bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Zechariah 10
Zechariah 10
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 11 →
1
YICELENI kuyehova imvula ngexesha lemvula yasemva: uyehova uyayenza imibane, nomvumbi wemvula uyawunika kubo, enika kwabanye ngabanye inca ezindleni.
2
Ngokuba iterafi zibe ziteta okungento, nabalauli bebebona ubuxoki; batyela amapupa angendawo, bafumana betutuzela; ngako oko bemka njengegusha, babandezelwa, ngokuba bekungeko umalusi.
3
Ingqumbo yam yavuta ngakubo abalusi, ndababeta abakokeli: koko uyehova wemikosi ekangele umhlambi wake, indlu ka‐Juda, wabenza njengehashe lake elomeleleyo ekulweni.
4
Kwovela kuye ilitye legumbi, kwovela kuye isikonkwane, kwovela kuye isipeta sokulwa; kwopuma kuye bonke abapati kwa kunye.
5
Boba njengamagoṙa anyatelayo intshaba eludakeni lwezitarate ekulweni; babeya kulwa, ngokuba uyehova enabo, nabakweli bamahashe baya kudaniswa.
6
Kanjalo ndiya kuyomeleza indlu ka‐Juda, nendlu ka‐Josefe ndoyisindisa; ndobuya ndibahlalise, ngokuba ndinenceba kubo; babeya kuba njengokungati bendingabalahlanga; ngokuba mna Yehova ndi ngutixo wabo, ndandiya kubapulapula.
7
No‐Frayime bona boba njengoligoṙa; intliziyo yabo yovuya, njeng abasela iveyine; ewe, abantwana babo bobona, bavuye ke; intliziyo yabo yogcoba kuyehova.
8
Ndobalozela, ndibabute, ngokuba ndibakulule; babeya kwanda, njengokuba bebesanda pambili.
9
Nakuba ndibahlwayele pakati kwezizwe, baya kundikumbula noko emazweni akude; babeya kupila kunye nabantwana babo, babuye ke.
10
Ngokuba ndiya kubabuyisa elizweni le‐Jipete, ndibabute nase‐Asiriya; ndandiya kubazisa elizweni le‐Gileyadi ne‐Lebanone, kodwa aliyi kubanela.
11
Waeya kuwela ulwandle ngosizi, awabete amaza pakati kwolwandle, nazo zonke inzulu zomlambo ziya kwoma; ir̔atshi le‐Asiriya liya kuhliswa pantsi, nentonga ye‐Jipete iya kumka.
12
Ndandiya kubomeleza ngoyehova, nasegameni lake baya kuhambahamba, utsho uyehova.
← Chapter 9
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 11 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14