bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Zechariah 11
Zechariah 11
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 12 →
1
ZIVULE, Lebanone! ingcango zako, uze umlilo utshise isedare zako.
2
Lila, wena beroshe! ngokuba isedare iwile, ngokokuba amangangamsha eci̔tiwe; lilani, nina ziyeke zase‐Bashane! ngokuba ihlati elinqatyisiweyo lihlile pantsi.
3
Kuko ilizwi lokulila kwabalusi, ngokuba ubungangamsha babo buci̔tiwe: kuko ilizwi lokukonya kwengonyama ezintsha, ngokuba ir̔atshi le‐Yoredane lici̔tiwe.
4
Utsho uyehova, utixo wam, ukuti: Yalusa igusha zokuxe̔lwa;
5
abati abafuyi bazo bazixe̔le, kodwa abanikwa ityala; nabo abatengisa ngazo, bonke bati: Makadunyiswe uyehova, ndityetyisiwe nje! nabalusi bazo, akuko namnye onenceba ngakuzo.
6
Ngokuba ndingayi kubuya ndibe nenceba ngakubo abemi belizwe, utsho uyehova; kodwa bona ke, ndiya kunikela amadoda amanye ngamanye esandleni sommelwane wawo, nasesandleni sokumkani wawo: babeya kuci̔takalisa ilizwe, ndaye ndingayi kuwahlangula esandleni sabo.
7
Ndazalusa igusha zokuxe̔lwa, igusha ezilusizi kunene! Ndaza ndazitabatela intonga zambini; enye ndayibiza ngokuti lufefe; nenye ndayibiza ngokuti zimbopelelo; ndazalusa igusha ke.
8
Kanjalo abalusi abatatu ndabanqamla pakati kwenyanga nye; wati umpefumlo wam wabacapukela, wati nompefumlo wabo wanditiya.
9
Ndaza ndati: Andiyi kunalusa: leyo iza kufa, maife; naleyo iza kunqanyulwa, mainqanyulwe; neziseleyo, maiti enye idle inyama yenye.
10
Ndaza ndayitabata intonga yam elufefe, ndayinqumla kubini, ukuze ndilwapule ucebano lwam endibe ndilwenzile nabantu bonke.
11
Lwaye lusapulwa ngalomhla; zaza igusha ezilusizi kunene, ezandilumkelayo, zakwazi ukuba lilizwi likayehova.
12
Ndaye ndisiti kubo: Ukuba kulungile emehlweni enu, nikani umvuzo wam; ukuba aku lungile, niyeke. Bandula balinganisela umvuzo wam amaqosha esilivere angamashumi matatu.
13
Waza uyehova wati kum: Yiposele kumbumbi, — inani elikulu nje endenzelwayo inani ngabo! Ndaza ndatabata lomaqosha esilivere engamashumi matatu, ndayiposela endlwini kayehova, kumbumbi.
14
Ndandula ndayinqumla kubini intonga yam yesibini, ezimbopelelo, ukuze ndiqipule ubuzalwana pakati kwo‐Juda no‐Sirayeli.
15
Wayesiti uyehova kum: Yiti kanjako uzitabatele impahla zomalusi osidenge.
16
Ngokuba, bona ke, ndiya kuvusa umalusi elizweni; ezo ziza kunqanyulwa akayi kuya kuzikangela, elahlekileyo akayi kuyifuna, neyapukileyo akayi kuyipolisa, emiyo akayi kuyonga; kodwa uya kuyidla inyama yezityebileyo, nempupu zazo woziṙazula.
17
Kwoba nzima kumalusi ongendawo oshiyayo umhlambi! isiṙele soba pezu kwengalo yake, napezu kweliso lake lokunene; ingalo yake yogqibela ukushwabana, neliso lake lokunene logqibela ukuba luzizi.
← Chapter 10
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 12 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14