bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezra 5
Ezra 5
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 6 →
1
BAZA abaprofite, u‐Hagai umprofite, no‐Zekariya unyana ka‐Hido, baprofitesha kuma‐Juda abekwa‐Juda nase‐Yerusaleme, egameni lotixo wo‐Sirayeli, kwa kuwo wona.
2
Oko kwesuka u‐Zerubabeli unyana ka‐Shalatiyeli, no‐Yoshuwa unyana ka‐Yotsadaki, baqala ukuyaka indlu katixo ese‐Yerusaleme: kwabako nabo abaprofite bakatixo bebanceda.
3
Ngeloxesha kweza kubo u‐Tatenai, inkosi yelicala lomlambo, no‐Shetari‐bozenai, nabalingane babo, batsho kubo ukuti: Ninikwe umteto ngubanina ukwaka indlu le nokufeza oludonga?
4
Sandula sabaxelela ngokunjalo, angobanina amagama awo amadoda asakayo esisakiwo.
5
Kodwa iliso lotixo wabo libe lipezu kwabadala bama‐Juda, ukuba ababayekisa, kwada kwaya umcimbi lowo ku‐Dariyusi: bati oko bapendula ngencwadi ngale ndawo.
6
Isiba̔lo sencwadi, leyo u‐Tatenai, inkosi yelicala lomlambo, no‐Shetari‐bozenai, nabalingane bake, ama‐Afareseki, abanganeno kwomlambo, bayituma ku‐Dariyusi ukumkani:
7
batama incwadi kuye, ekwaba̔lwa kuyo ngokuti: Ku‐Dariyusi ukumkani, malubeko uxolo lwonke.
8
Makwazeke kukumkani, ukuba saya elizwaneni le‐Judeya, endlwini yake utixo omkulu, eyakiwa ngamatye amakulu, esel’ ifakiwe nemiti ezindongeni; kanjalo lomsebenzi uyenzwa ngokunxama, uhambiseka ezandleni zabo.
9
Sandula sabuza abadala abo, satsho kubo ukuti: Ninikwe umteto ngubanina ukwaka indlu le, nokufeza ezindonga?
10
Sababuza namagama abo, ukuba sikwazise wena; ukuba siwaba̔le amagama amadoda azintloko zabo.
11
Benje nje ukusipendula kwabo, besiti: Sizizicaka zake utixo wezulu nomhlaba, siyayaka leyondlu ibe yakiwe kuse kuyiminyaka mininzi, owati ukumkani omkulu wo‐Sirayeli wayaka wayifeza.
12
Kuloko emvenikweni obawo betu bebemqumbisile utixo wezulu, wabanikela esandleni sika‐Nebukanetsare ukumkani we‐Babilone, um‐Kaledine, owacita leyondlu, nabantu wabafudusela e‐Babilone.
13
Kodwa ngowokuqala umnyaka ka‐Koreshe ukumkani we‐Babilone, wanika umteto ukumkani u‐Koreshe, ukuba makwakiwe lendlu katixo.
14
Kanjalo impahla zendlu katixo, ezegolide nezesilivere, ezo u‐Nebukanetsare wazikupa etempileni ebise‐Yerusaleme, wazizisa etempileni ese‐Babilone, kwa zona u‐Koreshe ukumkani wazikupa etempileni ese‐Babilone, zaza zanikelwa kogama lingu‐Sheshebatsare, lowo abemmisile inkosi;
15
wayesiti kuye: Tabata ezimpahla, uye uzise etempileni ese‐Yerusaleme; nendlu katixo mayakiwe endaweni yayo.
16
Wandula wafika u‐Sheshebatsare lowo, wabeka amasekwa ayo indlu katixo ese‐Yerusaleme: ibisakiwa kuselokweloxesha kwada kwakaloku, kanti ayikagqitywanga.
17
Ngako oko, ukuba kunga kulungile kukumkani, makufunwe endlwini yendyebo yokumkani, ese‐Babilone apo, ukuba kunjalo na okokuba kwanikwa umteto ngu‐Koreshe ukumkani, wokuba makwakiwe lendlu katixo e‐Yerusaleme; nentando yokumkani makayitume kuti ngale ndawo.
← Chapter 4
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 6 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10