bible
ra
🌐 Language
English
Español
Français
Deutsch
Português
Italiano
Nederlands
Русский
中文
日本語
한국어
العربية
Türkçe
Tiếng Việt
ไทย
Indonesia
All Languages
Home
/
Xhosa
/
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
/
Zechariah 12
Zechariah 12
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 13 →
1
UMGWEBO welizwi likayehova ngo‐Sirayeli: Uti uyehova, owatwabulula amazulu, owabeka ukuseka kwomhlaba, owadala umoya womntu pakati kwake:
2
Bona ke, ndiya kuyenza i‐Yerusaleme indebe yesizunguzane kubo bonke abantu abangqongayo: kwoba njalo nako‐Juda, ekuvingcelweni kwe‐Yerusaleme.
3
Kwakuya kuti ngomhla lowo, ndoyenza i‐Yerusaleme ilitye elisindayo kubo bonke abantu; bonke abaya kulifunqula bogetyulwa kakulu: noko, ziya kuhlanganisana ngakuyo zonke izizwe zomhlaba.
4
Ngomhla lowo, utsho uyehova, ndiya kubeta onke amahashe ngokuti nqa, nabakweli bawo ngobugeza; kodwa pezu kwendlu ka‐Juda ndiya kuvula amehlo am, nawo onke amahashe ezizwe ndowabeta ngobumfama.
5
Kanjalo inkosi zakwa‐Juda zoti entliziyweni yazo: Amandla am ngabemi base‐Yerusaleme, ngaye uyehova wemikosi, utixo wabo.
6
Ngomhla lowo ndiya kuzenza inkosi zakwa‐Juda zibe njengeziko lomlilo pakati kwenkuni, nanjengesibane somlilo esitungwini; zaziya kubadla bonke abantu abangqongayo, ngasekunene nangasekohlo; ngokuba i‐Yerusaleme iya kubuya ihlale endaweni yayo e‐Yerusaleme.
7
Waye uyehova eya kusindisa intente zakwa‐Juda kuqala, ukuze ubungcwalisa bendlu ka‐Davide, nobungcwalisa babemi base‐Yerusaleme, bungenzwa bukulu ngapezu kwo‐Juda.
8
Ngomhla lowo uyehova wobakusela abemi base‐Yerusaleme; aze oku̔bekayo pakati kwabo ngomhla lowo abe njengo Davide, nendlu ka‐Davide ibe njengotixo, njengengelosi kayehova pambi kwabo.
9
Kwakuya kuti ngomhla lowo, ndiya kufuna ukutshabalalisa zonke izizwe ezizayo ngakuyo i‐Yerusaleme.
10
Koko ndiya kugalela pezu kwendlu ka‐Davide, napezu kwabemi base‐Yerusaleme, umoya wofefe nowezitaṙnziso, babeya kukangela kum, lowo bamhlabileyo, benze isijwili pezu kwake, njengesijwili esenz elwa okupela kwomntwana, babe nobuṙaṙa ngenxa yake, njengokuba kunobuṙaṙa ngenxa yowamazibulo.
11
Ngomhla lowo kwobako isijwili esikulu e‐Yerusaleme, njengesijwili se‐Hadadrimone emhlanjeni wase‐Megido.
12
Ilizwe liya kusenza isijwili, izizalwane zizodwa ezinye ngezinye; isizalwane sendlu ka‐Davide sisodwa, nabafazi babo bebodwa; isizalwane sendlu ka‐Natane sisodwa, nabafazi babo bebodwa;
13
isizalwane sendlu ka‐Levi sisodwa, nabafazi babo bebodwa; isizalwane sika Shimehi sisodwa, nabafazi babo bebodwa;
14
zonke izizalwane eziseleyo, izizalwane zizodwa ezinye ngezinye, nabafazi babo bebodwa.
← Chapter 11
Jump to:
Chapter 1
Chapter 2
Chapter 3
Chapter 4
Chapter 5
Chapter 6
Chapter 7
Chapter 8
Chapter 9
Chapter 10
Chapter 11
Chapter 12
Chapter 13
Chapter 14
Chapter 13 →
All chapters:
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14