bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Ezra 9
Ezra 9
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 10 →
1
KEKALOKU kwakugqitywa ezizinto, zasondela kum inkosi, zisiti: Abantu bakwa‐Sirayeli, nabaperisite, naba‐Levi, abazahlulanga kubo abantu balamazwe; bayenza ngazo izinto ezibuntshontsho zabo, ezaba‐Kanane, ama‐Hete, ama‐Perizi, ama‐Yebusi, aba‐Hamoni, ama‐Mowabi, ama‐Jipete, naba‐Amori.
2
Ngokuba bezekele bona nonyana babo abafazi kwintombi zabo: kukona inzalo eyingcwele idibanisene nabantu balamazwe: kanjalo isandla senkosi namagosa sisesokuqala kobubumenemene.
3
Ndati ndakuva lendawo, ndaṙazula isivato sam nengubo yam, ndancotula inwele zentloko yam nezodevu lwam, ndahlala pantsi ndinokuti nqa.
4
Kwandul’ ukubutela kum bonke abanokungcangcazela ngamazwi katixo wo‐Sirayeli, ngenxa yobumenemene babatinjwa: ndahlala pantsi ndinokuti nqa kwada kwa lixesha lomnikelo wokuhlwa.
5
Kekaloku nge xesha lomnikelo wokuhlwa ndesuka ekuzibandezeleni kwam: ndati, nxa ndiṙazule isivato sam nengubo yam, ndaguqa ngamadolo am, ndatwabulula izandla zam ngakuye uyehova, utixo wam,
6
ndati: Tixo wam! ndinentloni ndidanile ukuba ndipakamisele kuwe ubuso bam, Tixo wam! ngokuba inkohlakalo zetu zandele pezulu kwentloko zetu, netyala letu likulele emazulwini.
7
Kuselokwemihla yobawo betu besisetyaleni elikulu kwada kwanamhla nje; nangenxa yenkohlakalo zetu sasinikelwa tina, n okumkani betu, n abaperisite betu, esandleni sokumkani bamazwe, esiṙeleni, nasekutinjweni, nasekupangweni, nasekudaneni kwobuso, njengokuba kunjalo namhla nje.
8
Kodwa kaloku ngexanyana elincinanana ufefe luvele kuyehova, utixo wetu, ukuba sishiyelwe abasindileyo, nokuba sinikwe isikonkwane endaweni yake eyingcwele, ukuze utixo wetu akanyise amehlo etu, asinike impiliso encinane ebukonzini betu.
9
Ngokuba singabakonzi tina; kodwa ebukonzini betu utixo wetu akasishiyanga; utobele pezu kwetu ububele ebusweni bokumkani be‐Peresiya, ukuba asinike impiliso, siyipakamise indlu katixo wetu, sizimise ingcitakalo zayo, nokuba asinike utango kwa‐Juda nase‐Yerusaleme.
10
Sesiya kuti nina kaloku, Tixo wetu! emveni kwoku? ngokuba siyishiyile imiyalelo yako,
11
leyo ubuyiyalela ngezicaka zako abaprofite, usiti: Ilizwe, eniya kulo ukulifuya, lilizwe elinco̔lileyo, ngokunco̔la kwabantu bamazwe, ngento ezibuntshontsho zabo, ekungazo balizalisile kwa kwenye incam kwada kwakwenye ngokunco̔la kwabo.
12
Ngako kaloku, intombi zenu ningazendisi konyana babo, nentombi zabo ningazitabateli onyana benu, ningafuni uxolo lwabo nobutamsanqa babo kude kube ngunapakade: ukuze nomelele, nidle ubumnandi belizwe, nilishiye libe lilifa labantwana benu kude kube ngunapakade.
13
Nasemva kwako konke okusihleleyo, ngenxa yezenzo zetu ezikohlakeleyo, nangenxa yetyala letu elikulu: noko wena. Tixo wetu! usohlwayile ngento engapantsi kwenkohlakalo yetu, wasinika ukusinda okungaka;
14
siya kubuya siyapule imiyalelo yako na, sitshatiselane nabantu bezizinto zibuntshontsho? akuyi kusiqumbela kude kugqityelwe na, kuze kungabiko isisalela nokusinda?
15
Yehova, Tixo wo‐Sirayeli! ulungile wena; ngokuba sisele sisindile, njengokuba kunjalo namhla nje: bona ke, sipambi kwako etyaleni letu; ngokuba singenakuma pambi kwako ngenxa yoku.
← Chapter 8
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 10 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10