25
ndalinganisela kubo isilivere, negolide, nempahla, umnikelo wendlu katixo wetu, lowo ukumkani, namapakati ake, nenkosi zake, nabo bonke o‐Sirayeli abebeko, bawunikelayo:
26
ndalinganisela ke esandleni sabo italente zesilivere ezimakulu matandatu anamashumi mahlanu, nempahla zesilivere ezilikulu letalente, nekulu letalente zegolide:
27
nebekile zegolide ezimashumi mabini, ziliwaka ledarike; nempahla zobedu olukazimlayo oluhle ezimbini, zinqwenelekile njengegolide.
28
Ndandisiti kubo: Nina niyingcwele kuyehova; impahla ziyingcwele nazo; kanjalo isilivere negolide zingumnikelo wesisa kuyehova, utixo woyihlo benu:
29
lindani, nizigcine, nide nizilinganise pambi kwenkosi zabaperisite, naba‐Levi, nenkosi zendlu zoyise zo‐Sirayeli, e‐Yerusaleme, ezinkambilini zendlu kayehova.
30
Bandula abaperisite naba‐Levi batabata ukulinganiswa kwesilivere, negolide, nempahla, ukuba kuziswe e‐Yerusaleme, endlwini katixo wetu.
31
Saza sanduluka emlanjeni we‐Ahava ngoweshumi linesibini umhla wenyanga yokuqala, ukuya e‐Yerusaleme: sati isandla sotixo wetu sapezu kwetu, wasisindisa esandleni sentshaba, nakwesabo ba si lalelayo endleleni.
32
Sada safika e‐Yerusaleme, sahlala kona imihla yamitatu.
33
Nangowesine umhla, kwalinganiswa isilivere, negolide, nempahla, endlwini katixo wetu, ngapantsi kwesandla sika‐Meremote unyana ka‐Huriya umperisite, ekunye naye u‐Elezari unyana ka‐Finehasi; kwaye kuko nabo u‐Yozabadi unyana ka‐Yoshuwa, no‐Nohadiya unyana ka‐Binuwi, aba‐Levi;
34
ngenani na ngokuba nzima kwezi zinto zonke: kwaba̔lwa konke ukulinganiswa kwazo ngeloxesha.
35
Lwati usapo lwasekutinjweni, olo olube luvele ekutinjweni, lwanikela kuye utixo wo‐Sirayeli amadini okutshiswa, inkatyana ezilishumi linambini ngenxa yo‐Sirayeli bonke, n enkunzi zegusha ezimashumi alitoba anantandatu, nemvana ezimashumi asixe̔nxe anesixe̔nxe, n enkunzi zebokwe zedini lesono ezilishumi linambini: ezi zonke zalidini lokutshiswa kuyehova.
36
Lwaza lwanika imiteto yokumkani kuzo inkosi ezinkulu zokumkani, nakuzo inkosi zelicala lomlambo: zati zona zanceda abantu, nendlu katixo.
← Chapter 7
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 9 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10