bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Zechariah 13
Zechariah 13
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 14 →
1
Ngomhla lowo umtombo wovulelwa indlu ka‐Davide, nabemi base‐Yerusaleme, ngenxa yesono nangenxa yokunco̔la.
2
Kwakuya kuti ngomhla lowo, utsho uyehova wemikosi, ndowanqamla amagama ezitixo elizweni; akasayi kuba sakunjulwa: kanjalo abaprofite nomoya onco̔lileyo ndiya kubemkisa elizweni.
3
Kwakuya kuti, nxa kusaprofitesha umntu, baya kwandula uyise wake nonina wake abamzalayo bati kuye: Akuyi kudla ubomi; ngokuba uteta ubuxoki egameni likayehova: kanjako uyise wake nonina wake abamzalayo baya kumhlaba nxa aprofiteshayo.
4
Kwakuya kuti ngomhla lowo, abaprofite baya kudana, abanye ngabanye ngenxa yomboniso wabo, nxa baprofiteshayo; baye bengayi kuyambata ingubo yoboya ukuze baxokise.
5
Kodwa uya kuti: Andinguye umprofite, ndingolimayo umhlaba mna; ngokuba ndikonzisiwe ngabantu kuselokwa sebutsheni bam.
6
Kwakuya kutiwa kuye: Ayinina amanxeba la ezandleni zako? Waeya kuti: Ngalawo bendilinyazwa ngawo endlwini yezihlobo zam.
7
VUKA, siṙele! ngakuye umalusi wam, nangakuyo indoda elikolwane lam, utsho uyehova wemikosi: beta umalusi, zaziya kuci̔twa igusha; kodwa ndiya kubuyisela isandla sam ngakuzo ezincinane.
8
Kwakuya kuti kulo lonke ilizwe, utsho uyehova, zonqanyulwa izahlulo zibini ezikulo, zibube ke; kodwa isahlulo sesitatu siya kusala kulo.
9
Ndandiya kungenisa esesitatu isahlulo emlilweni, ndibacokise njengokuba icokiswa isilivere, ndibalinge njengokuba ilingwa igolide; sona siya kubiza egameni lam, nam ndiya kusipulapula; ndoti mna: Singabantu bam; soti sona: Uyehova ngutixo wam.
← Chapter 12
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 14 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14